Izibhalo
2 Nifayi 13


Isahluko 13

UYuda neYerusalem baya kohlwaywa ngenxa yokungathobeli kwabo—INkosi iyabathethelela kwaye ibagwebe abantu Bayo—Iintombi zayo iZiyon ziyaqalekiswa kwaye zithuthunjiswe ngenxa yokuthanda izinto zehlabathi—Thelekisa Isaya 3. Malunga 559–545 P.K.

1 Kuba qaphelani, iNkosi, iNkosi yeMikhosi, ithabatha isuse kuyo iYerusalem, nakuYuda, isixhaso nenkxaso, isixhaso sonke sesonka, nenkxaso yonke yamanzi—

2 Indoda eligorha, nendoda yempi, umgwebi, nomprofeti, nomvumisi, nendoda enkulu;

3 Umthetheli wamashumi amahlanu, nendoda ebekekileyo, nephakathi, nesilumko esinobungcibi, nengqondi yokukhwintsa.

4 Kwaye ndiya kubanika abantwana babe ziinkosana zabo, neentsana ziya kulawula phezu kwabo.

5 Kwaye abantu baya kucinezeleka, bonke omnye ngomnye, kwaye elowo nalowo ngummelwane wakhe; umntwana uya kuziphatha ngokukratsha ngakuyo indoda enkulu, nabangenambeko kwababekekileyo.

6 Xa umntu eya kuthi abambe umntakwabo wendlu kayise, aze athi: Unazo iingubo, yiba ngumlawuli wethu, kwaye musa ukuyekela lo amonakalo uze phantsi kwesandla sakho—

7 Ngaloo mhla uya kufunga, esithi: Andiyi kuba angumphilisi; kuba kweyam indlu akukho sonka nazingubo; musani ukundenza umlawuli wabantu.

8 Kuba iYerusalem ayonakele, noYuda buwile, ngenxa yokuba iilwimi zabo nezenzo zabo bezichasene neNkosi, ukuxhokonxa amehlo obuqaqawuli bakhe.

9 Imbonakalo yenkangeleko yobuso babo ithi ingqine ngokuchasene nabo, kwaye ithi ichaze ngesono sabo ukuba zikwa anjengeSodom, kwaye abanakho ukuyifihla. Yeha kuyo imiphefumlo yabo, kuba bazivuze ngobubi ngokwabo!

10 Yithi kwabangamalungisa akulungile ngakubo; kuba baya kudla iziqhamo zezenzo zabo.

11 Yeha kwabakhohlakeleyo, kuba baya kutshabalala; kuba umvuzo wezandla zabo uya kuba phezu kwabo!

12 Kwaye abantu bam, abantwana ngabacinezeli babo, kwaye nabafazi bayalawula phezu kwabo. Owu bantu bam, abo abanikhokelayo baya nilahlekisa kwaye batshabalalisa umendo weendlela zenu.

13 INkosi iphakamile yema ukuze aithethelele, kwaye iyema ukuze igwebe abantu.

14 INkosi iya kungena emgwebeni kunye namadoda amakhulu abantu bayo kwaye aneenkosana zabo; kuba bnisigqibile cisidiliya dnobutyebi ebeentsizana ezindlwini zenu.

15 Nithetha ukuthini? Nibatyumze abantu bam, nibusile ubuso beentsizana, itsho iNkosi uThixo weMikhosi.

16 Ngaphezu koko, ithi iNkosi: Ngenxa yokuba iintombi zayo iZiyon zizizikhakhamela, kwaye zihamba zitsho ngeentamo ezolulelwe phambili namehlo atshawuzayo, zihamba azicothoza xa zihamba, kwaye zisenza isigampe ezinyaweni zazo—

17 Ke ngoko iNkosi iya kuzibetha ngebhula elukhakhayini iintombi zeZiyon, kwaye iNkosi iya kuzihluba amalungu azo anqabileyo.

18 Ngaloo mhla iNkosi iya kubuthabatha ibususe ubuhle bezihombo zemixokelelwane, anezigqubuthelo, bneentsimbi zomqala ezimiliswe okwenyanga;

19 Amakhonkco nezacholo, anezikhafu;

20 Izankwane, nezihombo zemilenze, neeqhiya, neziqholo, namajikazi;

21 Imisesane, namakhonkco empumlo;

22 Izambatho aezinqabileyo zezivatho, needyasi ezingenamikhono, neeqhiya zelineni entle, nezipeliti zokuphotha iinwele;

23 aIzipili, nelineni ecwengileyo, neminqwazi, nezigubungelo.

24 Kwaye kuya kwenzeka, endaweni yevumba elimnandi kuya kubakho ukunuka; kwaye endaweni yombhinqo, aisikroba; kuze endaweni yeenwele ezilungiswe kakuhle, inkqayi; kwaye endaweni byesihombiso sesifuba, umbhinqo orhwexayo; cukutshiswa endaweni yobunzwakazi.

25 Amadoda akho aya kuwa ngekrele kunye namagorha akho emfazweni.

26 Kwaye amasango akhe aya kwenza isijwili kwaye abelusizi; kwaye uya kuba yinkangala, kwaye uya kuhlala phantsi eluthulini.