Izibhalo
3 Nifayi 8


Isahluko 8

Uqhwithela, iinyikima, imililo, izitshingitshane, neentlekele zendalo zingqinela ukubethelelwa emnqamlezweni kukaKrestu—Abantu abaninzi bayatshatyalaliswa—Ubumnyama bugubungela ilizwe kangangeentsuku ezintathu—Abo baseleyo balilela ukufa kwabo. Malunga E.K. 33–34.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba ngokwembali yethu, kwaye sazi imbali yethu iyinyani, kuba qaphelani, yayiyindoda elungileyo eyaye yayigcina imbali—kuba ngokwenene yaye yenza aimimangaliso emininzi begameni likaYesu; kwaye kwakungekho nayiphina indoda eyayinako ukwenza ummangaliso egameni likaYesu ngaphandle kokuba yayihlanjululwe ngokupheleleyo kubugwenxa bayo—

2 Kwaye ngoku kwenzekile, ukuba kwakungekho mpazamo yenziwayo yile ndoda ekulibaleni ixesha lethu, unyaka awamashumi amathathu anesithathu wawudlule;

3 Kwaye abantu baqalisa ukukhangela ngokuzimisela okukhulu umqondiso obunikiwe ngumprofeti uSamuweli, umLeymenayithi, ewe, ilixa apho kwakuya kubakho aubumnyama kangangethuba leentsuku ezintathu phezu kobuso belizwe.

4 Kwaye kwaqalisa ukubakho iintandabuzo neempikiswano phakathi kwabantu, nangona aimiqondiso emininzi kangako yayinikiwe.

5 Kwaye kwenzekile kunyaka wamashumi amathathu anesine, kuyo inyanga yokuqala, kusuku lwesine lwayo inyanga, kwavuka isaqhwithi esikhulu, esingazange saziwa esinjalo elizweni lonke.

6 Kwaye kwabakho kanjalo uqhwithela olukhulu noloyikekayo; kwaye kwabakho anendudumo eyoyikekayo, kangangokuba yaye byawuzama-zamisa wonke umhlaba ngokungathi wawumalunga nokwahlukana kubini.

7 Kwaye kwakukho imibane eyaye ibukhali ngokugqithisileyo, engazanga yaziwa enjalo elizweni lonke.

8 Kwaye aisixeko saseZarahemla saye sathabatha umlilo.

9 Kwaye isixeko sikaMoronayi saye sazikela enzonzobileni yolwandle, baza abemi baso barhaxwa.

10 Waza umhlaba wanyuselwa phezu kwesixeko saseMoronayiha, kangangokuba endaweni yesixeko kwasuka kwabakho intaba enkulu.

11 Kwaye kwabakho intshabalalo enkulu neyoyikekayo kulo ilizwe elingasemazantsi.

12 Kodwa qaphelani, kwabakho intshabalalo enkulu ngakumbi neyoyikekayo elizweni elingasemantla; kuba qaphelani, bonke ubuso belizwe babujikekile, ngenxa yoqhwithela nezitshingitshane neendudumo nemibane, nokunyikima okukhulu ngokugqithisileyo kwawo wonke umhlaba;

13 Kwaye aiimendo zaziqhekekile, zaza iindlela ezilungeleleneyo zonakala, zaza iindawo ezininzi ezimpuluswa zasuka zabarhabaxa.

14 Kwaye izixeko ezininzi eziqaphelekayo nezibalulekileyo azazizikile, zaza ezininzi zatsha, kwaye ezininzi zashukunyiswa zada izakhiwo zazo zawela emhlabeni, baza abemi bazo babulawa, zaza indawo zasala ziyinkangala.

15 Kwaye kwabakho ezinye zezixeko ezathi zasala; kodwa umonakalo wazo wawumkhulu ngokugqithisileyo, kwaye babebaninzi ababekuzo ababulawayo.

16 Kwaye kwakukho abanye abathi bathwalelwa kude kwisitshingitshane; kwaye apho baya khona akukho mntu waziyo, ngaphandle nje kokwazi okokuba bathwalelwa kude.

17 Baza njalo ubuso bomhlaba bonakaliswa, ngenxa yoqhwithela, neendudumo, nemibane, nokunyikima komhlaba.

18 Kwaye qaphelani, aamatye aqhekeka kubini; ayeqhekekele phezu kobuso bonke bomhlaba, kangangokuba afunyanwa eziingceba ezaphukilelo, kwaye ecandekile kwaye eneentanda, phezu kwabo bonke ubuso belizwe.

19 Kwaye kwenzekile okokuba zakuba iindudumo, nemibane, nesaqhwithi, noqhwithela, nonyikimo lomhlaba zathi zapheza—kuba qaphelani, zaye zathatha kangangethuba aleeyure ezintathu; kwaye kwathiwa ngabanye ilixa labalide ngaphezulu; nangona kunjalo, zonke ezi zinto zinkulu kwaye nezoyikekayo zenziwa kwisithuba esimalunga neeyure ezintathu—kwaye ke qaphelani, kwabakho ubumnyama phezu kobuso belizwe.

20 Kwaye kwenzekile okokuba kwabakho intsunguzi yobumnyama phezu kwabo bonke ubuso belizwe, kangangokuba abemi balo ababengawanga ababenokuwuva bumphunga wobumnyama;

21 Kwaye kwakungenakubakho sikhanyiso, ngenxa yobumnyama namakhandlela, nazitotshi; kwakungenakubakho namililo ibaswayo ngeenkuni zabo ezintle nezome ngokugqithisileyo, ezazinokubanako ukwenza nakuphi na kukonke ukukhanya;

22 Kwaye kwakungekho nakuphina ukukhanya okubonwayo, namlilo, nankazimlo, nalanga, nanyanga, nazinkwenkwezi, kuba zazinjalo ukushinyana iinkungu zobumnyama ezaye ziphezu kobuso belizwe.

23 Kwaye kwenzekile okokuba yaye yathatha akangangeentsuku ezintathu ukuze kungabikho kukhanya kubonwayo; kwaye kwabakho ukulila okukhulu nokubhomboloza nokulila phakathi kwabo bonke abantu ngamaxesha onke; ewe, zabankulu iincwina zabantu, ngenxa yobumnyama nentshabalalo enkulu eyathi yabafikela.

24 Kwaye kwindawo enye baviwa bekhala, besithi: Owu akwaba besiguqukile ngaphambi kwale mini inkulu neyoyikekayo, kwaye ke abazalwana bethu ngebesindile, kwaye ngebengatshelanga kwesa sixeko sikhulu aiZarahemla.

25 Kwaye kwenye indawo baviwa bekhala kwaye belila, besithi: Owu akwaba besiguqukile ngaphambi kwale mini inkulu neyoyikekayo, kwaye singababulalanga saza sabaxuluba ngamatye abaprofeti, kwaye sabakhuphela ngaphandle; ke ooma neentombi zethu ezintle, nabantwana bethu ngebesindile, kwaye bengangcwatyelwanga kwesa sixeko sikhulu iMoronayiha. Kwaye zazinjalo ke izibhombolozo zabantu ukuba zikhulu nokoyikeka.