Izibhalo
2 Nifayi 19


Isahluko 19

UIsaya uthetha ngokukaMesiya—Abantu abasebumnyameni baya kubona ukukhanya okukhulu—Sizalelwe umntwana—Uya kuba yiNkosana yoXolo kwaye uya kulawula kuyo itrone kaDavide—Thelekisa Isaya 9. Malunga 559–545 P.K.

1 Nangona kunjalo, ubumfiliba abusayi kuba njengangoko kwakunjalo ngelixa awaye ebandezelekile, xa sukuba ekuqalekeni walibandezela kancinane nje ailizwe likaZebhulon; nelizwe likaNafetali, kwaye emva koko wayihlungisa kalusizi ngakumbi ngendlela yoLwandle oluBomvu ngaphesheya kweYordan kwiGalili yezizwe.

2 Abantu ababehamba aebumnyameni babone ukukhanya okukhulu; abo bahlala kwilizwe lethunzi lokufa, ukukhanya kuye kwakhanyisa phezu kwabo.

3 Uluphindaphindile uhlanga, waza awalwandisa uvuyo—bayavuya phambi kwakho njengaxa bevuyela isivuno, nanjengokuba amadoda egcoba xa sukuba esahlula ixhoba.

4 Kuba uyiqhawule idyokhwe yomthwalo wabo, nedyokhwe yamagxa abo, intonga yomcinezeli wabo.

5 Kuba lonke idabi lomlwi linesiphithiphithi sengxolo, neengubo ezityikitywe egazini; kodwa eli liya kuba ngokuvutha kwaye nesivuthisi somlilo.

6 Kuba sizalelwe aumntwana, sanikwa unyana; kwaye bulawulo luya kuba phezu kwesixhanti sakhe; kwaye igama lakhe liya kubizwa ngokuba, nguMmangaliso, nguMcebisi, cnguThixo onaMandla, dnguBawo onguNaphakade, iNkosana eloXolo.

7 Ekwandeni akolawulo noxolo bakukho siphelo, phezu kwetrone kaDavide, naphezu kobukumkani bakhe ukuze abucwangcise, aze abumisele ngobulungisa nangokulunga ukususela ngoku ukuya phambili, kwanangonaphakade. Inzondelelo yeNkosi yeMikhosi iya kukwenza oku.

8 INkosi yathumela ilizwi layo kuYakobi kwaye liye lakhanyisa phezu akoSirayeli.

9 Kwaye bonke abantu baya kulazi, kwanawo amaEfrayim nabemi belakwaSamari, abathi ngekratshi nobukhulu beentliziyo zabo:

10 Izitena ziwile, kodwa siya kuthi sakhe ngamatye aqingqiweyo; imithombe igawuliwe, kodwa siya kuyitshintsha ibe yimisedare.

11 Ke ngoko iNkosi iya kuziphakamisa iintshaba azikaRetsin ngokuchasene naye, aze azihlanganise kunye iintshaba zakhe;

12 Ama-Aram ngaphambili namaFilisti ngasemva; kwaye baya akumdla uSirayeli ngemilomo ekhamisileyo. Kuko konke oku bumsindo wakhe akawubuyisanga, kodwa isandla sakhe usasolulile.

13 Kuba abantu aababuyeli kuye lowo ubabethayo, bengayifuni neNkosi yeMikhosi.

14 Ke ngoko iNkosi iya kunqumla kwaSirayeli intloko nomsila, isebe nomzi ngamininye.

15 Indoda, enkulu, yiyo intloko; nomprofeti othi afundise ubuxoki, ingumsila.

16 Kuba abakhokeli babo aba bantu babenza baphambuke; kwaye ke abo bakhokelwa ngabo bayatshabalala.

17 Ke ngoko iNkosi ayisayi kuvuyiswa ngamadodana abo, ingasayi kuba anenceba kwabangenayise nabahlolokazi; kuba ngamnye ngumhanahanisi nomenzi wobubi, kwaye umlomo ngamnye uthetha bubuyatha. Kuko konke oku umsindo wakhe akawubuyisi, kodwa cisandla sakhe usasolulile.

18 Kuba inkohlakalo itshisa okomlilo; iya kudla ukhakakhaka nabobo, ize ivuthise izicithi ezishinyeneyo zamahlathi, kwaye baya kunyukela phezulu nje ngokunyuka komsi.

19 Ngexesha lomsindo wayo iNkosi yeMikhosi ilizwe liya kuba mnyama, kwaye abantu baya kuba njengesivuthisi somlilo; aakukho mntu uya kusindisa umntakwabo.

20 Uya kuxhwila ngesandla sokunene aze alambe noko; kwaye uya akudla ngesandla sasekhohlo kwaye abayi konela; yonke indoda iya kudla inyama yengalo yayo—

21 aUManase, buEfrayim; noEfrayim, uManase; bona kunye baya kuchasana cnoYuda. Kuko konke oku umsindo wakhe akawubuyisi, kodwa isandla sakhe usasolulile.