Izibhalo
3 Nifayi 26


Isahluko 26

UYesu ucacisa zonke izinto ukususela ekuqaleni ukuya esiphelweni—Iintsana nabantwana bathetha izinto ezimangalisayo ezingenako ukubhalwa—Abo baseBandleni likaKrestu banezinto zonke ngokufanayo phakathi kwabo. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ezixelile ezi zinto wazicacisa kuso isihlwele, kwaye waye wazicacisa zonke izinto kubo, kunye ezinkulu nezincinane.

2 Waza wathi: aEzi zibhalo, ebeningenazo kuni, uBawo uyalele okokuba mandizinikele kuni; kuba yayibubulumko kuye ukuba mazinikelwe kwizizukulwana zexesha elizayo.

3 Kwaye waye wacacisa zonke izinto, kwanokususela ekuqaleni kude kube lilixa lokuba eya kufika aesebuqaqawulini bakhe—ewe, kwanazo zonke izinto eziya kwenzeka phezu kobuso bomhlaba, kwanokude kube bzizinto eziziqalelo eziya kunyityilikiswa ngobushushu obutshisayo, kwaye nomhlaba uya ckusongwa njengencwadi, kwaye amazulu nomhlaba aya kudlula;

4 Kwanokude kuye akumhla omkhulu nowokugqibela, xa sukuba bonke abantu, nazo zonke izalamane, nazo zonke izizwe neelwimi, ziya bkuma ngaphambi koThixo, ukuba zigwetywe ngemisebenzi yabo, nokuba ilungile okanye nokuba mibi—

5 Ukuba ilungile, ukuya akuvuko lobomi obungunaphakade; ize ukuba mibi, ukuya kuvuko lomgwebo; zinxusene, enye ikwesinye isandla kwaye nenye ikwesinye isandla, ngokwenceba, bnobulungisa, nobungcwele obukuKrestu, cowayekho ngaphambi kokuba ihlabathi liqale.

6 Kwaye kalokunje akunako ukubhalwa kule ncwadi akwanesinye ekhulwini ngezinto athe uYesu ngokwenene wazifundisa kubo abantu;

7 Kodwa qaphelani aamacwecwe kaNifayi aqulethe inxalenye engakumbi yezinto awazifundisa abantu.

8 Kwaye ezi zinto ndizibhalile, ezinyinxalenye enganeno yezinto awathi wazifundisa abantu; kwaye ndizibhale ngenjongo yokuba zibe nokuziswa kwakhona kubo aba bantu, azisuka kwabeeNtlanga, ngokwamazwi uYesu awathethileyo.

9 Kwaye xa sukuba beya kuba bekwamkela oku, okuyimfuneko ukuba babenako kuqala, kukuvavanya ukholo lwabo, kwaye ukuba kuya kwenzeka okokuba baya kuzikholelwa ezi zinto ke, aezona zinto zinentsingiselo enkulu ziya kubonakaliswa kubo.

10 Kwaye ukuba kuya kwenzeka ukuba bangabinakuzikholelwa ezi zinto, ke ezona zinto zinentsingiselo enkulu ziya akufihlwa kubo, ukuya ekugwetyweni kwabo.

11 Qaphelani, bendisele ndiza kuzibhala, zonke ezazikrolwe phezu kwamacwecwe kaNifayi, kodwa iNkosi yakwalela, isithi: Ndiya akuluvavanya ukholo lwabantu bam.

12 Ke ngoko mna, Mormoni, ndibhala izinto endiziyalelweyo yiNkosi. Kwaye ngoku mna, Mormoni, ndiyapheza ngeentetha zam, ndize ndiqhubeke ukubhala izinto endiziyalelweyo.

13 Ke ngoko, ndinga ningaqonda okokuba iNkosi ngokwenene yaye yabafundisa abantu, kangangesithuba seentsuku ezintathu; kwaye emva koko waye awazibonakalisa kubo rhoqo, kwaye waye wasiqhekeza bisonka rhoqo, waza wasisikelela, waza wasinikela kubo.

14 Kwaye kwenzekile okokuba waye wafundisa kwaye walungiselela kubo aabantwana baso isihlwele ebesele kuthethiwe ngaso, kwaye waye bwazikhulula iilwimi zabo, baza bathetha kooyise izinto ezinkulu nezimangalisayo, kwanezinkulu ngaphezulu kunezo wayezityhilile kubo abantu; kwaye wawakhulula amalwimi abo kangangokuba babanakho ukuthetha.

15 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba enyukele ezulwini—isihlandlo sesibini sokuba ebezibonakalisile kubo, kwaye ebemkile ukuya kuBawo, emva kokuba aephilise bonke abagulayo babo, neziqhwala zabo, waze wavula namehlo eemfama zabo waza wavula neendlebe zezithulu kwaye ngokwenene enze lonke uhlobo lokunyanga phakathi kwabo, kwaye evuse umntu kwelabafileyo, kwaye ewabonakalisile amandla akhe kubo, kwaye enyukele kuye uBawo—

16 Qaphelani, kwenzekile ngengomso okokuba isihlwele sahlanganisana kunye, kwaye bababona baza babeva aba bantwana; ewe, akwaneentsana zaye zayivula imilomo yazo zaza zathetha izinto ezimangalisayo; kwaye izinto ezaye zizithetha zalelwa ukuba kubekho nawuphina umntu ozibhalayo.

17 Kwaye kwenzekile okokuba aabafundi abo uYesu wayebanyulile baqalisa ukususela kwelo lixa ukubheka phambili bukubhaptiza nokufundisa abaninzi kangangokuba baye beza kubo; kwaye kangangobuninzi babo abo babhaptizwayo egameni likaYesu bazaliswa ngoMoya oyiNgcwele.

18 Kwaye abaninzi babo babona baza beva izinto ezingathethekiyo, aekungekho mthethweni ukuba zibhalwe.

19 Baza bafundisa, kwaye baye balungiselela omnye komnye; kwaye ababenezinto bonke bngokufanayo phakathi kwabo, wonke umntu esenza ngobulungisa, omnye kunye nomnye.

20 Kwaye kwenzekile okokuba baye benza zonke izinto nanjengokuba uYesu wayebayalele.

21 Kwaye bona abo babebhaptizwe egameni likaYesu babebizwa ngokuba alibandla likaKrestu.