Izibhalo
2 Nifayi 8


Isahluko 8

UYakobi uqhubekeka efunda kuIsaya: Ngemihla yokugqibela, iNkosi iya kuyithuthuzela iZiyon kwaye ihlanganise uSirayeli—Abakhululweyo baya kuza eZiyon phakathi kokugcoba okukhulu—Thelekisa Isaya 51 no 52:1–2. Malunga 559–545 P.K.

1 Ndiphulaphuleni, nina balandela emva kobulungisa. Khangelani akwiliwa enaqetshulwa kulo, kwaye nakumngxuma womhadi lowo nanombiwe kuwo.

2 Khangelani kuAbraham, auyihlo, kwaye bnakuSara, lowo wanizalayo; kuba ndambiza yedwa, kwaye ndamsikelela.

3 Kuba iNkosi iya kuyithuthuzela aiZiyon, iya kuyithuthuzela yonke imiqwebedu yayo; kwaye ayenze bintlango yayo ifane ne-Eden, kwaye nenkqantosi yomyezo yayo ifane nomyezo weNkosi. Ukugcoba, novuyo kuya kufumaneka kuyo, ukunika imibulelo nesandi selizwi lwengoma.

4 Ndiphulaphuleni, bantu bam; kwaye ndinikeni indlebe, Owu sizwe sam; kuba aumthetho uya kuphuma uvela kum, kwaye ndiya kusenza isigwebo sam sibe bnjengesibane sabo abantu.

5 Ubulungisa bam bukufuphi; ausindiso lwam luze ngaphambili, kwaye ingalo yam iya kubagweba abantu. bIziqithi ziya kundikhonza, kwaye baya kuthembela kwingalo yam.

6 Phakamiselani amehlo enu emazulwini, kwaye nikhangele ezantsi emhlabeni; kuba aamazulu aya bkuthi shwaka njengomsi, kwaye umhlaba uya ckuguga njengesambatho; kwaye abo bawuhleliyo baya kufa kwangolo hlobo. Kodwa usindiso lwam luya kuba ngonaphakade, kwaye ubulungisa bam abuyi kubhangiswa.

7 Ndiphulaphuleni, nina nibaziyo ubulungisa, abantu endithe ndawubhala ezintliziyweni zabo umthetho wam, amaze ningaloyiki ungcikivo lwabantu, ningazoyiki nazo izenyeliso zabo.

8 Kuba amanundu aya kubadla abagqibe njengesambatho, kwaye nempehla iya kubadla njengoboya. Kodwa ubulungisa bam buya kuba ngonaphakade, kwaye usindiso lwam lusuke kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana.

9 Vuka, vuka! Vatha aukomelela, Owu ngalo yeNkosi; vuka nje ngemihla yamandulo. Akunguye na lowo owaxabela uRahabhi, waze wayosela inamba enkulu?

10 Akunguye na lowo walomisayo ulwandle, amanzi enzulu enkulu; lowo wenza iinzulu zolwandle azayindlela ukuze abahlawulelweyo bawelele ngaphaya?

11 Ke ngoko, aabakhululiweyo beNkosi baya kubuya, kwaye beze bbevuma ingoma yeZiyon; novuyo lwanaphakade nobungcwele buya kuhlala phezu kweentloko zabo; kwaye baya kuzuza ukugcoba novuyo; usizi cnokuzila ziya kubaleka zimke.

12 aNdinguye, ewe, ndinguye okuthuthuzelayo. Qaphela, ungubani na wena, ukuba bungoyika umntu, oya kuthi afe, kwaye nonyana womntu, oya kuthi enziwe abe cnjengengca?

13 Uze auyilibale iNkosi umenzi wakho, eyathi yawolula amazulu, yaza yazibeka iziseko zomhlaba, kwaye woyika ngalo lonke ixesha imihla yonke, ngenxa yoburhalarhume bombandezeli, ngokungathi sele elungele ukutshabalalisa? Kwaye buphi uburhalarhume bombandezeli?

14 Umthinjwa oselubhacweni uyakhawuleza, ukuze akhululwe, kwaye nokuba aze angafeli emhadini, nokokuba isonka sakhe singapheli.

15 Kodwa ndiyiyo iNkosi uThixo wakho, aemaza ayo agqumayo; iNkosi yeMikhosi ligama lam.

16 Kwaye ndiwabekile amazwi am emlonyeni wakho, kwaye ndikugqumile esithunzini sezandla zam, ukuze ndilime amazulu kwaye ndibeke iziseko zomhlaba, ndize ndithi kuyo iZiyon: Qaphelani, aningabantu bam.

17 Vuka, vuka, phakama, Owu Yerusalem, ethe yasela esandleni seNkosi aindebe byoburhalarhume bayo—usele intlenge yendebe eyoyikekayo ikhanyiwe—

18 Kwaye kungekho namnye umkhokelayo phakathi kwabo bonke oonyana athe wabazala; kungekho namnye othe wamthabatha ngesandla, kubo bonke oonyana athe wabakhulisa.

19 Aba babini aoonyana baze kuwe, ngubani na oya kuba nosizi nguwe—kukudakumba kwakho nentshabalalo, nendlala nekrele—kwaye ngubani na endiya kukuthuthuzela ngaye?

20 Oonyana bakho bawe isiduli, ngaphandle kwababini; balele ekungeneni kwazo zonke izitrato; njengenkunzi edlongodlongo emnatheni, bazele buburhalarhume beNkosi, kukukhalima koThixo wakho.

21 Ke ngoko yiva le nto ngoku, wena ubandezelekileyo, kwaye aunxila, kwaye kungeyiyo iwayini:

22 Itsho njalo iNkosi yakho, iNkosi noThixo wakho aebacengelayo abantu bayo; qaphelani, ndiyithabathile esandleni senu indebe eyoyikekayo, intlenge yendebe yoburhalarhume bam; akusayi kuze uphinde uyisele kwakhona.

23 Kodwa andiya kuyibeka ezandleni zabo banibandezelayo; abathi emphefumlweni wakho: Qubuda phantsi, ukuze sihambe sigqithe—kwaye wawubeka umzimba wakho njengomhlaba nanjengesitrato kwabo babehamba begqitha.

24 aVuka, vuka, vatha bukomelela kwakho, Owu cZiyon; vatha izambatho zakho ezibukekayo, Owu Yerusalem, isixeko esingcwele; kuba ukususela ngoku dakusayi kuphinda kuze kuwe abangolukanga naba zinqambi.

25 Zivuthulule eluthulini; aphakama, hlala phantsi, Owu Yerusalem; zikhulule bkwizibophelelo zentamo yakho; Owu mthinjwa wentombi yayo iZiyon.