Izibhalo
3 Nifayi 1


UNifayi Wesithathu

INcwadi kaNifayi
Unyana kaNifayi, Owayengunyana kaHilamani

Kwaye uHilamani waye engunyana kaHilamani, owaye engunyana ka-Alma, owaye engunyana ka-Alma, owaye eyinzala kaNifayi owaye engunyana kaLihayi, owaphuma eYerusalem kowokuqala unyaka wolawulo lukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda.

Isahluko 1

UNifayi, unyana kaHilamani, uyemka aphume elizweni, aze unyana wakhe uNifayi agcine iimbali—Nangona imiqondiso nemimangaliso ixhaphakile, abakhohlakeleyo baceba ukubulala amalungisa—Ubusuku bokuzalwa kukaKrestu buyafika—Umqondiso uyanikwa, kwaye inkwenkwezi entsha iyavela—Ubuxoki nenkohliso ziyanda, kwaye abaphangi bakaGadiyantoni babulala abaninzi. Malunga E.K. 1–4.

1 Ngoku kwenzekile okokuba owamashumi asithoba ananye unyaka wadlula kwaye akwakuyiminyaka engamakhulu amathandathu ukususela kwilixa uLihayi wayishiyayo iYerusalem; kwaye yayingunyaka apho uLakhoniyas wayengumgwebi oyintloko nerhuluneli phezu kwelizwe.

2 Kwaye uNifayi, unyana kaHilamani, wayemkile waphuma elizweni laseZarahemla, enikela umthetho kunyana wakhe auNifayi, owaye engunyana wakhe olizibulo, malunga bnamacwecwe obhedu, kwaye nazo zonke iimbali ezazigciniwe, kwaye nazo zonke ezo zinto ezayzigcinwe zingcwele ukususela kuhambo lukaLihayi ephuma eYerusalem.

3 Waza ke wemka waphuma elizweni, kwaye aapho waya khona, akukho mntu waziyo; kwaye unyana wakhe uNifayi waye wazigcina iimbali endaweni yakhe, ewe, imbali yaba bantu.

4 Kwaye kwenzekile ekuqalekeni kowamashumi asithoba anesibini unyaka, qaphelani, iziprofetho zabaprofeti zaqalisa ukuzaliseka ngokuphelele ngakumbi; kuba kwaqalisa ukubakho imiqondiso emikhulu kakhulu nemimangaliso emikhulu kakhulu eyenziwayo phakathi kwabantu.

5 Kodwa kwakukho abanye abaqalisa ukuthi ilixa lidlule lokokuba amazwi azalisekiswe, aawayethethwe nguSamuweli, umLeymenayithi.

6 Kwaye baqalisa ukubavuyelela abazalwana babo, besithi: Qaphelani, ilixa lidlule, kwaye amazwi kaSamuweli awazalisekanga; ke ngoko, uvuyo nokholo lwenu malunga nale nto lube lilize.

7 Kwaye kwenzekile okokuba baye benza ingxolo enkulu kulo lonke ilizwe; baza abantu ababekholwa baqalisa ukuba lusizi kakhulu, hleze nangayiphina indlela ezo zinto ezazithethiwe zingabi nakwenzeka.

8 Kodwa qaphelani, baye balulindela ngenzondelelo olo suku nobo busuku neemini eziya kuba njengemini enye ngokungathi bekungekho busuku, ukuze babe nokwazi okokuba ukholo lwabo belungelolize.

9 Ngoku kwenzekile okokuba kwabakho usuku olwalubekelwe bucala ngabangakholwayo, lokokuba bonke abakholelwayo kwezo zithethe amababulawe ngalo ngaphandle kokuba umqondiso wenzeke, owawunikwe nguSamuweli umprofeti.

10 Ngoku kwenzekile okokuba akuba uNifayi, unyana kaNifayi, eyibona le nkohlakalo yabantu bakhe, intliziyo yakhe yaba lusizi ngokugqithisileyo.

11 Kwaye kwenzekile okokuba waphuma phandle waza waqubuda phantsi phezu komhlaba, wadanduluka ngamandlakazi kuThixo wakhe ngenxa yabantu bakhe, ewe, abo babesele beza kutshatyalaliswa ngenxa yokholo lwabo kwizithethe zooyise.

12 Kwaye kwenzekile okokuba wadanduluka ngamandlakazi eNkosini ayonke loo mini; kwaye qaphelani, ilizwi leNkosi lafika kuye, lisithi:

13 Yiphakamise intloko yakho uze ube nolonwabo; kuba qaphela, ixesha lisondele, kwaye ngabo obu busuku umqondiso uya kunikwa, kwaye angengomso ndiza ehlabathini, ukuba ndibonise ihlabathi okokuba ndiya kukuzalisekisa konke endikubangele ukuba bkuthethwe ngemilomo yabaprofeti bam abangcwele.

14 Qaphela, andiza kwabam, ukuza bkuzalisekisa zonke izinto endithe ndazazisa kubo abantwana babantu ukususela ckwisiseko sehlabathi, nokwenza intando, dkunye ekaYise neyoNyana—ekaYise ngenxa yam, kwaye neyoNyana ngenxa yenyama yam. Kwaye qaphela, ixesha lisondele, kwaye ngobu busuku umqondiso uya kunikwa.

15 Kwaye kwenzekile okokuba amazwi lawo athi afika kuNifayi azalisekiswa, njengoko ayethethiwe; kuba qaphelani, ekutshoneni kwelanga aakuzange kubekho bumnyama; baza abantu baqalisa ukukhwankqiseka ngenxa yokuba kwakungekho bumnyama bakuba bufikile ubusuku.

16 Kwaye babebaninzi, ababengawakholelwanga amazwi abaprofeti, aabawela emhlabeni baza babangathi babefile, kuba babesazi okokuba bicebo elikhulu lentshabalalo ababelibekele abo babekholelwa kumazwi abaprofeti laliphanzisiwe; kuba umqondiso owawunikiwe wawusele ufikile.

17 Baye baqalisa ukwazi okokuba uNyana kaThixo kamsinyane kufuneka abonakale; ewe, lilonke, bonke abantu phezu kobuso bonke bomhlaba ukusuka entshona ukuye empuma, kunye elizweni elisemantla kwaye naselizweni elisemazantsi, babekhwankqiseke kakhulu ngokugqithisileyo kangangokuba bawela emhlabeni.

18 Kuba babesazi okokuba abaprofeti babengqinile ngezi zinto kangangeminyaka emininzi, nokokuba umqondiso lowo uthe wanikwa wawusele ufikile; baza baqalisa ukoyika ngenxa yobugwenxa babo nokungakholwa kwabo.

19 Kwaye kwenzekile okokuba akuzange kubekho bumnyama ngabo bonke obo busuku, kodwa kwakukhanya ngokungathi kusemini emaqanda. Kwaye kwenzekile okokuba ilanga laye laphuma kusasa kwakhona, ngokohlobo lwalo olufanelekileyo; kwaye babesazi okokuba yaye iyimini yokuba iNkosi kufanele aizalwe, ngenxa yomqondiso othe wanikwa.

20 Kwaye kwakwenzekile, ewe, zonke izinto, lonke isuntswana, ngokwamazwi abaprofeti.

21 Kwaye kwenzekile kanjalo okokuba ainkwenkwezi entsha ibonakale, ngokwelizwi.

22 Kwaye kwenzekile okokuba ukususela kweli lixa ukubheka phambili kwaqalisa ukubakho ubuxoki obathunyelwa phakathi kwabantu, nguSathana, ukuqaqadekisa iintliziyo zabo, ngenjongo yokokuba bangabi nakukholelwa kuyo loo miqondiso nemimangaliso leyo babeyibonile; kodwa nangona kukho obu buxoki neenkohliso inxalenye engakumbi yabantu yaye yakholelwa, yaza yaguqukela eNkosini.

23 Kwaye kwenzekile okokuba uNifayi wabheka phambili phakathi kwabantu, kwaye nakwabanye abaninzi, ebabhaptizela enguqukweni, ekwakukho kuyo auxolelo olukhulu lwezono. Baza njalo abantu baqalisa kwakhona ukuba noxolo elizweni.

24 Kwaye kwakungekho zimbambano, ngaphandle nje kwabambalwa abaqalisa ukushumayela, bezama ukubonisa ngezibhalo okokuba kwakungasekho amfuneko yakuwugcina umthetho kaMoses. Ngoku kuyo le nto baye baphazama, kuba bengaziqondanga izibhalo.

25 Kodwa kwenzekile okokuba kwakamsinya baqalisa ukuguquka, baze baqinisekiswa ngempazamo ababekuyo, kuba kwaziswa kubo okokuba umthetho awawungekazalisekiswa, nokuba kufuneka uzalisekiswe ngalo lonke isuntswana; ewe, ilizwi lafika kubo lokuba kufuneka lizalisekisiwe; ewe, okokuba iganyana okanye isuntswana aliyi kudlula ude wonke uzalisekiswe; ke ngoko kwakuwo lo nyaka mnye baziswa kulwazi lwempazamo yabo kwaye baye bbawavuma amatyala abo.

26 Kwaye njalo owamashumi asithoba anesibini unyaka waye wadlula, uzise iindaba zovuyo ebantwini ngenxa yemiqondiso eyathi yenzeka, ngokwamazwi esiprofetho sabo bonke abaprofeti abangcwele.

27 Kwaye kwenzekile okokuba kowamashumi asithoba unyaka anesithathu waye nawo kanjalo wadlula ngoxolo, ngaphandle nje akwabaphangi bakaGadiyantoni, ababehlala phezu kweentaba, abaye balizalisa ilizwe; kuba zazomelele iinqaba zabo neendawo zabo ezifihlakeleyo kangangokuba abantu babengakwazi ukubongamela; ke ngoko baye babulala abaninzi, kwaye baye benza inyhikityha enkulu phakathi kwabantu.

28 Kwaye kwenzekile okokuba kowamashumi asithoba anesine unyaka baqalisa ukwanda ngeqondo elikhulu, ngenxa yokokuba kwakukho abakreqi abaninzi bamaNifayithi abaye basabela kubo, into leyo eyabangela usizi olukhulu kuloo maNifayithi awasala elizweni.

29 Kwaye kwakukho kanjalo unobangela wosizi phakathi kwamaLeymenayithi; kuba qaphelani, babenabantwana abaninzi abaye bakhula baza baba nokomelela ngeminyaka, ukuze babe nokuzibonela, kwaye balahlekiswa ngabanye aababengamaZoramayithi, ngobuxoki babo nangamazwi abo anyhwalazayo, ukuba bamanyane nabo baphangi bakaGadiyantoni.

30 Kwaye njalo amaLeymenayithi nawo kananjalo abandezeleka, aza aqalisa ukuncipha malunga naselukholweni lwawo nobulungisa, ngenxa yenkohlakalo yesizukulwana esikhulayo.