Izibhalo
3 Nifayi 16


Isahluko 16

UYesu uya kuhambela abanye abasuka kuzo izimvu ezilahlekileyo zikaSirayeli—Ngemihla yokugqibela ivangeli iya kuya kwabeeNtlanga ize ke iye kuyo indlu kaSirayeli—Abantu beNkosi baya kubona ngasonye xa sukuba esizisa kwakhona iZiyon. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye inene, inene, nditsho kuni ukuthi ndinazo anezinye izimvu, ezingekhoyo kweli lizwe, zingekho nakulo ilizwe laseYerusalem, nakuyiphina imimandla kwelo lizwe lirhangqileyo apho bendikho ukuba ndilungiselele.

2 Kuba ezo endithetha ngazo zezo zingekaliva ngokwa kaloku nje izwi lam; ndingakhange nangaliphi na ilixa ndizibonakalise kubo.

3 Kodwa ndifumene umyalelo ovela kuBawo wokokuba ndiza kuya akuzo, nokokuba ziya kuliva izwi lam, kwaye ziya kubalelwa phakathi kwezimvu zam, ukuze kubekho umhlambi omnye nomalusi omnye; ke ngoko ndiyahamba ukuya kuzibonisa kuzo.

4 Kwaye ndiniyalela okokuba niya kuzibhala ezi antetha emva kokuba ndihambile, ukuze ukuba kunokwenzeka okokuba abantu bam eYerusalem, abo bathe bandibona kwaye babe kunye nam kubulungiseleli bam, abambuzi uBawo egameni lam, ukuze babe nokufumana ulwazi ngani ngoMoya oyiNgcwele, kananjalo nangezinye izizwe abangaziyo ngazo ukuze ezi ntetha eniya kuthi nizibhale zigcinwe kwaye zibonakaliswe kubo babeeNtlanga, ukuze ngexesha elimisiweyo kubo abeeNtlanga; intsalela yembewu yabo, eya kusasazelwa kude phezu kobuso bomhlaba ngenxa yokungakholwa kwabo, babe nokuziswa ngaphakathi, okanye babe nokuziswa ckulwazi ngam, uMkhululi wabo.

5 Ndize ke andibahlanganisele ngaphakathi ukusuka kwiimbombo zone zomhlaba; ndiya kuthi ke ndiwuzalisekise bumnqophiso awathi uBawo wawenza kubo bonke abantu cbendlu kaSirayeli.

6 Kwaye basikelelekile aabeeNtlanga, ngenxa yokholo lwabo kum, kuwo kwaye nangowo buMoya oyiNgcwele, ongqina kubo ngam kwaye nangoBawo.

7 Qaphelani, ngenxa yokholo lwabo kum, utsho uBawo, kwaye nangenxa yokungakholwa kwenu, Owu ndlu kaSirayeli, angomhla wokugqibela inyaniso iya kuza kubo abeeNtlanga, ukuze ngexesha elimisiweyo lazo ezi zinto zize zaziswe kubo.

8 Kodwa yeha, utsho uBawo, kwabangakholwayo beeNtlanga—kuba nangona bephumile beza phezu kobuso beli lizwe, baza ababasasaza abantu bam abangabendlu kaSirayeli; kwaye nabantu bam abangabendlu kaSirayeli bbekhutshelwe ngaphandle basuka phakathi kwabo, baza banyathelwa phantsi kweenyawo ngabo;

9 Kwaye ngenxa yeenceba zikaBawo kubo abeeNtlanga, kananjalo nezigwebo zikaBawo phezu kwabantu bam abangabendlu kaSirayeli, inene, inene, nditsho kuni ukuthi emva kwako konke oku, kwaye emva kokuba ndibabangele abantu bam abangabendlu kaSirayeli ukuba bahlungiswe nokuba babandezeleke, nokuba ababulawe, nokuba bakhutshelwe ngaphandle basuke phakathi kwabo, nokuba basuke bathiywe ngabo, nokuba basuke babe ngumzekelo ombi nento yokuhlekisa phakathi kwabo—

10 Kwaye njalo ke wayalela uBawo okokuba mandithi kubo: Ngaloo mhla xa abeeNtlanga beya kona ngokuchasene nevangeli yam, kwaye beya kuyala ivangeli yam epheleleyo, kwaye beya akuphakamela kwikratshi leentliziyo zabo ngaphezu kwazo zonke izizwe, nangaphezu kwabo bonke abantu bawo wonke umhlaba, kwaye beya kuzaliswa lulo lonke uhlobo lokuxoka, nolwamaqhinga, nolweentlondi, nalo lonke uhlobo lohanahaniso, nokubulala, bnobubingeleli bobuxoki, nohenyuzo, nolwamasikizi afihlakeleyo; kwaye ukuba baya kuzenza zonke ezo zinto, kwaye beya kwala ivangeli yam epheleleyo, qaphelani, uthi uBawo, ndiya kuzisa ivangeli yam epheleleyo phakathi kwabo.

11 Kwaye ke ndiya akuwukhumbula umnqophiso wam endithe ndawenza kunye nabo abantu bam, Owu ndlu kaSirayeli, kwaye ndiya kuyizisa ivangeli yam kubo.

12 Kwaye ndiya kunibonisa, Owu ndlu kaSirayeli, okokuba abeeNtlanga abasayi kuba namandla phezu kwenu; kodwa ndiya kuwukhumbula umnqophiso wam kunye nani, Owu ndlu kaSirayeli, kwaye niya kuza akulwazi lwayo ivangeli yam epheleleyo.

13 Kodwa ukuba abeeNtlanga bayaguquka baze babuyele kum, utsho uBawo, qaphelani baya akubalelwa phakathi kwabantu bam, Owu ndlu kaSirayeli.

14 Kwaye andiyi kubavumela abantu bam, abangabendlu kaSirayeli, ukuba bedlule phakathi kwabo, baze babanyathelele phantsi, utsho uBawo.

15 Kodwa ukuba abayi kuguqukela kum, baze baliphulaphule izwi lam, ndiya kubavumela, ewe, ndiya kubavumela abantu bam, Owu ndlu kaSirayeli, ukuba baya kudlula phakathi kwabo, kwaye ababanyathelele phantsi, kwaye baya kuba njengetyuwa ephelelwe sisongo sayo, ethi ke ukususela oko ingalungeli nto kodwa ukuba iphoselwe phandle, nokuba inyathelwe phantsi kweenyawo zabantu bam, Owu ndlu kaSirayeli.

16 Inene, inene, ndithi kuni, undiyalele njalo uBawo—ukuba mandinikele kwaba bantu eli lizwe njengelifa labo.

17 Kwaye ke aamazwi omprofeti uIsaya aya kuzalisekiswa, athi:

18 aAbalindi bbakho baya kuliphakamisa izwi; ngezwi kunye baya kuvuma ingoma, kuba baya kubona ngasonye xa sukuba iNkosi iya kuyizisa kwakhona iZiyon.

19 Gqabhukelani eluvuyweni, vumani ingoma kunye, nina zindawo ezingumqwebedu zayo iYerusalem; kuba iNkosi ibathuthuzele abantu bayo, iyikhulule iYerusalem.

20 INkosi iyityhilile ingalo yayo engcwele emehlweni azo zonke izizwe; kwaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kulubona usindiso lukaThixo.