Izibhalo
2 Nifayi 18


Isahluko 18

UKrestu uya kuba njengelitye lokukhubeka neliwa lesikhubekiso—Funani iNkosi, ingabi ngabalozayo abaneshologu—Guqukela kuwo umthetho nakubo ubungqina nize nifumane ukhokelo—Thelekisa Isaya 8. Malunga 559–545 P.K.

1 Ngaphezu koko, ilizwi leNkosi lathi kum: Thabathela kuwe umqulu omkhulu, uze ubhale kuwo ngosiba lwabantu, ngokunxulumene anoMahere-shalal-hash-bazi.

2 Kwaye ndathabathela kum aamangqina anyanisekileyo ukuze abhale ingxelo, u-Uriya umbingeleli, noZekariya unyana kaYebherekiya.

3 Ndaza ndamngena aumprofetikazi; waza wamitha waza wazala unyana. Yathi ke iNkosi kum: Mbize igama lakhe, Mahere-shalal-hash-bazi.

4 Kuba qaphela, aumntwana bakayi kuba nalulwazi lokuthi; Bawo wam, nomama wam, ngaphambi kokuba ubutyebi baseDamasko cnamaxhoba aseSamari abe athatyathiwe phambi kokumkani waseAsiriya.

5 INkosi kananjalo yathetha nam kwakhona, isithi:

6 Ngenxa yokuba aba bantu bewacekisa amanzi aaseShilowa ahamba ngokuzola, baze bagcobele buRetsin nonyana kaRemaliya;

7 Ke ngoko qaphelani, ngoku, iNkosi izisa aphezu kwabo amanzi omlambo, anamandla namaninzi, kwanaye ukumkani waseAsiriya kwaye nalo lonke uzuko lwakhe; kwaye uya kuza unyukele phezu kwayo yonke imijelokazi yayo, kwaye uya kunyukela phezu kwazo zonke iindonga zayo.

8 Kwaye auya kutyhudisela kwelakwaYuda; uya kukhukula uphuphume, uya kubetha emqaleni, nokunaba kwawo amahlelo kuya kubuzalisa ububanzi belizwe wakho, Owu bImanuweli.

9 aBhavumani, Owu nina bantu, kuba niya kuqotywa; kwaye ninike iindlebe nonke nina bakumazwe akude; bhinqani, kuba niya kuqotywa; bhinqani kuba niya kuqotywa.

10 Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, kwaye alisayi kuma; akuba uThixo unathi.

11 Kuba itshilo iNkosi njalo kum, iseyisa ngamandla, yaza yandiyalela ukuba maze ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi:

12 Ize ningathi, aIkukucetywa, into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo, ningoyikiswa yiyo.

13 Yingcwaliseni iNkosi yeMikhosi ngokwayo, nize aniyivumele ibe luloyiko lwenu, nize niyivumele ibe lixhala lenu.

14 Kwaye iya kuba anjengendawo yokwesabela engcwele; kodwa ibe blilitye lokukhubeka, neliwa lokukhubekisa kuzo zombini izindlu zikaSirayeli, ibe sisabatha nomgibe kubo abemi baseYerusalem.

15 Kwaye abaninzi phakathi kwabo baya akukhubeka baze bawe, baze bophuke, baze babambiseke, baze bathatyathelwe ekuthinjweni.

16 Qinisani ubungqina, niwutywine aumthetho phakathi kwabafundi bam.

17 Kwaye ndiya kuyilindela iNkosi, aebusithelisayo ubuso bayo kuyo indlu kaYakobi, kwaye ndiya kuyikhangela.

18 Qaphelani, mna kunye nabantwana iNkosi ethe yandinika bona asingabemiqondiso nemimangaliso kwaSirayeli esuka kuyo iNkosi yeMikhosi, leyo ihlala kuyo iNtaba yeZiyon.

19 Kwaye xa beya kuthi kuni: Quqelani akwabaneshologu, bnakoosiyazi abalozayo nabadumzelayo—cakumele na ukuba abantu baquqele kuThixo wabo ukuze abaphilayo beve dkwabafileyo?

20 Kuwo umthetho nakubo ubungqina; kwaye ukuba aabathi bathethe malunga neli lizwi, kungenxa yokuba akukho kukhanya kubo.

21 Kwaye abaya kudlula kulo bebandezelwe ziinzima kwaye belambile; kwaye kuya kwenzeka okokuba xa beya kuthi balambe, baya kuba noburhalarhume, baze bamqalekise ukumkani wabo noThixo wabo, baze bakhangele phezulu.

22 Kwaye baya kukhangela emhlabeni baze babone inkathazo, nobumnyama, kuuncitheka lungcungcutheko, kwaye baya kuqhutyelwa ebumnyameni.