Izibhalo
2 Nifayi 10


Isahluko 10

UYakobi uchaza okokuba amaYuda aya kumbethelela emnqamlezweni uThixo wawo—Baya kusasazwa bade baqalise ukukholwa Kuye—IAmerika iya kuba lilizwe lelungelo apho kungayi kubakho kumkani ulawulayo—Zixolelaniseni noThixo nize nizuze usindiso ngenceba yobabalo Lwakhe. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngoku mna, Yakobi, ndithetha nani kwakhona, bazalwana bam abathandekayo, malunga neli asebe linobulungisa ebendithethe ngalo.

2 Kuba qaphelani, aizithembiso esithe sazizuza zizithembiso eziza kuthi ngokwasenyameni; ngako oko, njengoko bekubonakalisiwe kum ukuba abaninzi kubantwana bethu baya kutshabalala enyameni ngenxa yokungakholwa, nangona kunjalo, uThixo uya kuba nenceba kwabaninzi; kwaye abantwana bethu baya kubuyiselwa, ukuze babe nokuza koko kuya kuthi kubanike ulwazi oluyinyani loMkhululi wabo.

3 Ngako oko, njengoko nditshilo kuni, kumele ukuba kube kufanelekile ukuba uKrestu—kuba ngobusuku obudluleyo aingelosi yathetha nam ukuthi eli liya kuba ligama lakhe—beze phakathi kwamaYuda, phakathi kwabo bangabona bayinxenye yenkohlakalo yehlabathi; kwaye baya ckumbethelela emnqamlezweni—kuba njalo kuyintando kuye uThixo wethu, kwaye asikho esinye isizwe emhlabeni esinakho dukumbethelela emnqamlezweni euThixo waso.

4 Kuba ukuba aimimangaliso enamandlakazi inokuthi yenziwe phakathi kwenzinye izizwe zingaguquka, kwaye zazi ukuba unguThixo wazo.

5 Kodwa ngenxa ayobubingeleli bobuxoki nobugwenxa, bona abaseYerusalem baya kuziqinisa iintamo zabo ngokuchasene naye, aze abethelelwe emnqamlezweni.

6 Ngako oko, ngenxa yobugwenxa babo, iintshabalalo, iindlala, izifo ezibulalayo, kwanempalalogazi ziya kuza phezu kwabo; kwaye abo bangasayi kutshatyalaliswa baya akusasazwa phakathi kwazo zonke izizwe.

7 Kodwa qaphelani, itsho njalo aiNkosi uThixo: bXa sukuba ufika umhla abaya kuthi bakholelwe kum, okokuba ndinguKrestu, ke ndinqophisene nooyise okokuba baya kubuyiselwa besesenyameni, phezu komhlaba, kuwo amazwe elifa labo.

8 Kwaye kuya kwenzeka ukuba baya akuhlanganiselwa ngaphakathi ukubuya; ekusasazweni ixesha elide, ukusuka bkwiziqithi zolwandle, nakwiimbombo zone zomhlaba, kwaye izizwe zabeeNtlanga ziya kuba namandla amakhulu emehlweni am, utsho uThixo, cngokubazisa kumazwe elifa labo.

9 aEwe, izikumkani zabeeNtlanga ziya kuba ngabondli kubo, baze ookumkanikazi bazo baya kubanyisa, ngako oko, bizithembiso zeNkosi zibalulekile kubo abeeNtlanga, kuba ukuthethile, kwaye ngubani na onokumphikisa?

10 Kodwa qaphela, eli lizwe, watsho uThixo, iya kuba lilizwe lelifa lakho, anabeeNtlanga baya kusikeleleka phezu kwelizwe.

11 Kwaye eli lizwe liya kuba lilizwe alenkululeko kubo abeeNtlanga, kwaye akusayi kubakho bzikumkani phezu kwelizwe, eziya kuphakanyiswa kubo abeeNtlanga.

12 Kwaye ndiya kuliqinisa eli ilizwe ngakuzo zonke ezinye izizwe.

13 Kwaye lowo aulwa ngokuchasene neZiyon uya bkutshabalala, utsho uThixo.

14 Kuba lowo uphakamisa ukumkani ngokuchasene nam uya kutshabalala, kuba mna, iNkosi, aukumkani wezulu, ndiya kuba ngukumkani wabo, kwaye ndiya kuba bkukukhanya kubo ngonaphakade, abathi baweve amazwi am.

15 Ngako oko, ngesi sizathu, ukuze aiminqophiso yam izaliseke endithe ndayenza kubantwana babantu, endiya kuthi ndiyenze kubo ngeli lixa besenyameni, kumele ndiyitshabalalise bimisebenzi cyobumnyama efihlakeleyo, neyokubulala, neyamasikizi.

16 Ngako oko, lowo ulwa ngokuchasene aneZiyon, kunye umYuda noweNtlanga, kunye umthinjwa nokhululekileyo, kunye indoda nomfazi, baya kutshabalala; kuba bbangabo abo bangabahenyuzi balo lonke ihlabathi; kuba cabo dbangekho ngakum ebachasene nam, utsho uThixo wethu.

17 Kuba ndiya akuzizalisekisa izithembiso zam endithe ndazenza kubantwana babantu, kuba ndiyakwenza kubo ngeli lixa besesenyameni—

18 Ngako oko, bazalwana bam abathandekayo, utsho njalo uThixo wethu: Ndiya kuyibandezela imbewu yakho ngesandla sabeeNtlanga; nangona kunjalo, ndiya kuzithambisa iintliziyo azabeeNtlanga, ukuze bafane nobawo kubo; ngako oko, abeeNtlanga baya bkusikeleleka kwaye cbabalelwe phakathi kwendlu kaSirayeli.

19 Ngako oko, ndiya akulingcwalisa eli lizwe kuyo imbewu yakho, kwaye nakwabo baya kubalelwa phakathi kwembewu yakho, ngonaphakade, ibe lilizwe lelifa labo; kuba lilizwe elikhethekileyo, utshilo uThixo kum, ngaphezulu kunawo onke amanye amazwe, ngako oko ndiya kufuna okokuba bonke abantu abahlala kulo ukuba baze banqule mna, utsho uThixo.

20 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, xa sibona ukuba uThixo wethu onenceba usinike ulwazi olungakumbi kangaka malunga nezi zinto, masimkhumbule, sizibekele ecaleni izono zethu, kwaye singazithokombiseli ezantsi iintloko zethu, kuba asiphoselwanga kude; nangona kunjalo, asiqhutyelwe ngaphandle kwilizwe lelifa lethu; kodwa sikhokelelwe bkwilizwe elilunge ngakumbi, kuba iNkosi ilenze ulwandle lwaba cyindlela yethu, kwaye siphezu dkwesiqithi solwandle.

21 Kodwa zinentsingiselo izithembiso zeNkosi kubo abo baphezu akweziqithi zolwandle; ngako oko njengokuba ixela iziqithi, kuyimfuneko ukuba zibe ngaphezulu kunoku, kwaye zimiwe kanjalo ngabazalwana bethu.

22 Kuba qaphela, iNkosi uThixo aikhokelele kude amaxesha ngamaxesha ukusuka kwindlu kaSirayeli, ngokwentando nolonwabo lwayo. Kwaye ngoku qaphela, iNkosi iyabakhumbula bonke abo babeqetshulwe, ngako oko iyasikhumbula nathi kanjalo.

23 Ke ngoko, thakazelisani iintliziyo zenu, kwaye nikhumbule okokuba anikhululekile ukuba bnizenzelecnikhethe indlela yokufa ngonaphakade okanye indlela yobomi obungunaphakade.

24 Ngako oko, bazalwana bam abathandekayo, zinikeleni kuyo intando kaThixo, kwaye ingabi yintando yomtyholi neyenyama; kwaye khumbulani, emva kokuba nizinikele kuThixo, ukuba kukulo kwaye kungalo kuphela aubabalo lukaThixo ukuba bnisindiswe.

25 Ngako oko, wanga uThixo anganivusa ekufeni ngamandla ovuko, kananjalo ekufeni kwanaphakade, ngamandla aentlawulelo, ukuze nibe nokwamkeleka kubukumkani bukaThixo banaphakade, ukuze nibe nokumdumisa ngobabalo olunyulu. Amen.