Izibhalo
2 Nifayi 17


Isahluko 17

UEfrayim noAram baqhuba imfazwe ngokuchasene noYuda—UKrestu uya kuzalwa yintombi engazani nandoda—Thelekisa Isaya 7. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye kwenzekile ngemihla ka-Ahazi unyana kaYotam, unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda, ukuba uRetsin, ukumkani wama-Aram, noPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, enyuke esingise ngaseYerusalem ukuze alwe imfazwe kunye nayo, kodwa akazange abe nokuyoyisa.

2 Kwaye yaxelelwa indlu kaDavide ngabangcethezi besithi: Ama-Aram anobakwelakwa-Efrayim bamanyene. Yaza intliziyo yakhe yadidizela, nentliziyo yabantu bakhe, njengemithi yehlathi ididizeliswa ngumoya.

3 Yathi ke iNkosi kuIsaya: Yiya phambili ngoku uyokukhawulela uAhazi, wena kunye anoSheyariyashubi unyana wakho, ekupheleni komjelo wedami elisemantla omendo womgaqo ongasentsimini yomxovuli weengubo;

4 Uze uthi kuye: Lumka, kwaye uzole; amusa ukoyika, ungabi nentliziyo etyhafileyo ngenxa yezo ziphunzi zibini zezikhuni zomlilo ziqhumayo, ngenxa yoburhalarhume bomsindo kaRetsin edibene noAram, nowonyana kaRemaliya.

5 Ngenxa yokuba uAram, uEfrayim, kwaye nonyana kaRemaliya, bathe baceba ububi ngawe, besithi:

6 Masihambe sinyuke siye kwelakwaYuda simvukele kwaye simcaphukise, asizenzele ithanda kuye, size sibeke ukumkani embindini wakhe, ewe, unyana kaThabhele.

7 Itsho njalo iNkosi uThixo: Alisayi kusebenza, kwaye lingayi kwenzeka.

8 Kuba intloko yama-Aram yiDamasko, nentloko yeDamasko, nguRetsin; kwaye phakathi kweminyaka emashumi mathandathu neminyaka emihlanu amaEfrayim aya kuqhekezwa ukuze angabi luhlanga.

9 Kwaye intloko yamaEfrayim kukwaSamari, nentloko yakwaSamari ngunyana kaRemaliya. Ukuba nithe aanakholwa ngokwenene aniyi kumiselwa.

10 Ngaphezu koko, iNkosi yathetha kwakhona kuAhazi, isithi:

11 Zicelele aumqondiso kuyo iNkosi uThixo wakho; wucele enokuba kusenzulwini yomhlaba, okanye kuphezulu enyangweni.

12 Kodwa uAhazi wathi: Andisayi kucela, ndingasayi akuyilinga iNkosi.

13 Waza wathi: Phulaphulani ngoku, Owu ndlu kaDavide; kuyinto encinane kuni ukudinisa abantu, ukuba nide nidinise uThixo wam kanjalo?

14 Ke ngoko, iNkosi ngokwayo iza kuninika umqondiso—Qaphelani, aintombi engazani nandoda iya kumitha, kwaye iya kuzala unyana, ize imthiye igama belinguImanuweli.

15 Uya kutya amasi nobusi, ukuze akwazi ukwala okubi kwaye akhethe okulungileyo.

16 Kuba ngaphambi kokuba aumntwana abe nokukwazi ukwala ububi kwaye akhethe okulungileyo, ilizwe elo ulithiyileyo liya kuncanywa ngabo bbobabini ookumkani balo.

17 INkosi iya akuzisa phezu kwakho, naphezu kwabantu bakho, naphezu kwendlu kayihlo, imihla engazange ibekho ukususela ngomhla awathi buEfrayim walishiya elakwaYuda, ukumkani wase Asiriya.

18 Kwaye kuya kwenzeka ngawo loo mhla ukuba iNkosi iya akubethela ikhwelo impukane ekwindawo ekude yaseYiputa, kwanayo inyosi ekuwo umhlaba waseAsiriya.

19 Kwaye ziya kuza, kwaye zonke ziphela ziya kuphumla kwiintlambo eziyinkangala, nasemiqolombeni yamawa, nakuwo onke ameva, nakuwo onke amatyholo.

20 Kwangawo lo mhla iNkosi iya akucheba ngesitshetshe esiqeshiweyo, sabo bangaphaya komlambo, bngokumkani waseAsiriya, intloko, noboya beenyawo; kwaye siya kuzitshabalalisa neendevu.

21 Kwaye kuya kwenzeka ngaloo mhla, umntu uya akondla ithokazi lenkomo nezimvu ezimbini;

22 Kwaye kuya kwenzeka, ngokwehlisa okukhulu kwazo uya kudla amasi; ngamasi nobusi uya kuthi wonke umntu adle oko kuseleyo elizweni.

23 Kwaye kuya kwenzeka ngaloo mhla, zonke iindawo kuya kubakho, apho kwakukho khona iwaka lemidiliya ngewaka aleesilivera, kuya kuba lukhakakhaka nameva.

24 Ngeentolo nezaphetha amadoda aya kusondela, ngenxa yokuba wonke umhlaba uyakuba lukhakakhaka nobobo.

25 Kwaye zonke iinduli ebeziya kugatywa ngamagaba, akusayi kubakho loyiko lwalukhakakhaka nalubobo; kodwa ziya kuba zezokukhaphelela iinkomo, nokunyashwa ayimpahla emfutshane.