Izibhalo
2 Nifayi 6


Isahluko 6

UYakobi ubalisa imbali yamaYuda: Ukuthinjwa eBhabhilon nokubuya; ukufundisa nokubethelelwa koNgcwele kaSirayeli; uncedo olufunyenwe kubo abeeNtlanga; kwaye nobuyiselo lwamaYuda ngemihla yokugqibela akube ekholelwa kuMesiya. Malunga 559–545 P.K.

1 Amazwi kaYakobi, umninawa kaNifayi, awathi wawathetha kubantu bakaNifayi:

2 Qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, mna, Yakobi, endithe ndabizwa nguThixo, kwaye ndamiselwa ngokohlobo olungcwele lwakhe, kwaye ndingcwalisiwe ngumkhuluwa wam uNifayi, lowo nikhangele kuye anjengokumkani okanye umkhuseli, kwaye enixhomekeke kuye ngokhuseleko, qaphelani niyazi ukuba ndithethe nani izinto ezininzi ngokugqithisileyo.

3 Nangona kunjalo, ndithetha nani kwakhona; kuba ndinqwenela intlalo-ntle yemiphefumlo yenu. Ewe, inkxalabo yam inkulu ngani; kwaye nani ngokwenu niyazi ukuba isoloko injalo. Kuba ndiniyale ngayo yonke inkuthalo; kwaye ndinifundisile amazwi kabawo; kwaye ndithethile nani malunga nazo zonke izinto ezibhaliweyo, ukususela ekudalweni kwehlabathi.

4 Kwaye ngoku, qaphelani, ndiza kuthetha nani malunga nezinto ezikhoyo, nezisaya kuza; ngako oko, ndiza kunifundela amazwi akaIsaya. Kwaye ngamazwi umkhuluwa wam abenqwela ukuba zendiwathethe kuni. Kwaye ndithetha kuni ukuze nincedakale, ukuze nifunde kwaye nilizukise igama loThixo wenu.

5 Kwaye ngoku, amazwi endiza kuthi ndiwafunde ngalowo uIsaya awawathethayo malunga nayo yonke indlu kaSirayeli; ngako oko, asenokufaniswa nani, kuba ningabendlu kaSirayeli. Kwaye kukho izinto ezininzi ezithethiweyo nguIsaya ezinokufaniswa nani, kuba ningabendlu kaSirayeli.

6 Kwaye ngoku, la ngamazwi: aYatsho njalo ke iNkosi uThixo: Qaphelani, ndiya kusiphakamisela phezulu isandla sam kubo abeeNtlanga, kwaye ndimisele bibhanile yam ebantwini; kwaye baya kubafunqula oonyana benu ezingalweni zabo, kwaye neentombi zenu ziya kutyathwa emagxeni abo.

7 Kwaye ookumkani baya kuba ngabondli babo, baze ookumkanikazi babo babanyise; baya kuqubuda phantsi kuni ubuso babo bujongise ngasemhlabeni, baze bakhothe uthuli lweenyawo zenu; kwaye niya kuyazi ukuba ndim iNkosi; kuba abasayi kuba nazintloni abo bathi abandilindele.

8 Kwaye ngoku mna, Yakobi, ndinqwenela ukuthetha nje noko ngokunxulumene nala mazwi. Kuba qaphelani, iNkosi indibonisile ukuba abo ababeseYerusalem, apho sasivela khona, batshatyalalisiwe kwaye bambi bbathatyathelwa ekuthinjweni.

9 Nangona kunjalo, iNkosi indibonisile ukuba baya akubuya kwakhona. Kwaye indibonisile kanjalo ukuba iNkosi uThixo, oyiNgcwele kaSirayeli, imele izibonakalise kubo isenyameni; kwaye emva kokuba izibonakalisile baya kumbetha ngeziniya baze bbambethelele emnqamlezweni, ngokwamazwi engelosi eyathi yawathetha kum.

10 Kwaye emva kokuba beziqaqadekisile intliziyo zabo baza baziqinisa iintamo zabo ngokuchasene noyiNgcwele kaSirayeli, qaphelani, aizigwebo zakhe oyiNgcwele kaSirayeli ziya kuza phezu kwabo. Kwaye uyeza umhla abaya kubethwa kwaye babandezeleke.

11 Ngako oko, emva kokuba beqhutyelwe ngapha nangapha, kuba itsho njalo ingelosi, abaninzi baya kubandezeleka enyameni, kwaye abasayi kuyekelwa ukuba batshabalale, ngenxa yemithandazo yabanyanisekileyo; baya kusasazwa, babethwe, kwaye bathiywe; nangona kunjalo, iNkosi iya kuba nenceba kubo, aukuze bathi xa beya kuza bkulwazi loMkhululi wabo, baya ckuhlanganiselwa kunye kwakhona kumazwe elifa labo.

12 Kwaye basikelelekile aabeeNtlanga, abo athe umprofeti wabhala ngabo; kuba qaphelani, ukuba kunokwenzeka ukuba baya kuguquka kwaye bangalwi ngokuchasene neZiyon, kwaye bangazimanyi nalo eloo bandla likhulu kwaye blimasikizi, baya kusindiswa; kuba iNkosi uThixo iya kuyizalisekisa ciminqophiso yayo ethe yayenza kubantwana bayo; kwaye kungesi sizathu athe umprofeti wazibhala ezi zinto.

13 Ngako oko, bona abalwa ngokuchasene neZiyon nabantu bomnqophiso weNkosi baya kukhotha uthuli ezinyaweni zabo; kwaye abantu beNkosi abasayi kuba anazintloni. Kuba abantu beNkosi ngabo bathi bbayilindele; kuba basakulindele ukuza kukaMesiya.

14 Kwaye qaphelani, ngokwamazwi omprofeti, uMesiya uya kuqalisa kwakhona aokwesibini ukubabuyisela; ngako oko, uya bkuzibonakalisa kubo ngamandla nangozuko olukhulu, ukuze cazitshabalalise iintshaba zabo, xa uthe wafika loo mhla xa beya kuthi bakholwe kuye, kwaye akukho namnye okholwayo kuye aya kumtshabalalisa.

15 Kwaye abo bangakholwayo kuye baya akutshatyalaliswa, kunye bngomlilo noqhwithela, nangeenyikima, nangeempalalo-gazi, cnangezifo ezosulelayo, nangendlala. Kwaye baya kuyazi ukuba iNkosi inguThixo, oNgcwele kaSirayeli.

16 aKuba ingaba ixhoba liya kuthatyathwa kwabanamandlakazi, okanye bumthinjwa ogcina umthetho akhululwe?

17 Kodwa itsho njalo iNkosi: Kwanabo aabathinjwa babo abanamandlakazi baya kuthatyathwa bamkiswe, kwaye ixhoba lalowo woyikekayo liya kuhlangulwa; kuba buThixo onaMandlakazi uya ckubahlangula abantu bakhe bomnqophiso. Kuba itsho njalo iNkosi: Ndiya kubambana kunye nabo babambana nawe—

18 Kwaye ndiya kubadlisa abo banicinezelayo ngeyabo inyama; kwaye baya kunxiliswa lelabo igazi lo ngokungathi yiwayini emnandi; kwaye yonke inyama iya kuyazi ukuba mna Nkosi ndinguMsindisi anoMkhululi wakho, bOmnye oMandlakazi kaYakobi.