Izibhalo
2 Nifayi 12


Isahluko 12

UIsaya ubona itempile yemihla yokugqibela, ukuhlanganiswa kukaSirayeli, kwaye nomgwebo wemileniyam noxolo—Abanekratshi nabakhohlakeleyo baya kuthotywa ekuBuyeni kweSibini—Thelekisa Isaya 2. Malunga 559–545 P.K.

1 Ilizwi awathi auIsaya, unyana ka-Amotsi, bwalibona ngokunxulumene noYuda neYerusalem:

2 Kwaye kuya kwenzeka ngemihla yokugqibela, xa sukuba aintaba byendlu yeNkosi iya kuqinisekiswa ezincotsheni zazo ciintaba, kwaye iphakanyiswe phezu kwazo iinduli, kwaye zonke izizwe ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo.

3 Kwaye abaninzi abantu baya kuya kwaye bathi, Yizani nina, kwaye masinyuke siye entabeni yeNkosi, kuyo indlu kaThixo kaYakobi; kwaye uya kusifundisa ngee-ndlela zakhe, kwaye siya akuhamba ngomendo wakhe; kuba eZiyon kuya kuphuma bumthetho, nelizwi leNkosi liphume eYerusalem.

4 Kwaye uya akugweba phakathi kwezizwe, aze akhalimele abantu abaninzi: kwaye baya kuwakhanda amakrele abo abe zizikhali zekhuba, nemikhonto yabo ibe zizitshetshe zokuthena—isizwe asiyi kuphakamisa krele kwesinye isizwe, bengayi kube baphinde bafunde mlo.

5 Owu ndlu kaYakobi, yizani nina kwaye masihambeni ekukhanyeni kwayo iNkosi; ewe, kuba nonke anilahlekile, ingulowo kwezakhe iindlela ezikhohlakeleyo.

6 Ke ngoko, Owu Nkosi, ubashiyile abantu bakho, indlu kaYakobi, ngenxa yokuba abezaliswe ziimpembelelo zasempumalanga, kwaye baphulaphula koosiyazi bnjengamaFilisti, kwaye cbebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga.

7 Ilizwe labo kanjalo lizele yisilivere negolide, kungekho nasiphelo kubutyebi babo; nelizwe labo kanjalo lizele ngamahashe, kungekho nasiphelo kwiinqwelo zabo zokulwa.

8 Ilizwe labo kanjalo lizele azizithixo; banqula umsebenzi wezandla zabo, into leyo eyenziwe yiminwe yabo.

9 Kwaye umntu nje aakathobeli, kwanesikhulu asizithobi, ke ngoko, musa ukumxolela.

10 Owu nina bakhohlakeleyo, ngenani kulo iliwa, kwaye anizifihle eluthulini, ngenxa yokoyika iNkosi nozuko lobukhosi bayo luya kunibetha.

11 Kwaye kuya kwenzeka ukuba iinkangeleko zempakamo yabantu ziya kuthobeka, nobukhakhamela babantu buya kuthotyelwa phantsi, kwaye yiNkosi kuphela eya kuphakanyiswa ngaloo mhla.

12 Kuba aumhla weNkosi yeMikhosi uyeza kwakamsinya phezu kwazo zonke izizwe, ewe, phezu kwakhe wonke ubani; ewe, phezu bkwabanekratshi nabaphakamileyo, kwaye naphezu kwakhe nabanina onyusiweyo, kwaye uya kuthotyelwa phantsi.

13 Ewe, kwaye umhla weNkosi uya kufika phezu kwayo yonke imisedare yaseLebhanon, kuba mide kwaye inyukele phezulu; naphezu kwayo yonke imioki yaseBhashan;

14 Naphezu kwazo zonke iintaba eziphakamileyo, naphezu kwazo zonke iinduli, naphezu kwazo zonke izizwe eziphakanyisiweyo, naphezu kwabo bonke abantu;

15 Naphezu kwayo nayiphi inqaba ephakamileyo, nangaphezu kwalo naluphina udonga olubiyelweyo;

16 Naphezu kwazo zonke iinqanawa azolwandle, naphezu kwazo zonke iinqanawa zaseTarshishe, naphezu kwayo yonke imifanekiso enqwenelekayo.

17 Kwaye impakamo yomntu iya kuthotyelwa phantsi, kwaye nobukhakhamela babantu buya kubekelwa ezantsi; kwaye yiNkosi kuphela eya kuphakanyiswa angaloo mhla.

18 Kwaye nezithixo uya kuzibhangisa ngokupheleleyo.

19 Kwaye ziya kuya emingxunyeni yamawa, nasemiqolombeni yomhlaba, kuba uloyiko lweNkosi luya kuza phezu kwabo nozuko lobukhosi bayo luya kubabetha, xa sukuba ephakama ukuwugungqisa ngokoyikekayo umhlaba.

20 Ngaloo mhla umntu uya akuzilahla izithixo zakhe zesilivere, nezithixo zakhe zegolide, abethe wazenzela ngokwakhe ukuze azinqule, kuzo iintuku nakuwo amalulwane;

21 Ukuze angene kuzo iimfanta zamawa, nasezincotsheni zamawa azingxondorha, kuba uloyiko lweNkosi luya kufika phezu kwabo nobukhosi bozuko lwakhe buya kubabetha, xa sukuba ephakama ukuwugungqisa ngokoyikekayo umhlaba.

22 aMyekeni umntu, okuphefumla kwakhe kusemathatheni akhe; kuba yintoni na aya kuthi axabiseke ngayo?