Izibhalo
3 Nifayi 19


Isahluko 19

Abafundi abalishumi elinambini balungiselela kubo abantu baze bathandazele uMoya oyiNgcwele—Abafundi baya bhaptizwa baze bamkela uMoya oyiNgcwele nolungiselelo lweengelosi—UYesu uyathandaza esebenzisa amazwi angenako ukubhalwa—Ungqina ngokholo olukhulu ngokugqithisileyo lwala maNifayithi. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu enyukele ezulwini, isihlwelwe saye sachithakala, waza wonke umntu wathabatha umfazi wakhe nabantwana bakhe kwaye waye wabuyela kwelakhe ikhaya.

2 Kwaye kwaziswa kulo lonke phakathi kwabantu ngoko nangoko, ngaphambi kokuba kube mnyama, okokuba isihlwele simbonile uYesu, nokokuba wasilungiselela, nokokuba uya kuzibonakalisa kanjalo ngengomso kuso isihlwele.

3 Ewe, kwanobusuku bonke kwavakaliswa kulo lonke malunga noYesu; kangangokuba baye bathumela kubo abantu kangangokuba baba baninzi, ewe, inani elikhulu ngokugqithisileyo, laye lasebenza nzima bonke obo busuku, ukuze babenako ngengomso ukuba sendaweni leyo apho uYesu aya kuzibonakalisa khona kuso isihlwele.

4 Kwaye kwenzekile okokuba ngengomso, sakuba isihlwele sihlanganisene kunye, qaphelani, uNifayi nomntakwabo lowo wayemvuse kwelabafileyo, ogama lakhe lalinguTimoti, kananjalo nonyana wakhe, ogama lakhe lalinguYona, kanjalo noMathonayi, noMathonayiha, umntakwabo, noKhumeni, noKhumenonhayi, noYeremiya, noShemnoni, noYona, noZedekiya, noIsaya—ngoku la yayingamagama abafundi awathi uYesu wabonyula—kwaye kwenzekile okokuba babheka phambili baza bema embindini wesihlwele.

5 Kwaye qaphelani, isihlwele sasisikhulu kangangokuba saye sabangela ukuba masahlulwe sibe ziimbumba ezilishumi elinambini.

6 Kwaye abalishumi elinambini baye basifundisa isihlwele; kwaye qaphelani, baye basibangela isihlwele ukuba masiguqe phantsi phezu kobuso bomhlaba, nokokuba masithandaze kuBawo egameni likaYesu.

7 Kwaye abafundi baye bathandaza kuBawo kanjalo egameni likaYesu. Kwaye kwenzekile okokuba baye baphakama baza balungiselela abantu.

8 Kwaye bakuba belungiselele kwangaloo mazwi awathi uYesu wawathetha—kungekho nto yahlukileyo kumazwi awathi uYesu wawathetha—qaphelani, baguqa kwakhona baza bathandaza kuBawo egameni likaYesu.

9 Kwaye baye bathandazela oko babekunqwenela ngakumbi; kwaye babenqwenela okokuba auMoya oyiNgcwele mawunikelwe kubo.

10 Kwaye bakuba bethandaze njalo behla baya enyeleni yamanzi, saza isihlwele sabalandela.

11 Kwaye kwenzekile okokuba uNifayi wehla waya aemanzini waza wamkela ubhaptizo.

12 Waza waphakama waphuma emanzini waza waqalisa ukubhaptiza. Kwaye wabhaptiza bonke abo uYesu wayebanyulile.

13 Kwaye kwenzekile bakuba bonke abebhaptiziwe baze baphume emanzini, uMoya oyiNgcwele waye wawela phezu kwabo, baza bazaliswa bngoMoya oyiNgcwele nangomlilo.

14 Kwaye qaphelani, ababerhanqwe macala onke ngokungathi kungomlilo; kwaye wehla uvela ezulwini, kwaye isihlwele saye sakungqina, saza sanika ubungqina; kwaye iingelosi zaye zehla ziphuma ezulwini zaza zabalungiselela.

15 Kwaye kwenzekile okokuba ngeli lixa iingelosi zazilungiselela abafundi, qaphelani, uYesu weza waza wema embindini waza wabalungiselela.

16 Kwaye kwenzekile okokuba wathetha kuso isihlwele, waza wasiyalela okokuba masiguqe phantsi kwakhona emhlabeni, kananjalo okokuba abafundi bakhe mabaguqe phantsi emhlabeni.

17 Kwaye kwenzekile okokuba bakuba bonke beguqe phantsi emhlabeni, wayalela abafundi bakhe okokuba mabathandaze.

18 Kwaye qaphelani, baqalisa ukuthandaza; kwaye baye bathandaza kuye uYesu, bembiza ngokuba yiNkosi yabo noThixo wabo.

19 Kwaye kwenzekile okokuba uYesu wemka waphuma embindini wabo, waza wahamba umganyana ukusuka kubo waza waqubuda emhlabeni, waza wathi:

20 Bawo, ndiyakubulela ngokuba unikezele uMoya oyiNgcwele kwaba ndibanyulileyo; kwaye kungenxa yokholo lwabo kum ukuze ndibanyule baphume ehlabathini.

21 Bawo, ndiya kuthandaza ukuba unikele uMoya oyiNgcwele kubo bonke abo abaya kukholelwa kumazwi abo.

22 Bawo, ubanikile uMoya oyiNgcwele ngenxa yokuba bekholwa kum; kwaye uyabona okokuba bayakholelwa kum kuba uyabeva, kwaye bathandaza kum; kwaye bathandaza kum ngenxa yokuba ndinabo.

23 Kwaye ngoku Bawo, ndiyabathandazela kuwe, kananjalo nabo bonke abo baya kukholelwa kumazwi abo, ukuze babe nokukholwa kum, ukuze ndibe nokuba kubo anjengokuba wena, Bawo, ukum, ukuze sibe nokuba bbanye.

24 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ethandaze njalo kuye uBawo, weza kubafundi bakhe, kwaye qaphelani, babesaqhubeka, bengaphezi, ukuthandaza kuye; kwaye ababengaphindaphindi mazwi maninzi, kuba babekutyhilelwe oko bmabakuthandazele, kwaye babezele lulangazelelo.

25 Kwaye kwenzekile okokuba uYesu wabasikelela njengokuba babethandaza kuye; kwaye imbonakalo yobuso bakhe yaye yancuma phezu kwabo; kwaye nokukhanya akwembonakalo yobuso bakhe kwaye kwakhazimla phezu kwabo, kwaye qaphelani bbabemhlophe njengembonakalo kananjalo neengubo zikaYesu; kwaye qaphelani ubumhlophe obo baye babugqitha bonke ubumhlophe, ewe, kwanokude kungabikho nto phezu kwalo mhlaba emhlophe kakhulu njengobo bumhlophe.

26 Waza uYesu wathi kubo: Qhubekani nithandaza; nangona kunjalo abaphezanga ukuthandaza.

27 Waza wabafulathela kwakhona, waza wacebuka umganyana omncinane waza waqubuda emhlabeni; waza wathandaza kwakhona kuye uBawo, esithi:

28 Bawo, ndiyakubulela ukuba aubahlambulule abo ndibanyulileyo, ngenxa yokholo lwabo, kwaye ndiyabathandazela, kananjalo nabo baya kukholelwa kumazwi abo, ukuze babe nokuhlanjululwa ngam, ngokholo kumazwi abo, kwanjengokuba nabo behlanjululwe ngam.

29 Bawo, andithandazeli hlabathi, kodwa abo uthe wandinika bona abaphuma ehlabathini, ngenxa yokholo lwabo, ukuze babe nokuhlanjululwa ngam, ukuze ndibe nokuba kubo njengokuba wena, Bawo, ukum, ukuze sibe banye, ukuze ndibe nokuzukiswa ngabo.

30 Kwaye akuba uYesu ewathethile la mazwi weza kwakhona kubo abafundi bakhe; kwaye qaphelani babethandaza ngenzondelelo, bengaphezi, kuye; kwaye waye wabancumela kwakhona; kwaye qaphelani ababemhlophe, kwanjengoYesu.

31 Kwaye kwenzekile okokuba wahamba kwakhona umganyana omncinane waza wathandaza kuye uBawo;

32 Kwaye ulwimi alunako ukuwathetha amazwi awathandazayo, engenako anokubhalwa ngumntu amazwi awawathandazayo.

33 Kwaye isihlwele saye seva kwaye sinika ubungqina; kwaye iintliziyo zaso zazivulekile kwaye saye sawaqonda ezintliziyweni zaso amazwi awathandazayo.

34 Nangona kunjalo, ayengako ukubamakhulu nokumangalisa amazwi awathandazayo kangangokuba awanako ukubhalwa, engenako anokuthethwa ngumntu.

35 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ephezile ukuthandaza weza kwakhona kubafundi, waza wathi kubo: aUkholo olungaka andizange ndalubona phakathi kwawo onke amaYuda; ngako oko ndandingenako ukuwabonisa enamandla kangaka imimangaliso, ngenxa byokungabi nakholo kwawo.

36 Inene ndithi kuni, akukho namnye kuwo owakhe wazibona ezingaka ukubaluleka izinto njengokuba nibonile; engakhange azive ezingaka ukubaluleka izinto njengokuba nivile.