Izibhalo
3 Nifayi 29


Isahluko 29

Ukuza ngaphambili kweNcwadi kaMormoni kungumqondiso wokokuba iNkosi iqalisile ukuhlanganisa uSirayeli ize izalisekise umnqophiso Wayo—Abo bazalayo izityhilelo Zayo zomhla wokugqibela nezipho baya kuqalekiswa. Malunga E.K. 34–35.

1 Kwaye ngoku qaphelani, nditsho kuni ukuthi xa sukuba iNkosi ibona kufanelekile ukuba, ngobulumko bayo, ukuba ezi ntetha ziya kufika kubo abeeNtlanga ngokwamazwi ayo, ke ninokwazi okokuba umnqophiso awathi uBawo wawenza kunye nabantwana bakaSirayeli, malunga nokubuyiselwa kwabo kumazwe elifa labo, sele uqalisile ukuzalisekiswa.

2 Kwaye nibe nokwazi okokuba amazwi eNkosi lawo athethiweyo ngabaprofeti abangcwele, aya kuzalisekiswa onke; kwaye maningathi iNkosi iya kulibazisa ukuza kwayo kubantwana bakaSirayeli.

3 Kwaye maningacingi ezintliziyweni zenu ukuba amazwi abethethiwe alilize, kuba qaphelani, iNkosi iya kuwukhumbula umnqophiso wayo ewenzileyo kubo abantu bayo bendlu kaSirayeli.

4 Kwaye nakuba niya kuzibona ezi zinto zisiza ngaphambili phakathi kwenu, ke maningabe niphinde nizicekise izenzo zeNkosi, kuba ikrele lobulungisa bayo lisesandleni sayo sokunene; kwaye qaphelani, ngaloo mhla, ukuba niya kuzicekisa izenzo zayo iya kubangela okokuba kwakamsinyane linifikele.

5 Yeha kuye lowo ucekisa izenzo zeNkosi; ewe, yeha kuye lowo uya kumkhanyela uKrestu nemisebenzi yakhe!

6 Ewe, yeha kuye lowo uya kuzikhanyela izityhilelo zeNkosi, kwaye noya kuthi iNkosi ayisasebenzi ngezityhilelo, okanye isiprofetho, okanye ngezipho, okanye ngeelwimi, okanye ngokuphilisa, okanye ngamandla oMoya oyiNgcwele!

7 Ewe, kwaye yeha kuye lowo uya kuthi ngaloo mhla, ukuze afumane inzuzo, athi akunakubakho mmangaliso wenziwayo nguYesu Krestu; kuba lowo ukwenzayo oku uya kuba njengonyana wesihogo, lowo kwakungekho nceba ngaye, ngokwelizwi likaKrestu!

8 Ewe, kwaye maningaphindi nifuthe, nakucekisa, nakwenza ntlekisa ngamaYuda, nawuphina kwabayintsalela yendlu kaSirayeli; kuba qaphelani, iNkosi iyawukhumbula umnqophiso wayo kuyo, kwaye iya kwenza kuwo ngokwaloo nto ithe yayifungela.

9 Ke ngoko maningacingi okokuba ninako ukusijikela isandla sasekunene seNkosi ekhohlo, ukuze angabi nakuwenza umgwebo ekuzalisekisweni komnqophiso eyathi yawenza kuyo indlu kaSirayeli.