Izibhalo
Moronayi 7


Isahluko 7

Isimemo sikhutshiwe sokungena ekuphumleni kweNkosi—Thandazani ngenjongo yokwenene—UMoya kaKrestu wenza abantu ukuba bazi okulungileyo kokubi—USathana uthundeza abantu ukuba bamkhanyele uKrestu baze benze ububi—Abaprofeti babonakalisa ukuza kukaKrestu—Ngokholo imimangaliso iyenziwa neengelosi ziyalungiselela—Abantu bamele ukuba nethemba lobomi obungunaphakade baze banamathele kulo uthando lwenene. Malunga E.K. 401–421.

1 Kwaye ngoku mna, Moronayi, ndibhala ambalwa kumazwi kabawo uMormoni, awathi wawathetha malunga nokholo, ithemba, nothando lwenene; kuba waye wathetha ngolu hlobo kubo abantu, njengokuba wayebafundisa endlwini yesikhungo ababeyakhele ukuba ibe yeyokunqula.

2 Kwaye ngoku mna, Mormoni, ndithetha nani, bazalwana bam abathandekayo; kuba kungobabalo lukaThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Krestu, nentando yakhe engcwele, ngenxa yesipho sobizo lwakhe kum, ukuze ndivunyelwe ukuba ndithethe ngalo eli lixa.

3 Ngako oko, ndiza kuthetha nani nina ningabebandla, abangabalandeli abanoxolo bakaKrestu, nabazuze ithemba elaneleyo abanokuthi ngalo bangene ekuphumleni kweNkosi, ukususela kweli lixa ukuya phambili bade babe baya kuphumla kunye naye ezulwini.

4 Kwaye ngoku bazalwana bam, ndiyanigweba ngezi zinto ngenxa yokuhamba kwenu okunoxolo kunye nabantwana babantu.

5 Kuba ndiyalikhumbula ilizwi likaThixo elithi ngemisebenzi yenu niya kubazi; kuba ukuba imisebenzi yenu ibilungile, ngoko balungile nabo kanjalo.

6 Kuba qaphelani, uThixo wathi umntu ongendawo akanako ukwenza oko kulungileyo; kuba ukuba unika isipho, okanye uthandaza kuThixo, ngaphandle kokuba uya kukwenza oko ngenjongo yokwenene oko akumncedi nto.

7 Kuba qaphelani, akubalelwa kuye njengobulungisa.

8 Kuba qaphelani, ukuba umntu ongendawo unika isipho, enze ngokukrokra; ngako oko kubalelwa kuye ngokufanayo nokungathi ubesigcinile isipho; ngako oko ubalelwa njengongendawo phambi koThixo.

9 Kwaye ngokufanayo kanjalo kubalelwa njengobubi kuye umntu, ukuba uya kuthandaza kodwa kungengayo injongo yokwenene yentliziyo; ewe, kwaye ayimncedi nto, kuba uThixo akamkeli namnye onjalo.

10 Ngako oko, umntu ongendawo akanako ukwenza oko kulungileyo; engenako nokunika isipho esilungileyo.

11 Kuba qaphelani, umthombo okrakra awunako ukuvelisa amanzi alungileyo; ungenako nomthombo olungileyo ukuvelisa amanzi akrakra; ngako oko, umntu osisicaka sikamtyholi akanako ukumlandela uKrestu; kwaye ukuba ulandela uKrestu akanako ukuba sisicaka sikamtyholi.

12 Ngako oko, zonke izinto ezilungileyo zivela kuThixo; kwaye oko kubi kuvela kumtyholi; kuba umtyholi ulutshaba kuye uThixo, kwaye ulwa ngokuchasene naye ngamaxesha onke, kwaye umema aze alukuhlele ukwenza isono, nokwenza okubi ngamaxesha onke.

13 Kodwa qaphelani, oko kukokukaThixo kumemela kwaye kulukuhlele ekwenzeni okolungileyo ngamaxesha onke; ngako oko, yonke into ethi imemele kwaye ilukuhlele ekwenzeni okulungileyo, nokumthanda uThixo, nokumkhonza, iphenjelelwa nguThixo.

14 Ngako oko, lumkani, bazalwana bam abathandekayo, ukuze ningakuthathi oko kubi ngokungathi kokukaThixo, okanye oko kulungileyo nokukaThixo ngokungathi kokukamtyholi.

15 Kuba qaphelani, bazalwana bam, kunikiwe kuni ukuba nigwebe, ukuze nibe nokwazi okulungileyo kokubi; kwaye indlela yokugweba icace ngokunjalo, ukuze nibe nokwazi ngolwazi olugqibeleleyo, njengokuba imini injalo kubusuku obumnyama.

16 Kuba qaphelani, uMoya kaKrestu unikiwe kuye wonke umntu, ukuze abe nokukwazi okulungileyo kokubi; ngako oko, ndiyanibonisa indlela yokugweba; kuba yonke into ememela ukwenza okulungileyo, nethundeza ukukholelwa kuKrestu, ithunyelwe ngamandla nesipho sikaKrestu, ngako oko unokuyazi ngolwazi olugqibeleleyo ukuba yekaThixo.

17 Kodwa nantoni na ethundeza abantu ukuba benze okubi, kwaye bangakholelwa kuKrestu, baze bamkhanyele, baze bangamkhonzi uThixo, ke ninokwazi ngolwazi olugqibeleleyo iyekamtyholi; kuba umtyholi uthi asebenze ngolu hlobo, kuba akathundezi mntu ukuba enze okulungileyo, hayi, namnye; nazingelosi zakhe; ingengabo nabo bazizisa phantsi kolawulo lwakhe.

18 Kwaye ngoku, bazalwana bam, nibona nje okokuba niyakwazi ukukhanya eninokuthi nibe nokugweba ngako, ukukhanya oko okukukukhanya kukaKrestu, bonani okokuba anigwebi ngokuphosakeleyo; kuba kwangeso sigwebo nigweba ngaso nani kanjalo niya kugwetywa ngaso.

19 Ngako oko, ndiyanibongoza, bazalwana bam, okokuba nize niphanda ngenkuthalo ekukhanyeni kukaKrestu ukuze nibe nokwazi okulungileyo kokubi; kwaye ukuba niya kubambelela kuyo yonke into elungileyo, nize ningayigwebi, ngokuqinisekileyo niya kuba ngabantwana bakaKrestu.

20 Kwaye ngoku, bazalwana bam, kunokwenzeka njani ukuba nibambelele kuyo yonke into elungileyo?

21 Kwaye ngoku ndiza kolo kholo, endithe ndiza kuthetha ngalo; kwaye ndiza kunixelela indlela eninokuthi ngayo nibe nokubambelela kuyo yonke into elungileyo.

22 Kuba qaphelani, uThixo esazi zonke izinto, esuka kunaphakade ukuya kunaphakade, qaphelani, wathumela iingelosi ukuba zilungiselele kubo abantwana babantu, ukubonakalisa malunga nokuza kukaKrestu; kwaye kuKrestu kuya kuza yonke into elungileyo.

23 Kwaye uThixo kanjalo wavakalisa kubo abaprofeti, ngowakhe umlomo, okokuba uKrestu umele afike.

24 Kwaye qaphelani, kwakukho iindlela ezahlukeneyo awathi wazibonakalisa ngayo izinto kubo abantwana babantu, ezaye zilungile; kwaye zonke izinto ezilungileyo zivela kuKrestu; ngenye indlela abantu babewile, kwaye akunakubakho nto ilungileyo iza kubo.

25 Ngako oko, ngokulungiselela kweengelosi, nangalo lonke ilizwi eliza liphuma emlonyeni kaThixo, abantu baqalisa ukulusebenzisa ukholo lwabo kuKrestu; kwaye njalo ngokholo, baye babambelela kuyo yonke into elungileyo; kwaye lwaba njalo kwada kwaba kukufika kukaKrestu.

26 Kwaye emva kokuba efikile abantu kanjalo basindiswa ngokholo egameni lakhe; kwaye ngokholo, basuka baba ngoonyana bakaThixo. Kwaye ngokuqinisekileyo njengokuba uKrestu ephila wawathetha la mazwi kubo obawo, esithi: Nantonina eniya kuyicela kuBawo egameni lam, elungileyo, ngokholo nikholelwa ukuba niya kuyifumana, qaphelani, iya kwenziwa kuni.

27 Ngako oko, bazalwana bam abathandekayo, ingaba imimangaliso iphezile ngenxa yokuba uKrestu enyukele ezulwini, kwaye ehleli phantsi ngasekunene kukaThixo, ukuze abange kuBawo iimfanelo zakhe zenceba anayo kubantwana babantu?

28 Kuba uzizalisekisile iimfuno zomthetho, kwaye uyababanga bonke abo banokholo kuye; kwaye abo banokholo kuye baya kunamathela kuyo yonke into elungileyo; ngako oko uyayithethelela injongo yabantwana babantu; kwaye uhleli ngonaphakade emazulwini.

29 Kwaye ngenxa yokuba ekwenzile oko, bazalwana bam abathandekayo, ingaba imimangaliso iphezile? Qaphelani ndithi kuni, Hayi; zingaphezanga neengelosi ukulungiselela kubo abantwana babantu.

30 Kuba qaphelani, ziphantsi kolawulo lwakhe, ukuba zilungiselele ngokwelizwi lomyalelo wakhe, zizibonakalisa kwabo banokholo olomeleleyo nengqiqo ezinzileyo kulo lonke uhlobo lobuthixo.

31 Kwaye ubizo lobulungiseleli babo kukubizela abantu enguguqukweni, nokuzalisekisa nokwenza umsebenzi womnqophiso kaBawo, athe wawenza kubo abantwana babantu, ukuba alungiselele indlela phakathi kwabantwana babantu, ngokuvakalisa ilizwi likaKrestu kuzo izitya ezonyuliweyo zeNkosi, ukuze zinike ubungqina ngaye.

32 Kwaye ngokwenza njalo, iNkosi uThixo ilungiselela indlela yokokuba intsalela yabantu ibe nokuba nokholo kuKrestu, ukuze uMoya oyiNgcwele ube nokuba nendawo ezintliziyweni zabo, ngokwamandla wawo; kwaye ngolu hlobo wenza kwenzeke uBawo, iminqophiso awathi wayenza kubo abantwana babantu.

33 Kwaye uKrestu wathi: Ukuba niya kuba nokholo kum niya kuba namandla okwenza nantoni na eyimfuneko kum.

34 Kwaye wathi: Guqukani nonke nina ziphelo zomhlaba, kwaye nize kum nize nibhaptizwe egameni lam, nize nibe nokholo kum, ukuze nibe nokusindiswa.

35 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, ukuba kunjalo ukuba ezi zinto ziyinyani endizithethileyo kuni, kwaye uThixo uya kunibonisa, ngamandla nozuko olukhulu ngomhla wokugqibela, okokuba ziyinyani, kwaye ukuba ziyinyani ingaba umhla wemimangaliso uphelile?

36 Okanye ingaba iingelosi ziphezile ukubonakala kubo abantwana babantu? Okanye ingaba uwabambile amandla oMoya oyiNgcwele kubo? Okanye ingaba uya kwenza njalo, kangangokuba ilixa liya kubakho, okanye umhlaba uya kuma, okanye kuya kubakho umntu omnye phezu kobuso bawo ukuba asindiswe?

37 Qaphelani ndithi kuni, Hayi, kuba kungokholo ukuze imimangaliso yenziwe; kwaye kungokholo ukuze iingelosi zibonakale kwaye zilungiselele kubo abantu; ngako oko, ukuba ezi zinto ziphezile yeha kubo abantwana babantu, kuba kungenxa yokungakholwa, kwaye konke kulilize.

38 Kuba akukho mntu unokusindiswa, ngokwamazwi kaKrestu, ngaphandle kokuba baya kuba nokholo egameni lakhe; ngako oko, ukuba ezi zinto ziphezile, ke nokholo luphezile kanjalo; kwaye iyoyikeka imeko yomntu, kuba kufana nokungathi akuzange kubekho nkululeko ngokuhlawulelwa eyenziwayo.

39 Kodwa qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, ndigweba izinto ezilunge kakhulu ngani, kuba ndigweba okokuba ninokholo kuKrestu ngenxa yobulali benu; kuba ukuba aninalo ukholo kuye ke anikulungelanga ukubalelwa phakathi kwabantu bebandla lakhe.

40 Kwaye kwakhona, bazalwana bam abathandekayo, ndinga ndingathetha nani malunga nethemba. Kukanjani ukuba ningafikelela kulo ukholo, ngaphandle kokuba niya kuba nethemba?

41 Kwaye ingaba yintoni eniya kuba nethemba layo? Qaphelani nditsho kuni ukuthi niya kuba nethemba ngentlawulelo kaKrestu namandla ovuko lwakhe, lokuvukela kubomi obungunaphakade, kwaye oku kungenxa yokholo lwenu kuye ngokwesithembiso.

42 Ngako oko, ukuba umntu unokholo kufuneka abe nethemba; kuba ngaphandle kokholo akunakubakho naliphina ithemba.

43 Kwaye kwakhona, qaphelani nditsho kuni ukuthi akanako ukuba nokholo nethemba ngaphandle kokuba uya kuba nobulali aze athobeke entliziyweni.

44 Ukuba kunjalo, ukholo lwakhe nethemba lililize, kuba akukho namnye owamkelekayo phambi koThixo, ngaphandle kwaba nobulali nabathobekileyo entliziyweni, kwaye ukuba umntu unobulali kwaye uthobekile entliziyweni, aze avume ngamandla oMoya oyiNgcwele okokuba uYesu unguKrestu, kuyimfuneko ukuba abe nothando lwenene; kuba ukuba akanalo uthando lwenene akanto yanto; ngako oko kufuneka abe nothando lwenene.

45 Kwaye uthando lwenene luzeka kade umsindo, kwaye lunobubele, kwaye alunamona, kwaye alukhukhumali, alufuni okukokwalo kodwa, kwaye alucatshukiswa lula, alucingi bubi, kwaye aluvuyiswa bubugwenxa kodwa luvuyiswa yinyaniso, luthwala zonke izinto, lukholelwa zonke izinto, luthemba zonke izinto, lunyamezela zonke izinto.

46 Ngako oko, bazalwana bam abathandekayo, ukuba aninalo uthando lwenene, aninto yanto, kuba uthando lwenene aluze lutshitshe. Ngako oko, namathelani kulo uthando lwenene, oluyinto enkulu ngaphezu kwazo zonke, kuba zonke izinto kufuneka zitshitshe—

47 Kodwa uthando lwenene luthando olumsulwa lukaKrestu, kwaye lunyamezela ngonaphakade; kwaye nabani na ofunyenwe enalo ngomhla wokugqibela, kuya kulunga kuye.

48 Ngako oko, bazalwana bam abathandekayo, thandazani kuye uBawo ngawo onke amandla entliziyo, ukuze nibe nokuzaliswa ngolu thando, olo lunikwe phezu kwabo bonke abangabalandeli bokwenyani boNyana wakhe, uYesu Krestu; ukuze nibe nokuba ngoonyana bakaThixo; ukuze xa sukuba eya kubonakala siya kuba njengaye, kuba siya kumbona njengokuba enjalo; ukuze sibe nokubanalo eli themba; ukuze sibe nokuhlanjululwa kwananjengokuba ehlambulukile. Amen.