Izibhalo
Alma 5


Amazwi awathi uAlma, uMbingeleli oMkhulu ngokohlobo olungcwele lukaThixo, wawanika kubantu kwizixeko zabo nakwiilali zabo kulo lonke ilizwe.

Iqala ngesahluko 5.

Isahluko 5

Ukuze kufumaneke usindiso, abantu kufuneka baguquke, kwaye bayigcine imiyalelo, bazalwe kwakhona, bazihlambe iingubo zabo ngegazi likaKrestu, bathobeke bazihlube ekratshini nasemoneni, baze benze imisebenzi yobulungisa—UMalusi oLungileyo ubiza abantu Bakhe—Abo benza imisebenzi emibi ngabantwana bakatyholi—UAlma ungqina ngobunyani bemfundiso yakhe kwaye uyalela abantu ukuba baguquke—Amagama amalungisa aya kubhalwa encwadini yobomi. Malunga 83 P.K.

1 Ngoku kwenzekile okokuba uAlma aqalise aukunikela ilizwi blikaThixo ebantwini, kuqala elizweni laseZarahemla, waza ukusuka apho waya kulo lonke ilizwe.

2 Kwaye la ngamazwi awathethayo ebantwini ebandleni elamiselwa esixekweni saseZarahemla, ngokwengxelo yakhe, athi:

3 Mna, Alma, ekubeni andimiselwe ngubawo, uAlma, ukuba ndibe bngumbingeleli omkhulu ebandleni likaThixo, ekubeni yena enamandla ckwanegunya elivela kuThixo lokwenza ezi zinto, qaphelani, ndithi kuni waqalisa ukumisela ibandla delizweni elalikwimida yaseNifayi; ewe, ilizwe elalibizwa ilizwe likaMormoni; ewe, kwaye wababhaptiza abazalwana bakhe emanzini aseMormoni.

4 Kwaye qaphelani, ndithi kuni, abahlangulwa bakhutshwa ezandleni zabantu bakakumkani uNowa, ngenceba namandla kaThixo.

5 Kwaye qaphelani, emva koko, baziswa akubukhoboka ngezandla zamaLeymenayithi entlango; ewe, ndithi kuni, babesekuthinjweni, kwaye kwakhona iNkosi yabahlangula bebukhobokeni ngamandla elizwi lakhe; saza saziswa kweli lizwe, saze apha saqalisa ukumisa ibandla likaThixo nakulo lonke eli lizwe.

6 Kwaye ngoku qaphelani, ndithi kuni, bazalwana bam, nina eningabo abebandla, ingaba nizigcine ngokwaneleyo kwiinkumbulo zokuthinjwa kooyihlo? Ewe, kwaye ingaba nizigcine ngokwaneleyo kwiinkumbulo inceba nokuzeka kade umsindo kwakhe ngakubo? Kwaye ngaphezu koko, ingaba nizigcine ngokwaneleyo iinkumbulo zokuba uyihlangule imiphefumlo yabo esihogweni?

7 Qaphelani, waziguqula iintliziyo zabo; ewe, wabavusa ebuthongweni obunzulu, bavuselwa kuThixo. Qaphelani, babesenzulwini yobumnyama; nangona kunjalo, imiphefumlo yabo yakhanyiswa kukukhanya kwelizwi lanaphakade; ewe, baberhanqwe angamakhamandela okufa, bnamatyathanga esihogo, kwaye intshabalalo yanaphakade yayibalindele.

8 Kwaye ngoku ndiyanibuza, bazalwana bam, ingaba batshatyalaliswa? Qaphelani, ndithi kuni, Hayi, abazange.

9 Kwaye kwakhona ndiyabuza, ingaba amakhamandela okufa akhululwa, namatyathanga esihogo awayebarhangqile akhululwa? Ndithi kuni, Ewe, akhululwa, kwaye nemiphefumlo yabo yakhukhumala, baze bavuma ingoma ngothando olukhululayo. Kwaye ndithi kuni basindisiwe.

10 Kwaye ngoku ndiyanibuza ukuba abasindiswe phantsi kweziphi iimeko? Ewe, zeziphi izizathu abanazo ezazinokubabeka ethembeni lokusindiswa? Kungani bekhululwa kumakhamandela okufa, ewe, kanjalo nakumatyathanga esihogo?

11 Qaphelani, ndinganixelela—ingaba ubawo wam uAlma wayengakholelwa kumazwi aphuma emlonyeni aka-Abhinadayi? Kwaye ingaba wayengenguye umprofeti ongcwele? Ingaba akathethanga mazwi kaThixo, waze ubawo wam uAlma wawakholelwa?

12 Kwaye ngokokholo lwakhe kwabakho autshintsho olumandlakazi olwenzekayo entliziyweni yakhe. Qaphelani ndithi kuni konke oku kuyinyaniso.

13 Kwaye qaphelani, awashumayela ilizwi kooyihlo kanjalo notshintsho olumandlakazi lwenzeka ezintliziyweni zabo, baza bazithoba babeka bithemba labo ckuThixo wokwenene ophilayo. Kwaye qaphelani, bathembeka ukuya dekupheleni; ke ngoko basindiswa.

14 Kwaye ngoku qaphelani, ndiyabuza kuni, bazalwana bam bebandla, ingaba anizelwe ngokomoya nguThixo? Ingaba niyifumene inkangeleko yakhe ebusweni benu? Ingaba nilufumene olu btshintsho olunamandlakazi ezintliziyweni zenu?

15 Ingaba niyalusebenzisa ukholo lwenkululeko yakhe lowo awanidalayo? Ingaba nikhangele phambili ngeliso lokholo, nize niwubone lo mzimba ufayo uphakanyiselwa ekungafini, kwaye noku konakalayo bkuphakanyiselwa ekungonakalini, nize nime phambi koThixo cnigwetywe ngokwezenzo ezenziwe emzimbeni ofayo?

16 Ndithi kuni, ninako na ukuzithelekelela ingathi niva ilizwi leNkosi, lisithi kuni, ngaloo mhla: Yizani kum nina abasikelelweyo, kuba qaphelani, imisebenzi yenu ibe iyimisebenzi yobulungisa ebusweni behlabathi?

17 Okanye nizithelekelela ngathi ninako ukuxokisa iNkosi ngaloo mhla, nize anithi—Nkosi, imisebenzi yethu ibiyeyobulungisa phezu kobuso bomhlaba—kwaye ebeya kunisindisa?

18 Okanye ngenye indlela, ningazicingela niziswe phambi kwenkundla kaThixo nemiphefumlo yenu ezele ubutyala nokuzohlwaya, nineenkumbulo zawo onke amatyala enu, ewe, ainkumbulo efezekileyo yayo yonke inkohlakalo yenu, ewe, inkumbulo yokuba nayidela imiyalelo kaThixo?

19 Ndithi kuni, ingaba ningakhangela kuThixo ngaloo mhla ngentliziyo enyulu nezandla ezicocekileyo? Ndithi kuni, ingaba ningakhangela phezulu, aninenkangeleko kaThixo ikrolwe ebusweni benu?

20 Ndithi kuni, ingaba ningacinga ngokusindiswa xa niziyekele ukuba nibe azizicaka zomtyholi?

21 Ndithi kuni, niya kwazi ngaloo mhla ukuba aninako aukusindiswa; kuba akukho mntu oya kusindiswa bngaphandle kokuba izambatho zakhe zihlanjwe zabamhlophe; ewe, izambatho zakhe kufuneka czihlanjululwe zide zicoceke kuwo onke amachaphaza, ngegazi lakhe lowo kwathethwa ngaye ngoobawo bethu, ofanele ukuza kukhulula abantu bakhe ezonweni zabo.

22 Kwaye ngoku ndiyanibuza, bazalwana bam, niya kuziva njani, nabani na kuni, ukuba niya kuma phambi kwenkundla yokugweba kaThixo, ninezambatho ezichatshazelwe aigazi nazo zonke iintlobo bzobunyhuku-nyhuku? Qaphelani, ezi zinto ziya kungqina ntoni ngokuchasene nani?

23 Qaphelani ingaba aaziyikungqina ukuba ningababulali, ewe, nokuba kanjalo ninetyala lazo zonke iintlobo zenkohlakalo?

24 Qaphelani, bazalwana bam, ingaba nicinga ukuba onjalo unokuba nayo indawo yokuhlala phantsi ebukumkanini bukaThixo, anoAbraham, noIsake, kunye noYakobi, kananjalo bonke abaprofeti abangcwele, abazambatho zabo zihlanjwe zaza azabi nachaphaza, zamsulwa kwaye zamhlophe?

25 Ndithi kuni, Hayi; ngaphandle kokuba nimenza ixoki uMdali wethu ukususela ekuqalekeni, okanye nicinga ukuba ulixoki ukususela ekuqalekeni, aninako ukucinga ukuba abanjalo banokuba nendawo ebukumkanini bezulu; kodwa baya kukhutshelwa ngaphandle kuba bona abangabantwana bobukumkani bukamtyholi.

26 Kwaye ngoku qaphelani, ndithi kuni, bazalwana bam, ukuba nive autshintsho lwentliziyo, nokuba ninqwenele ukuvuma bingoma yothando olukhululayo, ndingabuza, cingaba niseva njalo ngoku?

27 Ingaba nihambile, nizigcine aningenatyala phambi kukaThixo? Beninako ukuthi, ngaphakathi kwenu, ukuba beninokubizwa nife ngeli xesha, ukuba bbenithobeke ngokwaneleyo? Nokuba izambatho zenu bezihlanjwe zaze zenziwa mhlophe egazini likaKrestu, oya kuza cakhulule abantu bakhe ezonweni zabo?

28 Qaphelani, ingaba nihlutywe aikratshi? Ndithi kuni, ukuba aninjalo anikulungelanga ukubonana noThixo. Qaphelani kufuneka nilungise ngokukhawuleza; kuba ubukumkani bezulu busondele, kwaye onjalo akanabo ubomi obungunaphakade.

29 Qaphelani, ndithi, ingaba ukhona phakathi kwenu ongahlutyulwanga aumona? Ndithi kuni onjalo akazilungiselelanga; kwaye kwanga angazilungiselela ngokukhawuleza, kuba ilixa lisondele, kwaye akazi ukuba ixesha liya kufika nini; kuba onjalo akayi kufunyanwa engenatyala.

30 Kwaye kwakhona ndithi kuni, ingaba ukhona phakathi kwenu aogxeka umntakwabo, okanye omthwalisa iintshutshiso?

31 Yeha kulowo, kuba akazilungiselelanga, kwaye ixesha lisondele lokuba aguquke, okanye akanakusindiswa!

32 Ewe, yeha kwanakuni nonke abasebenzi bobugwenxa; guqukani, guqukani, kuba iNkosi uThixo ikuthethile!

33 Qaphelani, uthumela isimemo kubo abonke abantu, kuba biingalo zenceba zolulilwe ngakubo, kwaye ithi: Guqukani, kwaye ndiya kunamkela.

34 Ewe, ithi: aYizani kum kwaye niya kudla bkwiziqhamo zomthi wobomi; ewe, niya kudla nisele cokwesonka namanzi obomi dngokukhululekileyo;

35 Ewe, yizani kum kwaye nize nemisebenzi yobulungisa, kwaye aniyi kugawulelwa phantsi nize niphoselwe emlilweni—

36 Kuba qaphelani, ixesha lisondele lokuba nabani na aongazisi ziqhamo zilungileyo, okanye ongenzi misebenzi yobulungisa, onjalo unesizathu sokwenza, isijwili kwaye azile.

37 Owu nina basebenzi bobugwenxa; nina bakhukhumele azizinto ezingento zehlabathi, nina bathe nizazile iindlela zobulungisa nangona kunjalo bnaphuma endleleni, cnjengezimvu ezingenamalusi, ningenakumelana nomalusi othe dwanibiza kwaye usanibiza, kodwa anifuni ekuliphulaphula ilizwi lakhe!

38 Qaphelani, ndithi kuni, ukuba aumalusi olungileyo uyanibiza; ewe, kwaye unibiza ngegama lakhe, eli ligama likaKrestu; kwaye ukuba baninakuliphulaphula ilizwi clomalusi olungileyo, dnegama enibizwa ngalo, qaphelani, anizizo izimvu zomalusi olungileyo.

39 Kwaye ngoku ukuba anizizo izimvu zomalusi olungileyo, ningabawuphi aumhlambi? Qaphelani, ndithi kuni, bumtyholi ungumalusi wenu, kwaye ningabomhlambi wakhe; kwaye ngoku, ngubani ongayiphikisayo le nto? Qaphelani, ndithi kuni, nabani na ophikisa le nto clixoki kwaye dungumntwana womtyholi.

40 Kuba ndithi kuni nantoni na aelungileyo ivela kuThixo, kwaye nantoni na embi ivela kumtyholi.

41 Ke ngoko, ukuba umntu uzisa aimisebenzi elungileyo uyaliphulaphula ilizwi lomalusi olungileyo, kwaye uyamlandela; kodwa nabani na ozisa imisebenzi emibi, lowo uba bngumntwana kamtyholi, kuba uphulaphula ilizwi lakhe, kwaye uyamlandela.

42 Kwaye nabani na owenza oku kufuneka afumane aumvuzo wakhe kuye; ke ngoko, bngomvuzo wakhe ufumana cukufa, ngokwezinto ezinxulumene nobulungisa, engofileyo kuyo yonke imisebenzi elungileyo.

43 Kwaye ngoku, bazalwana bam, ndinga ningandiva, kuba ndithetha ngamandla omphefumlo wam; kuba qaphelani, ndithethe nani ngokucacileyo ukuze ningaphazami, okanye ndithethe ngokwemiyalelo kaThixo.

44 Kuba ndibiziwe ukuba ndithethe ngolu hlobo, angokohlobo olungcwele lukaThixo, obukuKrestu uYesu; ewe, ndiyalelwe ukuba ndime kwaye ndingqine kwaba bantu ngezinto ezathethwa ngoobawo bethu malunga nezinto eziya kwenzeka.

45 Kwaye akuphelelanga apha. Anicingi ukuba andiyazazela ngokwam ezi zinto? Qaphelani, ndiyangqina kuni ukuba ndiyazi ukuba ezi zinto endithethe ngazo ziyinyaniso. Nicinga ukuba ndikwazi njani ukuqiniseka kwazo?

46 Qaphelani, ndithi kuni azaziswa kum ngoMoya oyiNgcwele kaThixo. Qaphelani, bndizile ukudla ndathandaza iintsuku ezininzi ukuze ndizazi ezi zinto ngokwam. Kwaye ngoku ndiyazazi ngokwam ukuba ziyinyaniso; kuba iNkosi uThixo izazisile kum ngoMoya oyiNgcwele wakhe; kwaye lo ngumoya cwesityhilelo okum.

47 Kwaye ngaphezu koko, ndithi kuni kutyhiliwe kum ukuba amazwi athi athethwa ngoobawo bethu ayinyaniso, nakanjalo nangomoya wesiprofetho okum, othe kanjalo wabonakaliswa ngoMoya kaThixo.

48 Ndithi kuni, ndiyazi ngokwam ukuba nantoni na endiza kuyithetha kuni, malunga nezinto eziya kwenzeka, yinyani; kwaye ndithi kuni, ndiyazi ukuba uYesu Krestu uya kuza, ewe, uNyana, oKuphela koZelweyo kaBawo, ozele lubabalo, nenceba, nenyaniso. Kwaye qaphelani, nguye ozayo ukuza kususa izono zehlabathi, ewe, izono zakhe wonke umntu okholwa ngokuthe nkqi egameni lakhe.

49 Kwaye ngoku ndithi kuni olu aluhlobo endibizelwe kulo, ewe, ukushumayela kubazalwana bam abathandekayo, ewe, naye wonke umntu ohlala elizweni; ewe, ukushumayela kubo bonke, kunye abadala nabancinane, kunye abangamakhoboka nabakhululekileyo; ewe, nditsho kuni manyange, kananjalo namaqina, nesizukulwana esisakhulayo; ewe, ukukhala kubo ukuba baguquke baze bbazalwe kwakhona.

50 Ewe, utsho njalo uMoya: Guqukani, nonke ziphelo zomhlaba, kuba ubukumkani bamazulu busondele; ewe, uNyana kaThixo uyeza angozuko lwakhe, ngamandlakazi akhe, nobungangamsha, namandla, nangobukhosi. Ewe, bazalwana bam abathandekayo, ndithi kuni, uMoya uthi: Qaphelani uzuko bloKumkani wawo wonke umhlaba; kwaye kanjalo uKumkani wezulu uya kukhanya kwamsinyane kakhulu phakathi kwabo bonke abantwana babantu.

51 Kwaye kanjalo uMoya uthi kum, ewe, khala kum ngelizwi elinamandla kazi, usithi: Hamba uthi kwaba bantu—Guqukani, kuba ngaphandle kokuba niguquke aninako nangayiphi na indlela ukubudla ilifa ubukumkani abezulu.

52 Kwaye kwakhona ndithi kuni, uMoya uthi: Qaphelani, aizembe libekiwe kwingcambu yomthi; ke ngoko, wonke umthi ongazisi ziqhamo zilungileyo uya bkugawulelwa phantsi uphoswe emlilweni, ewe, umlilo ongapheliyo, kwanawo umlilo ongacimiyo. Qaphelani, nize nikhumbule, oNgcwele ukuthethile.

53 Kwaye ngoku bazalwana bam abathandekayo, ndithi kuni, ingaba ningamelana na nezi ntetha; ewe, ingaba ningazibekela bucala ezi zinto, aninyathele oNgcwele phantsi kweenyawo zenu; ewe, ingaba ningakhukhumalela bkwikratshi leentliziyo zenu; ewe, ingaba niseza kuphikela ukunxiba cizambatho zexabiso kwaye nibeke iintliziyo zenu phezu kwezinto ezingento zomhlaba, phezu dkobutyebi benu?

54 Ewe, ingaba niza kuphikela ukucinga ukuba nilunge ngaphezulu omnye komnye, ewe ingaba niseza kuphikela ukutshutshisa abazalwana benu, abazithobayo kwaye behamba ngokohlobo olungcwele lukaThixo, abaziswe ngabo kweli bandla, abengcwaliswe nguMoya oyiNgcwele, kwaye besizisa imisebenzi efanelene nenguquko—

55 Ewe, kwaye ingaba niza kuphikela ukufulathela aamahlwempu, nabasweleyo, nokubavimba izinto zenu?

56 Kwaye okokugqibela, nonke nina eniya kuphikela ukwenza inkohlakalo, ndithi kuni, aba ngabo baya kugawulelwa phantsi baphoswe emlilweni ngaphandle kokuba baguquke ngokukhawuleza.

57 Kwaye ngoku ndithi kuni, nina nonke banqwenela ukulandela ilizwi alomalusi olungileyo, phumani kwabakhohlakeleyo, bnohluke, ningaziphathi izinto zabo ezingcolileyo; kwaye qaphelani, amagama abo aya ckucinywa, oko kukuthi amagama abakhohlakeleyo akanakubalwa phakathi kwamagama amalungisa, ukuze ilizwi likaThixo libe nokuzalisekiswa, elithi: Amagama abakhohlakeleyo akanakuxutywa namagama abantu bam;

58 Kuba amagama amalungisa aya kubhalwa aencwadini yobomi, kwaye ndiya kubanika ilifa esandleni sam sasekunene. Kwaye ngoku, bazalwana bam, yintoni na eninako ukuyithetha echasene noku? Ndithi kuni, ukuba nithetha nichasene nako, akunamsebenzi, kuba ilizwi likaThixo kufuneka lizalisekile.

59 Kuba nguwuphi umalusi apho phakathi kwenu oya kuthi enezimvu ezininzi aze angazilondolozi, ukuze iingcuka zingangeni ziwuqwenge umhlambi wakhe? Kwaye qaphelani, ukuba ingcuka ingena emhlambini wakhe ingaba akayikhupheli ngaphandle? Ewe, kwaye ekugqibeleni, ukuba unako, angayibulala.

60 Kwaye ngoku ndithi kuni umalusi olungileyo uyanibiza; kwaye ukuba niya kuliphulaphula ilizwi lakhe uya kunizisa emhlambini wakhe, nibe zizimvu zakhe; kwaye uniyalela ukuba ningavumeli ingcuka elambe kakhulu ukuba ingene phakathi kwenu, ukuze ningabinakutshatyalaliswa.

61 Kwaye ngoku mna, Alma, ndiniyalela ngolwimi alwakhe lowo undiyaleleyo, ukuba niqwalasele ukuwenza amazwi endiwathethe kuni.

62 Ndithetha ngendlela eyalelayo kuni eningabebandla; kwaye kwabo bangengabo abebandla ndithetha ngendlela yesimemo, ndisithi: Yizani nibhaptizelwe enguqukweni, ukuze nani nibe ngabaxhamli beziqhamo azomthi wobomi.