Izibhalo
3 Nifayi 2


Isahluko 2

Inkohlakalo namasikizi ziyanda phakathi kwabantu—AmaNifayithi namaLeymenayithi ayamanyana ukuba azikhusele ngokuchasene nabaphangi bakaGadiyantoni—AmaLeymenayithi aguqukileyo aba mhlophe aze abizwe ngokuba ngamaNifayithi. Malunga E.K. 5–16.

1 Kwaye kwenzekile okokuba ngolo hlobo wadlula kanjalo unyaka wamashumi asithoba anesihlanu, baza abantu baqalisa ukuyilibala loo miqondiso nemimangaliso ababeyivile, baza baqalisa kancinci nakancinci ukungakhwankqiseki kumqondiso okanye kummangaliso ovela ezulwini, kangangokuba baqalisa ukuqaqadeka ezintliziyweni zabo, nokumfameka ezingqondweni zabo, kwaye baqalisa ungakukholelwa kuko konke oko babekuvile kwaye bekubonile—

2 Beqikelela ngento elilize ezintliziyweni zabo, okokuba yayenziwe ngabantu nangamandla kamtyholi, ukulahlekisa anokukhohlisa iintliziyo zabantu; kwaye njalo uSathana waye wazilawula iintliziyo zabantu kwakhona, kangangokuba waye wawamfamekisa amehlo abo waza wabalahlekisela ekubeni bakholelwe okokuba imfundiso kaKrestu yayiyinto yobuyatha nelilize.

3 Kwaye kwenzekile okokuba abantu baqalisa baba nokomelela ngenkohlakalo namasikizi; kwaye babengakholwa okokuba kumele kubekho eminye engakumbi imiqondiso okanye imimangaliso enikwayo; kwaye uSathana waye awahamba-hamba, elahlekisa iintliziyo zabantu, ebahenda kwaye ebabangela okokuba mabenze inkohlakalo enkulu elizweni.

4 Kwaye njalo waye wadlula unyaka wamashumi asithoba anesithandathu; kananjalo unyaka wamashumi asithoba anesixhenxe; kananjalo unyaka wamashumi asithoba anesibhozo; kananjalo unyaka wamashumi asithoba anesithoba;

5 Kananjalo iminyaka elikhulu yadlula ukususela kwimihla akaMozaya, owaye engukumkani phezu kwabantu bamaNifayithi.

6 Kwaye amakhulu amathandathu anesithoba ayedlule ukususela oko uLihayi walishiyayo elaseYerusalem.

7 Kwaye iminyaka esithoba yayidlule ukususela kwilixa xa umqondiso wawunikwa, okwakuthethwe ngawo ngabaprofeti, wokokuba uKrestu kumele eze ehlabathini.

8 Ngoku amaNifayithi aqalisa ukubala ixesha lawo ukusuka kwesi sigaba sexesha xa umqondiso wawunikwa okanye ukususela ekufikeni kukaKrestu; ke ngoko, iminyaka esithoba yayidlule.

9 Kwaye uNifayi, owaye enguyise kaNifayi, owaye egcine iimbali, aakazange abuyele kulo ilizwe laseZarahemla, kwaye akazange abe nokufumaneka kulo lonke ilizwe.

10 Kwaye kwenzekile okokuba abantu baye baqhubeka ukuhlala enkohlakalweni, nangona intshumayelo inininzi nokuprofetha okwakuthunyelwe phakathi kwabo; waza njalo wadlula kanjalo oweshumi unyaka; noweshumi elinanye unyaka kanjalo wadlula ngobugwenxa.

11 Kwaye kwenzekile kunyaka weshumi elinesithathu kwaqalisa ukubakho iimfazwe neembambano kulo lonke ilizwe; kuba abaphangi bakaGadiyantoni basuka baba yintlaninge, kwaye babulala abantu abaninzi kakhulu, baza batshabalalisa izixeko ezininzi kakhulu, baza basasaza ukufa okuninzi nenyhikityha kulo lonke ilizwe, kangangokuba kwaba yimfuneko okokuba abantu, kunye amaNifayithi namaLeymenayithi, mabathabathe izikhali ngokuchasene nabo.

12 Ke ngoko, onke amaLeymenayithi awayeguqukele eNkosini aye amanyana kunye nabazalwana awo, amaNifayithi, aza anyanzeleka, ngenxa yokhuseleko lobomi bawo nabafazi bawo nabantwana bawo, ukuba bathabathe izikhali ngokuchasene nabo baphangi bakaGadiyantoni, ewe, kananjalo nokugcina amalungelo abo, kwanamalungelo awodwa ebandla labo nawonqulo lwabo, anokukhululeka kwabo bnenkululeko yabo.

13 Kwaye kwenzekile okokuba ngaphambi kokuba udlule lo nyaka weshumi elinesithathu amaNifayithi oyikiswa ngentshabalalo epheleleyo ngenxa yale mfazwe, esuke yaba buhlungu ngokugqithisileyo.

14 Kwaye kwenzekile okokuba loo maLeymenayithi awayemanyene kunye namaNifayithi abalelwa phakathi kwamaNifayithi;

15 Saza aisiqalekiso sawo sasuswa kuwo, saza isikhumba sawo saba bmhlophe ngokufanayo namaNifayithi;

16 Baza abafana bawo abaselula neentombi zawo zabantle ngokugqithisileyo, baza babalelwa phakathi kwamaNifayithi, baza babizwa ngokuba ngamaNifayithi. Waza njalo waphela oweshumi elinesithathu unyaka.

17 Kwaye kwenzekile ekuqalekeni konyaka weshumi elinesine, imfazwe phakathi kwabaphangi nabantu bakaNifayi yaye yaqhubeka kwaye yaye yababuhlungu ngokugqithisileyo; nangona kunjalo, abantu bakaNifayi baye bazuza ukongama phezu kwabaphangi, kangangokuba baye babadudulela emva baphuma emihlabeni yabo bangena ezintabeni nakwiindawo zabo ezifihlakeleyo.

18 Waza njalo waphela unyaka weshumi elinesine. Kwaye kunyaka weshumi elinesihlanu baye beza phambili ngokuchasene nabantu bakaNifayi; kwaye ngenxa yenkohlakalo yabantu bakaNifayi, neembambano zabo ezininzi nokreqo, abaphangi bakaGadiyantoni baye bazuza ukongama okuninzi phezu kwabo.

19 Waza njalo waphela unyaka weshumi elinesihlanu, kwaye njalo abantu babekwimeko yeembandezelo ezininzi; kwaye anekrele lentshabalalo laye lajinga phezu kwabo, kangangokuba babesele beza kusikelwa phantsi ngalo, kwaye oku kungenxa yobugwenxa babo.