Izibhalo
3 Nifayi 22


Isahluko 22

Ngemihla yokugqibela, iZiyon neziteyki zayo iya kumiselwa, kwaye uSirayeli uya kuhlanganiselwa ngaphakathi ngenceba nobubele—Baya koyisa—Thelekisa noIsaya 54. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye ke oko kubhaliweyo kuya kwenzeka: Vuma ingoma, Owu dlolokazi, wena ungakhange uzale; gqabhukela aekuvumeni ingoma, uze udandulukele kakhulu, wena ungakhange ube nanimba yakuzala; ngenxa yokuba bangaphezulu abantwana bedlolokazi kunabantwana bomfazi otshatileyo, itsho iNkosi.

2 Yandise indawo yentente yakho, uze ubavumele bayitwabulule imidiyadiya yeendawo zakho zokuhlala, ungoyikiseli, zolule iintambo zakho uze womeleze aiziteyki zakho;

3 Kuba uya kugqobhozela phambili ngakwisandla sokunene kwaye nangasekhohlo, kwaye imbewu yakho iya kubazuza njengelifa aabeeNtlanga kwaye wenze ukuba eziyinkangala izixeko zihlalwe.

4 Musa ukoyika, kuba akuyi kuhlaziswa; ungasayi kubhidaniswa, kuba akuyi akuhlaziswa; kuba uya kulilibala ihlazo lobutsha bakho, kwaye akuyi kulikhumbula ihlazo lobutsha bakho, kwaye akusayi kuphinda ulikhumbule ihlazo lobuhlolokazi bakho.

5 Kuba umenzi wakho, umyeni wakho, iNkosi yemiKhosi ligama lakhe; kwaye uMkhululi wakho, OyiNgcwele kaSirayeli—uThixo wawo wonke umhlaba uya kubizwa njalo.

6 Kuba iNkosi ikubizile njengomfazi olahliweyo kwaye nolusizi emoyeni, nomfazi wobutsha, ngelixa lokwaliwa, utsho uThixo wakho.

7 Okomzuzwana bendikulahlile, kodwa ngeenceba ezinkulu ndiya kukubutha.

8 Ngengqumbo encinane ndabufihla ubuso bam kuwe okwethutyana, kodwa ngobubele obungunaphakade ndiya kuba anemfesane kuwe, itsho iNkosi uMkhululi wakho.

9 Kuba aoku, kunje bngamanzi kaNowa kum, kuba njengoko ndifungile okokuba amanzi kaNowa awanakube aphinde awugubungele umhlaba, ngokunjalo ndifungile okokuba andingekhe ndicatshukiswe nguwe.

10 Kuba aiintaba ziya kumka zize iinduli zishenxiswe, kodwa ububele bam abusayi bkumka kuwe, nomnqophiso woxolo lwam ungasayi kushenxiswa, itsho iNkosi leyo inemfesane ngawe.

11 Owu wena ubandezelekileyo, untlitheka luqhwithela, nongathuthuzelwanga! Qaphela ndiya kuwabeka aamatye akho ngemibala emihle, ndize ndisibeke isiseko sakho ngeesafire.

12 Ndize ndizenze iifestile zakho ngeogeyithi, entle kwaye namasango akho ngeekharbankile ezintle ezibengezelayo, kwaye yonke imida yakho ngamatye abukekayo.

13 Kwaye abonke abantwana bakho baya kufundiswa yiNkosi; kwaye luya kuba lukhulu uxolo lwabantwana bakho.

14 aNgobulungisa uya kumiselwa; uya kuba kude nengcinezelo ngenxa yokuba wena akusayi koyika, nakulo unkwantyo kuba alusayi kusondela kuwe.

15 Qaphela, ngokuqinisekileyo baya kuhlanganisana kunye ngokuchasene nawe, kungengam; abo baya kuhlanganisana kunye ngokuchasene nawe baya kuwa ngenxa yakho.

16 Qaphela, ndimdalile umkhandi weentsimbi ovuthela amalahle emlilweni, nozisa isixhobo somsebenzi wakhe; kwaye ndimdalile umonakalisi ukuba atshabalalise.

17 Akukho sikhali esenzelwe ukuchasa wena siya kuphumelela; kwaye lonke ulwimi oluya kwenyelisa ngokuchasene nawe ngesigwebo uya kulugweba. Eli lilifa lezicaka zeNkosi, nobulungisa babo buvela kum, itsho iNkosi.