Izibhalo
3 Nifayi 25


Isahluko 25

EkuBuyeni kweSibini, abanekratshi nabakhohlakeleyo baya kutshiswa njengeendiza—UEliya uya kubuya ngaphambi kwaloo mhla mkhulu nowoyikekayo—Thelekisa noMalaki 4. Malunga E.K. 34.

1 Kuba qaphelani, umhla uyeza oya akutshisa njengeziko; kwaye bonke babanekratshi, ewe, nabo bonke abo benza ngenkohlakalo, baya kuba ziindiza; kwaye umhla ozayo uya kubatshisa baphele, itsho iNkosi yemiKhosi, ukuze ingabashiyi nazingcambu nasebe.

2 Kodwa kuni nina niloyikayo igama lam, auNyana woBulungisa uya kuphakama enokuphilisa emaphikweni akhe; kwaye niya kubheka phambili nize bnikhule cnjengamankonyane esitalini.

3 Kwaye niya akubanyathelela phantsi abakhohlakeleyo; kuba baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu ngomhla endiya kuthi ndikwenze oku, itsho iNkosi yemiKhosi.

4 Khumbulani nina umthetho kaMoses, isicaka sam, endawuyalela kuye aeHorebhe ndiwuyalela uSirayeli wonke, kunye nemimiselo nezigwebo.

5 Qaphelani, ndiya kunithumelela auEliya umprofeti ngaphambi kokufika bkomhla omkhulu nowoyikekayo weNkosi;

6 Kwaye uya akuyijikela intliziyo yoobawo ebantwaneni, nentliziyo yabantwana kooyise, hleze ndifike ndize ndiwohlwaye umhlaba ngesiqalekiso.