Izibhalo
2 Nifayi 21


Isahluko 21

Igatya esiphunzini sikaYese (uKrestu) liya kugweba ngobulungisa—Ulwazi ngoThixo luya kugqumelela umhlaba ngeMileniyam—INkosi iya kuphakamisa ibhanile ize ihlanganise uSirayeli—Thelekisa Isaya 11. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye kuya kuza ngaphambili aintonga iphuma bkwisiphunzi csikaYese, kwaye isebe liya kuhluma liphuma ezingcanjini zayo.

2 Kwaye auMoya weNkosi uya kuphumla phezu kwayo, umoya wobulumko nengqiqo, umoya wecebo namandla agqithileyo, umoya wolwazi nowoloyiko lweNkosi;

3 Kwaye uya kuyenza ibe nengqiqo ekhawulezayo ekoyikeni iNkosi, kwaye akasayi akugweba ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokuva kweendlebe zakhe.

4 Kodwa angobulungisa uya kubagweba abazintsizana, kwaye bohlwaye ngokulunga ngakubo cabalulamileyo bomhlaba; kwaye uya kuwubetha umhlaba ngentonga yomlomo wakhe, kwaye nangomphefumlo wemilebe yakhe uya kubabulala abakhohlakeleyo.

5 Kwaye ubulungisa buya kuba ngumbhinqo wesinqe sakhe, kwaye nokuthembeka kube ngumbhinqo awesinqe sakhe.

6 Ingcuka kanjalo iya kuhlala netakane lemvu, kwaye nengwe iya kubuthuma netakane lebhokhwe, nethole lenkomo nengonyama entsha nethole elityetyisiweyo ndawonye; nomntwana omncinane uya kuzikhokela.

7 Kwaye imazi yenkomo nebhere ziya kudla; amankonyana azo aya kubuthuma ndawonye; nengonyama iya kudla umququ njengenkomo.

8 Kwaye umntwana owanyiswayo uya kudlala emngxunyeni awephimpi, nomntwana olunyulweyo uya kufaka isandla sakhe belukhozweni lweliso lwerhamba.

9 aAziyi kwenzakalisa zingayi kutshabalalisa kuyo yonke intaba yam engcwele, kuba umhlaba uya kuba uzaliswe blulwazi lweNkosi, njengokuba amanzi egubungela ulwandle.

10 Kwaye angaloo mhla kuya kubakho bihlumelo likaYese, eliya kuma njengebhanile yabantu; bonke cabeeNtlanga dbaya kulilangazelela; kwaye nendawo yokuphumla kwalo iya kuba ntle ngokubalaseleyo.

11 Kwaye kuya kwenzeka ngaloo mhla okokuba iNkosi iya kuqalisa ukubeka isandla sayo kwakhona aokwesibini ukubuyisela intsalela yabantu bayo abaya kusala, ukusuka eAsiriya, naseYiputa, nasePatros, naseKushi, nakwaElam, naseShinare, naseHamati, kwaye nakuzo iziqithi zolwandle.

12 Kwaye uya kumisela phezulu aibhanile yezizwe, kwaye uya kudibanisa kunye babagxothiweyo bakaSirayeli, aze cahlanganise kunye abasasaziweyo bakwaYuda ukusuka kuzo zone iimbombo zomhlaba.

13 aUmona kaEfrayim kanjalo uya kuthotha, kwaye neentshaba zikaYuda ziya kusikelwa ngaphandle; buEfrayim akasayi kumonela cuYuda, noYuda angambandezeli uEfrayim.

14 Kodwa baya akuphaphazela phezu kwamagxa awo amaFilisti ukuya ngasentshona; baya kuthabatha kunye namaxhoba asempuma; baya kubeka isandla sabo phezu kwe-Edom neMowabhi; kwaye abantwana baka-Amon baya kubathobela.

15 Kwaye iNkosi iya akulutshabalalisa ngokupheleleyo ulwimi lwalo ulwandle lwaseYiputa; kwaye ngomoya wakhe ovuthuzayo uya kutyityimbisela isandla sakhe phezu komlambo, aze awubethe ube yimisinga esixhenxe, aze abenze abantu bawele ngeembadada zomile.

16 Kwaye kuya kubakho aumendo wentsalela yabantu bakhe abaya kuba besele, ukusuka eAsiriya, njengoko kwakunjalo kuSirayeli ngomhla awanyuka ephuma ngaphandle kwelizwe laseYiputa.