Izibhalo
3 Nifayi 14


Isahluko 14

UYesu uyayalela: Ningagwebi; celani kuThixo; lumkelani abaprofeti bobuxoki—Uthembisa usindiso kwabo benza ukuthanda kukaBawo—Thelekisa noMateyu 7. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi waguqukela kwakhona kuso isihlwele, kwaye waye wawuvula umlomo wakhe kuso kwakhona, esithi: Inene, inene, ndithi kuni, aNingagwebi, ukuze nani ningagwetywa.

2 aKuba ngesigwebo enigweba ngaso, nani niya kugwetywa ngaso; kwaye ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, kuya kulinganiselwa ngawo kuni kwakhona.

3 Kwaye kungani ukuba ubone isibi esiselisweni lomzalwana wakho, kodwa ungawugqali umqadi okwelakho iliso?

4 Okanye uya kutsho njani kumzalwana wakho: Ndivumele ndisitsale isibi siphume elisweni lakho—kwaye qaphela, umqadi ukwelakho iliso?

5 Mhanahanisindini, kuqala khupha aumqadi uphume kwelakho iliso; uze ke ubone ngokucacileyo ukuze usikhuphe isibi siphume elisweni lomzalwana wakho.

6 Musa ukunikela loo nto aingcwele ezinjeni, ungaziphosi iiperile zakho phambi kweehagu, hleze zizinyathele phantsi kweenyawo zazo, zize ziguquke kwakhona zize zikuqwenge.

7 aCela, kwaye uya kunikwa; funa, kwaye uya kufumana; nkqonkqoza, kwaye uya kuvulelwa.

8 Kuba wonke ocelayo, uyafumana; kwaye nalowo ufunayo, uyafumana; kwaye nakuye lowo unkqonkqozayo, kuya kuvulwa.

9 Okanye yeyiphi na indoda kuni, eya kuthi, ukuba unyana wayo ucela isonka, imnike ilitye?

10 Okanye ukuba ucela intlanzi, ingaba iya kumnika inyoka?

11 Ukuba ke nina, ekubeni ningabangendawo, niyakwazi ukunika izipho ezilungileyo kubo abantwana benu, kuya kubangaphezulu kangakanani kuYihlo osezulwini ukunika izinto ezilungileyo kwabo bacelayo kuye?

12 Ke ngoko, zonke izinto nantonina onqwenela okokuba abantu bazenze kuwe, ayenza nawe kwangokunjalo kubo, kuba lo ngumthetho nabaprofeti.

13 Ngena angesango elimxinwa; kuba libanzi isango, kwaye biphangalele nendlela ekhokelela kwintshabalalo, kwaye baninzi abo bahamba ngayo;

14 Ngenxa yokuba aisango limxinwa, kwaye bnendlela icuthene, ekhokelela ebomini, kwaye cbambalwa abo balifumanayo.

15 Lumkela aabaprofeti abobuxoki, abeza kuni benxibe iingubo zeegusha, kodwa ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

16 Niya kubaqonda ngeziqhamo zabo. Ingaba abantu babutha iidiliya emithaneni yameva, okanye amakhiwane ezinkunzaneni?

17 Kwangokunjalo wonke umthi olungileyo uvelisa isiqhamo esihle; kodwa umthi owonakeleyo uvelisa isiqhamo esibi.

18 Umthi olungileyo awunako ukuvelisa isiqhamo esibi, nomthi owonakeleyo ungenako ukuvelisa isiqhamo esihle.

19 Wonke umthi aongavelisi siqhamo sihle ugawulelwa phantsi, uze uphoswe emlilweni.

20 Ngako oko, angeziqhamo zabo niya kubaqonda.

21 Asinguye wonke umntu othi kum, Nkosi, Nkosi, oya kungena ebukumkanini bezulu; kodwa lowo ukwenzayo ukuthanda kukaBawo osezulwini.

22 Abaninzi baya akuthi kum ngaloo mhla: Nkosi, Nkosi, asiprofethanga na egameni lakho, saza egameni lakho sakhuphela ngaphandle oomtyholi, saza egameni lakho senza imisebenzi emininzi emangalisayo?

23 Kwaye ke ndiya kuthi kubo: Andizange andanazi; bmkani kum, nina nisebenza ngobutshinga.

24 Ke ngoko, nabani na ozivayo ezi ntetha zam aze azenze, ndiya kumfanekisa nendoda esisilumko, eyayakhela indlu yayo phezu akolwalwa

25 Yaza aimvula yehla, zaza nezikhukula zeza, yaza nemimoya yavuthuza, yaza yabetha phezu kwayo loo ndlu; yaza bayawa, kuba yayakhelwe phezu kolwalwa.

26 Kwaye wonke ubani ozivayo ezi ntetha zam aze angazenzi uya kufanekiswa nendoda esisiyatha, eyayakhela indlu yayo phezu akwentlabathi

27 Yaza imvula yehla, zaza izikhukula zeza, yaza imimoya yavuthuza, yaza yabetha phezu kwayo loo ndlu; yaza yawa, kwaza kwaba kukhulu ke ukuwa kwayo.