Izibhalo
2 Nifayi 20


Isahluko 20

Intshabalalo yeAsiriya ngumfuziselo wentshabalalo yabakhohlakeleyo ekuBuyeni kweSibini—Bambalwa abantu abaya kusala emva kokubuya kweNkosi kwakhona—Intsalela kaYakobi iya kubuya ngaloo mhla—Thelekisa Isaya 10. Malunga 559–545 P.K.

1 Yeha kubo abamisela imimiselo eyintswela bulungisa, kwaye nabathi babhale ingcinezelo abathe bayimisela ngokwabo;

2 Ukuze bazisunduze izisweli akwisigwebo esifanelekileyo, nokuhlutha ilungelo kwabo bazintsizana babantu bam, ukuze babahlolokazi babe ngamaxhoba abo, nokuze baphange abangenayise!

3 Kwaye niya kuthini na ngomhla awovelelo, kwaye nakwintshabalalo eya kuthi ivele kude? niya kubalekela kubani na ukuze nincedwe? kwaye niya kubushiya nabani na ubungangamsha benu?

4 Ngaphandle kwam baya kugoba ngaphantsi kwamanye amabanjwa, kwaye baya kuwela phantsi kwababuleweyo. Kuko konke oku umsindo wakhe akawubuyisanga, kodwa isandla sakhe usasolulile.

5 Owu Asiriya, ntonga yomsindo wam, nomsimelelo osesandleni sabo akukubhavuma kwam.

6 Ndiya kumthumela angokuchasene nesizwe esihanahanisayo, kwaye ngokuchasene nabantu bokuphuphuma komsindo wam ndiya kumnika umyalelo wokokuba athabathe amaxhoba, aze athabathe nokuphangiweyo, aze abanyathalele phantsi njengodaka lwezitrato.

7 Kungani na engathethi njalo, nentliziyo yakhe ingacingi njalo; kodwa kusentliziyweni yakhe ukutshabalalisa nokusikela ngaphandle izizwe ezingembalwa.

8 Kuba uthi: Amatshawe am onke angabo na ookumkani bezikumkani kusini na?

9 Ingaba iKaleno ayinjengeKarkemishe kusini na? Ingaba iHamati ayinjengeArpadi kusini na? Ingaba iSamari ayinjengeDamasko kusini na?

10 Njengoko aisandla sam sazimiselayo izikumkani zezithixo, kwaye nezemifanekiso yazo eqingqiweyo yaye yazogqitha ezo zaseYerusalem nezaseSamari;

11 Andingebinako na, njengoko ndenzayo kuye uSamari nezithixo zakhe, ukwenza njalo kuyo iYerusalem nakuzo izithixo zayo?

12 Ngako oko kuya kwenzeka okokuba xa sukuba iNkosi iwenzile umsebenzi wayo wonke phezu kweNtaba yeZiyon naphezu kweYerusalem, ndiya kusohlwaya aisiqhamo sentliziyo enobungangamsha yokumkani bwaseAsiriya, nobungangamela benkangeleko yakhe yekratshi.

13 Kuba authi: Ngamandla esandla sam nangobulumko bam ndizenzile ezi zinto; kuba ndilumkile; kwaye ndiyishenxisile imida yabantu, ndaza ndabuphanga ubutyebi babo, kwaye ndiboyisile abemi njengendoda ekhaliphileyo;

14 Kwaye isandla sam sibufumene njengendlu yentaka ubutyebi babantu; kwaye njengaye obutha amaqanda ashiyiweyo ndilibuthile ihlabathi lonke; kwaye akukho namnye owathi washukumisa iphiko, okanye wavula umlomo, okanye watswina.

15 aIngaba bizembe lingamqhayisela na ogawula ngalo? Ingaba isarha ingazikhulisa na koyitsalayo? Ngathi intonga ingabajingisa abaphakamisi bayo, ngathi umsimelelo ungamphakamisa ongenguwo umthi!

16 Ke ngoko iNkosi, iNkosi yeMikhosi, iya kuthumela phakathi kwabatyebileyo bayo, ukubhitya, kwaye phantsi kozuko alwakhe iya kuphemba ukuvutha njengokuvutha komlilo.

17 Kwaye ukukhanya kukaSirayeli kuya kuba njengomlilo, aze oNgcwele abe njengedangatye, kwaye liya kutshisa lize lidle ubobo nokhakakhaka lwalo ngemini enye;

18 Kwaye uya akudla ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumileyo, kunye umphefumlo nomzimba; kwaye ziya kuba njengaxa sukuba umthwali bhanile etyhafa.

19 Kwaye aeseleyo imithi yehlathi lakhe iya kuba mbalwa, kangangokuba nomntwana angaba nokuyibala.

20 Kwaye kuya kwenzeka angaloo mhla, okokuba intsalela kaSirayeli, nabo baya kusinda bkwindlu kaYakobi, abasayi kuphinda kwakhona cbahlale kulowo wababethayo, kodwa baya kuhlala eNkosini, eyiNgcwele kaSirayeli, enyanisweni.

21 aIntsalela iya kubuyela, ewe, kwanayo intsalela kaYakobi, ize kuye uThixo onamandlakazi.

22 Kuba nangona abantu bakho uSirayeli benjengentlabathi yolwandle, iya kuthi ibuye intsalela yabo; aukupheliswa okumiselweyo kwagqitywa kuya bkuphuphuma bubulungisa.

23 Kuba iNkosi uThixo weMikhosi iya akwenza impeliso, kwanemisiweyo kulo lonke ilizwe.

24 Ke ngoko, itsho njalo iNkosi uThixo weMikhosi: Owu bantu bam abahleliyo eZiyon, musani ukumoyika uAsiriya; uya kunibetha ngentonga, kwaye uya kuphakamisa umsimelelo wakhe ngokuchasene nani, angokohlobo lwamaYiputa.

25 Kuba ngethutyana nje elincinane, nesikhubekiso siya kuphela, nomsindo wam ekutshabalaleni kwabo.

26 Kwaye iNkosi yeMikhosi iya kudala isibetho kuye malunga nendyikityha yokubulawa akwamaMidiyan eliweni likaOrebhe; kwaye nanjengokuba intonga yayo yayenzile phezu kolwandle iya kuyiphakamisa kwangolo hlobo lwaseYiputa.

27 Kwaye kuya kwenzeka ngaloo mhla okokuba aumthwalo wakhe uya kususwa emagxeni akho, nedyokhwe yakhe isuswe entanyeni yakho, kwaye idyokhwe iya kutshatyalaliswa ngenxa byokuthanjiswa.

28 aUfikile eAyati, ugqithele eMigron; eMikimashe ugcinise iinqwelo zakhe.

29 Bawelele ngaphaya kwenkalo; bathabatha indawo yokulala eGebha; iRama iyoyika; iGibheha kaSawule isabile.

30 Phakamisa izwi, Owu ntombi kaGalim; lenze liviwe eLayishe, Owu lusizana Anatoti.

31 UMademena ufudusiwe; abemi baseGebhim bahlanganisene ukuze basabe.

32 Ngokwakaloku nje usaya kusala eNobhe ngaloo mhla; uya kutyityimbisa isandla sakhe ngakuyo intaba yentombi yeZiyon, induli yayo iYerusalem.

33 Qaphela, iNkosi, iNkosi yeMikhosi iya kulihlahla isebe elikhulu ngoloyiko; kwaye aabaphakamileyo ngezithomo baya kugawulelwa phantsi; kwaye nabazizikhakhamela baya kuthotywa.

34 Kwaye iya kuzigecela phantsi iintshinyela zamahlathi ngezembe, kwaye iLebhanon iya kuwiswa ngonobungangamsha.