Izibhalo
3 Nifayi 17


Isahluko 17

UYesu uyalela abantu ukuba bawacinge nzulu amazwi Akhe baze bathandazele ingqiqo—Uphilisa abagulayo babo—Uthandazela abantu, esebenzisa ulwimi olungenako ukubhalwa—Iingelosi ziyabalungiselela uze umlilo urhangqe iintsana zabo. Malunga E.K. 34.

1 Qaphelani, ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi wakhangela macala onke kwakhona kuso isihlwele, waza wathi kuso: Qaphelani, ailixa lam selikufuphi.

2 Ndiyaqonda okokuba nibuthathaka, nokokuba aninako aukuwaqonda onke amazwi am endiwayalelwe nguBawo ukuba ndiwathethe kuni ngalo eli lixa.

3 Ke ngoko, hambani niye emakhayeni enu, nize anicinge nzulu ngezinto endithe ndazithetha, nize nibuze kuBawo, egameni lam, ukuze nibe nokuqonda, kwaye bnizilungiselele cingomso iingqondo zenu, kwaye ndiyeza kuni kwakhona.

4 Kodwa ngokwalokunje andiya kuBawo, kananjalo bnokuzibonakalisa kuzo cizizwe ezilahlekileyo zikaSirayeli, kuba azilahlekanga kuye uBawo, kuba uyazi apho azithabathele khona.

5 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ethethe njalo, wawaphosa amehlo akhe macala onke kwakhona kuso isihlwele, waza wasibona sisezinyembezini, kwaye saye sakhangela kuye ngenzondelelo ngokungathi singamcela ukuba ahlale ithutyana elidana kunye naso.

6 Waza wathi kuso: Qaphelani, izibilini zam zizele ayimfesane ngakuni.

7 Ingaba ninabo na abagulayo phakathi kwenu? Baziseni ngapha. Ingaba ninabo na abaziziqhwala, okanye abazimfama, abazizilima okanye abalimeleyo, okanye abaneqhenqa, okanye abashwabene amalungu omzimba, okanye abazizithulu, okanye ababandezeleke nangaluphi na uhlobo? Baziseni ngapha kwaye ndiza kubaphilisa, kuba ndinemfesane ngani; izibilini zam zizaliswe yinceba.

8 Kuba ndiyabona ukuba ninqwenela okokuba ndinganibonisa oko ndikwenzileyo kubazalwana benu abaseYerusalem, kuba ndiyabona okokuba aukholo lwenu blwanele lokokuba ndinganiphilisa.

9 Kwaye kwenzekile okokuba akuba ethethe njalo, sonke isihlwele, ngamxhelo mnye, saye sabheka phambili kunye nabagulayo baso nababandezelekileyo baso, neziqhwala zaso, kunye neemfama zaso, kunye nezimumu zaso, kunye nabo bonke abo babandezeleke nangaluphi na uhlobo; kwaye waye awabaphilisa bonke njengokuba babesiziswa ngaphambili kuye.

10 Kwaye baye bonke, kunye abo babephilisiwe nabo babesempilweni, baqubuda phantsi ezinyaweni zakhe, kwaye baye bamnqula; kwangobuninzi babo abo babenako ukuza kuba isihlwele saye asazanga iinyawo zakhe, kangangokuba saye sazihlamba iinyawo zakhe ngeenyembezi zaso.

11 Kwaye kwenzekile okokuba wayalela okokuba aiintsana zabo maziziswe.

12 Ke bazizisa iintsana zabo baze bazibeka phantsi emhlabeni macala onke kuye, waza uYesu wema embindini; saza isihlwele savula indlela bada bonke baba bazisiwe kuye.

13 Kwaye kwenzekile okokuba bakuba bonke bezisiwe, waza uYesu wema embindini, wasiyalela isihlwele ukuba asiguqe phantsi emhlabeni.

14 Kwaye kwenzekile okokuba sakuba siguqile emhlabeni, uYesu wancwina ngaphakathi kuye, waza wathi: Bawo, andikhathazekile ngenxa yenkohlakalo yabantu bendlu kaSirayeli.

15 Waza akuba ewathethile la mazwi, yena ngokwakhe kanjalo waguqa emhlabeni; kwaye qaphelani wathandaza kuye uBawo, kwaye izinto ezo awayezithandazela azinako ukubhalwa, kwaye isihlwele esamvayo saye sanika ubungqina.

16 Kwaye banika ubungqina ngolu hlobo: aIliso alizange labona, kwaye nendlebe ingazange yeva, ngaphambili, izinto ezinkulu kangaka nezimangalisayo njengokuba sambonayo kwaye samva uYesu ethetha kuBawo;

17 Kwaye akukho alwimi lunokuthetha, kungenako nakubhalwa nangowuphi na umntu, zingenako neentliziyo zabantu ukuziqiqa izinto ezinkulu kangako nezimangalisayo njengokuba sambonayo kwangokunjalo samva uYesu ethetha; kwaye akukho namntu unokuqiqa ngovuyo olwazalisa imiphefumlo yethu ngelixa sasimva esithandazela kuBawo.

18 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ephezile ukuthandaza kuBawo, waphakama; kodwa lwabalukhulu kakhulu auvuyo lwaso isihlwele kangangokuba sasoyisakele.

19 Kwaye kwenzekile okokuba uYesu wathetha naso, waza wasiyalela ukuba siphakame.

20 Saza saphakama sasuka emhlabeni, waza wathi kuso: Nisikelelekile ngenxa yokholo lwenu. Kwaye ngoku qaphelani, uvuyo lwam luzele.

21 Kwaye akuba ewathethile la mazwi, awalila, kwaye isihlwele sinika ubungqina ngayo, waza wazithabatha iintsana zaso, nganye nganye, waza bwazisikelela, waza wazithandazela kuBawo.

22 Kwaye akuba ekwenzile oku walila kwakhona;

23 Waza wathetha naso isihlwele, waza wathi kuso: Qaphelani iintsana zenu.

24 Kwaye njengokuba sasikhangela ukuze siqaphele saye saphosa amehlo aso ngasezulwini, saza sawabona amazulu evuleka, saza sazibona iingelosi zisihla ziphuma ezulwini ngokungathi kwakusembindini womlilo; zaza zehlela ezantsi zaza azazingqonga ezo ntsana ngapha nangapha, kwaye zangqongwa ngapha nangapha ngomlilo; kwaye iingelosi zaye zabalungiselela.

25 Kwaye isihlwele saye sabona kwaye seva saza sanika ubungqina; kwaye siyazi okokuba ubungqina baso buyinyani kuba xa bebonke baye babona kwaye beva, wonke umntu ngokwakhe; kwaye ngenani sasimalunga namawaka amabini namakhulu amahlanu emiphefumlo; kwaye saye sinamadoda, abafazi, nabantwana.