Izibhalo
3 Nifayi 15


Isahluko 15

UYesu wazisa okokuba umthetho kaMoses uzalisekisiwe Ngaye—AmaNifayithi azezinye izimvu awathi wathetha ngazo eYerusalem—Ngenxa yobugwenxa, abantu beNkosi eYerusalem abazi ngezimvu ezasasazwayo zikaSirayeli. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ephezile ngezi ntetha wawaphosa amehlo akhe macala onke kuso isihlwele, waza wathi kuso: Qaphelani, nizivile izinto endazifundisayo phambi kokuba ndinyukele kuBawo; ke ngoko, nabani na ozikhumbulayo ezi ntetha zam aze aazenze, yena ndiya bkumvusa ngomhla wokugqibela.

2 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi waqwalasela okokuba kwakukho abanye phakathi kwabo abakhwankqiswayo, kwaye bamangaliseka ngoko wayeza kukwenza malunga anomthetho kaMoses; kuba abazange bayiqonde intetha yokokuba izinto ezindala zidlule, nokokuba zonke izinto zisuke zabantsha.

3 Waza wathi kubo: Musani ukumangaliswa ukuba ndithe kuni izinto ezindala zidlule, nokokuba zonke izinto zisuke zabantsha.

4 Qaphelani, nditsho kuni ukuthi aumthetho uzalisekisiwe owawunikelwe kuMoses.

5 Qaphelani, andinguye owanika umthetho, kwaye ndinguye owanqophisana nabantu bam uSirayeli; ke ngoko, umthetho ngam uzalisekisiwe, kuba ndize ukuza bkuzalisekisa umthetho; ke ngoko uphelisiwe.

6 Qaphelani, aandibatshabalalisi abaprofeti, kuba kangangobuninzi bazo ezingekazalisekiswa ngam, inene ndithi kuni, zonke ziya kuzalisekiswa.

7 Kwaye ngenxa yokuba nditshilo kuni ukuthi izinto zakudala zidlule, andikutshabalalisi oko bekuthethiwe malunga nezinto ezisezayo.

8 Kuba qaphelani, aumnqophiso endiwenzileyo kunye nabantu bam awuzalisekiswanga wonke; kodwa umthetho owawunikwe kuMoses uphelisiwe ngam.

9 Qaphelani, ndim aumthetho, bnokukhanya. Khangelani kum, kwaye ninyamezele kude kube sesiphelweni, kwaye niya ckuphila; kuba kulowo dunyamezelayo kude kube sesiphelweni ndiya kumnika ubomi obungunaphakade.

10 Qaphelani, ndininikile aimiyalelo; ke ngoko gcinani imiyalelo yam. Kwaye lo ngumthetho nabaprofeti, kuba ngokwenene bbangqina ngam.

11 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi, wathi kwelo shumi linambini awayelinyulile:

12 Nina ningabafundi bam; kwaye nikukukhanya kubo aba bantu, bayintsalela yendlu akaYosefu.

13 Kwaye qaphelani, eli alilizwe lelifa lenu; kwaye uBawo ulinikele kuni.

14 Kwaye akakhange nangaliphi na ilixa uBawo andinike umyalelo wokokuba amandiyithethe kubazalwana benu abaseYerusalem.

15 Engakhange nangaliphi na ilixa uBawo andinike umyalelo wokokuba mandithethe kubo malunga anezinye izizwe zendlu kaSirayeli, awathi uBawo wazikhokelela kude zaphuma kulo ilizwe.

16 Kukangaka awathi uBawo wandiyalela kona, okokuba mandixele kubo:

17 Okokuba ezinye izimvu ndinazo ezingezizo ezobubuhlanti; nazo kanjalo kufuneka ndizizise kwaye ziya kuliva izwi lam; kwaye kuya kubakho ubuhlanti obunye, anomalusi omnye.

18 Kwaye ngoku, ngenxa yokuqina kweentamo nokungakholwa aabazanga baliqonda ilizwi lam; ke ngoko ndayalelwa nguBawo ukuba ndingaphindi ndithethe malunga nale nto kubo.

19 Kodwa inene, nditshilo kuni ukuthi uBawo undiyalele, kwaye ndiyithetha kuni, into yokokuba nahlukaniswa nisuke phakathi kwabo ngenxa yobugwenxa babo; ke ngoko kungenxa yobugwenxa babo ukuba bengazi ngani.

20 Kwaye inene, nditsho kuni kwakhona ukuthi ezinye izizwe uBawo uzohlukanisile kubo; kwaye kungenxa yobugwenxa babo ukuba bengazi ngazo.

21 Kwaye inene nditsho kuni, ukuthi ningabo abo endathi ngabo: aEzinye izimvu ndinazo ezingezizo ezalo mhlambi; nazo kanjalo kufuneka ndizizise, kwaye ziya kuliva izwi lam; kwaye kuya kubakho umhlambi omnye, nomalusi omnye.

22 Kwaye abazange bandiqonde, kuba babecinga ukuba azazingabeeNtlanga; kuba babengaqondi ukuba abeeNtlanga kwakufanele bbaguquke ngokushumayela kwabo.

23 Kwaye abazange bandiqonda xa ndandisithi ziya kuliva izwi lam; kwaye abazange bandiqonde okokuba aabeeNtlanga akufanele nangaliphi na ilixa balive izwi lam—okokuba akufanele ndizibonakalise kubo ngaphandle kokuba kube bkungoMoya oyiNgcwele.

24 Kodwa qaphelani, nina kunye nilivile aizwi lam, kwaye nandibona; kwaye nizizimvu zam, kwaye nibalelwa phakathi kwezo uBawo athe bwandinika zona.