Izibhalo
3 Nifayi 23


Isahluko 23

UYesu uyawavuma amazwi kaIsaya—Uyalela abantu ukuba babaphengulule abaprofeti—Amazwi kaSamuweli umLeymenayithi ngokunxulumene noVuko ayongezelelwa kwiimbali zabo. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye ngoku, qaphelani, ndithi kuni, ukuthi kufanele aniziphengulule ezi zinto. Ewe, umyalelo ndiyaninika wokokuba niziphengulule ezi zinto ngenkuthalo; kuba abalulekile amazwi bkaIsaya.

2 Kuba ngokuqinisekileyo wathetha ngokubhekisele kuzo zonke izinto ezinxulumene nabantu bam abangabendlu kaSirayeli; ke ngoko kuyimfuneko okokuba kufuneka ethethile kanjalo kubo abeeNtlanga.

3 Kwaye zonke izinto awazithethayo zibekho kwaye azisaya kubakho, kwanangokunxulumene namazwi awayewathethile.

4 Ke ngoko nika inyameko kumazwi am; zibhaleni izinto endinixelele zona; kwaye ngokwelixa nentando kaBawo ziya kubheka phambili kubo abeeNtlanga.

5 Kwaye nabani na oya kuwaphulaphula amazwi am aze aguquke aze abhaptizwe, kwayena lowo uya kusindiswa. Baphengululeni aabaprofeti, kuba bakho abaninzi abangqinayo ngezi zinto.

6 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi wathi kubo kwakhona, emva kokuba ezicacisile zonke izibhalo kubo ababezifumene, wathi kubo: Qaphelani, ezinye izibhalo ndinga ningazibhala, ezo ningenazo.

7 Kwaye kwenzekile okokuba wathi kuye uNifayi: Zisa apha imbali oyigcinileyo.

8 Waza akuba uNifayi ezizisile iimbali, waza wazibeka phambi kwayo, yawaphosa amehlo ayo phezu kwazo yaza yathi:

9 Inene ndithi kuni, ndasiyalela isicaka sam auSamuweli, umLeymenayithi, ukuba maze singqine kwaba bantu, okokuba ngomhla aya kuthi uBawo alizukise igama lakhe ngam okokuba kwakukho babaninzi cabangcwele abaya dkuvuka kwelabafileyo, kwaye baya kubonakala kwabaninzi, kwaye baya kulungiselela kubo. Yaza wathi kubo: Kwakungenjalo na?

10 Baza abafundi bayo bayiphendula baza bathi: Ewe, Nkosi, uSamuweli waye waprofetha ngokwamazwi akho, kwaye onke azalisekiswa.

11 Waza uYesu wathi kubo: Yintoni isizathi sokuba ingabhalwa le nto, okokuba abaninzi abangcwele baye bavuka baza babonakala kwabaninzi baza balungiselela kubo?

12 Kwaye kwenzekile okokuba uNifayi wakhumbula okokuba le nto ibingabhalwanga.

13 Kwaye kwenzekile okokuba uYesu wayalela okokuba mayibhalwe; ke ngoko yabhalwa njengokuyalela kwakhe.

14 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu aezicacisile zonke izibhalo ngobunye, ababezibhalile, wabayalela okokuba mabazifundise izinto ezo wayezicacisile kubo.