Izibhalo
2 Nifayi 24


Isahluko 24

USirayeli uya kuhlanganiswa kwaye uya kuxhamla ukuphumla kwemileniyam—ULusifa waye wakhutshelwa ngaphandle kwezulu ngenxa yemvukelo—USirayeli uya kuyoyisa iBhabhilon (ihlabathi)—Thelekisa Isaya 14. Malunga 559–545 P.K.

1 Kuba iNkosi iya kuba nenceba kuYakobi, kanti isaya akonyula uSirayeli, ize ibabeke kowabo umhlaba; kwaye babasemzini baya kuhlonyelwa kubo, kwaye baya kunamathela kuyo indlu kaYakobi.

2 aKwaye abantu baya kubathabatha babazise endaweni yabo; ewe, besuka kude kwiziphelo zomhlaba; kwaye baya kubuyela bkumazwe abo esithembiso. Kwaye indlu kaSirayeli iya kubabanga, kwaye ilizwe leNkosi liya kuba clelezicaka nezicakakazi; kwaye ziya kubenza abathinjwa kwabo babe ngabathimbi babo; kwaye ziya kulawula phezu kwabo babengabacinezeli babo.

3 Kwaye kuya kwenzeka ngaloo mhla okokuba iNkosi iya kukunika aukuphumla, ezintsizini zakho, nasekoyikeni kwakho, kwaye nasebunzimeni bobukhoboka apho wawenziwe ukuze ukhonze khona.

4 Kwaye kuya kwenzeka ngaloo mhla, okokuba uya kuwuthabatha lo mzekeliso ngokuchasene nokumkani awaseBhabhilon, uze uthi: Uphele njani umcinezeli, saphela njani isixeko segolide!

5 INkosi iwaphule umsimelelo wabakhohlakeleyo, iintonga zobukhosi zabalawuli.

6 Lowo wayebetha abantu ngoburhalarhume ngokubetha okungapheziyo, lowo wayelawula izizwe ngomsindo, uyatshutshiswa, kwaye akukho namnye onqandayo.

7 Umhlaba wonke uphumle, kwaye uzolile; bayagqabhuka aengomeni.

8 Ewe, aimithi yemisipresi iyagcoba ngenxa yakho, kwaye nemisedare yaseLebhanon kanjalo, ithi: Okoko wathi bwalaliswa phantsi akukho cmgawuli uthe weza ngokuchasene nathi.

9 aIsihogo ngaphantsi siphazamisekile nguwe ngokuhlangana nawe ekufikeni kwakho; saxhokonxela babafileyo ngenxa yakho, kwanabo bonke abangabalawuli abakhulu bomhlaba; siphakamisele ezitroneni zabo bonke ookumkani bezizwe.

10 Bonke baya kuthetha baze bathi kuwe: Nawe kanjalo usuke wabanobuthathaka nje ngathi? Nawe ngoku ufana nathi na?

11 Ubungangamsha bakho buthotyelwe ezantsi engcwabeni; intswahla yemirhubhe yakho ayivakali; impethu yondlelwe phantsi kwakho, namanundu akugubungele.

12 aKutheni na ukuze uwe emazulwini, Owu bLusifa, nyana wesifingo! Usikelwe ezantsi eluthulini, oko kwenza buthathaka izizwe!

13 Kuba wathi entliziyweni yakho: aNdiya kunyukela ezulwini, ndiya kuphakamisa itrone yam ngentla kweenkwenkwezi zikaThixo; ndiya kuhlala kanjalo phezu kwentaba yentlangano, kwiindawo ezikude bzasemantla;

14 Ndiya kunyukela ngasentla kwempakamo yamafu; ndiya kuba njengaye Osenyangweni.

15 Kanti uya kuthotyelwa ezantsi esihogweni, kwiindawo aezinzulu zesihogo.

16 Abo bakubonayo baya akuncina amehlo bakujonge, kwaye bakugqale, baze bathi: Ingaba le yilaa ndoda eyathi yawenza umhlaba wangcangcazela, eyathi yagungqisa izikumkani?

17 Yaza yalenza ihlabathi lanjengentlango, yaza yazitshabalalisa izixeko zalo, yaza ayayivula indlu yamabanjwa ayo?

18 Bonke ookumkani bezizwe, ewe, xa bebonke, balele beseluzukweni, bonke bephela ingulowo akweyakhe indlu.

19 Kodwa wena uphoselwe ngaphandle kwelakho ingcwaba anjengesebe elimasikizi, nentsalela yabo bathi babulawa, bangqulwa ngekrele, abehlela ezantsi bematyeni omhadi, njengesidumbu esinya-bhelwe phantsi kweenyawo.

20 Akusayi kumanyaniswa nabo engcwabeni ngenxa yokuba ulitshabalalisile ilizwe lakho waza wababulala abantu bakho; aimbewu byabenzi bobubi ayi sokuze ibenalo udumo.

21 Lungiselela ukubulawa kwabantwana bakhe ngenxa ayobugwenxa booyise, ukuze bangemi, bangalilawuli ilizwe, bangabuzalisi ubuso behlabathi ngezixeko.

22 Kuba ndiya kubavukela, itsho iNkosi yeMikhosi, ndize ndilisikele ngaphandle kweBhabhilon aigama, nentsalela, nonyana, bnomtshana, itsho iNkosi.

23 Ndiya kuyenza kanjalo aihlalwe ngookhwalimanzi, kwaye ibe ngamadami amanzi; kwaye ndiya kuyitshayela bngomtshayelo wentshabalalo, itsho iNkosi yeMikhosi.

24 INkosi yemiKhosi ifungile, isithi: Ngokwenene njengoko ndicingile, kuya kwenzeka njalo; kwaye nanjengokuba ndicebile, kuya kuba njalo—

25 Okokuba ndiya kuzisa auAsiriya kuwo umhlaba wam, kwaye naphezu kwazo biintaba zam ndimnyhashe phantsi kweenyawo; ize ke cidyokhwe yakhe isuke kubo, nomthwalo wakhe usuke emagxeni abo.

26 aOku kuyinjongo ecetywayo phezu kwawo wonke umhlaba; kwaye oku kusisandla esoluliweyo phezu kwazo zonke izizwe.

27 Kuba iNkosi yeMikhosi iyicebile, kwaye ke ngubani na oya kuyitshitshisa? Kwaye isandla sakhe usolulile, kwaye ke ngubani na oya kusibuyisa umva?

28 aNgonyaka awathi wafa ngawo ukumkani buAhazi kwabakho lo mthwalo.

29 Musa ukugcoba wena Palestina uphela, kuba intonga yalowo wakubethayo yaphukile; kuba kuyo ingcambu yenyoka kuya kuphuma irhamba, kwaye nesiqhamo salo siya kuba yinyoka evutha njengomlilo ophaphazelayo.

30 Kwaye inkulu yentsizana iya kudla, kwaye nabasweleyo baya kulala phantsi bekhuselekile; kwaye ndiya kuyibulala ingcambu yakho ngendlala, kwaye iya kuyibulala intsalela yakho.

31 Bhomboloza, Owu sango; khala, Owu sixeko, Palestina uphela, uphazamisekile; kuba kuya kuvela emantla umsi, kwaye akukho namnye oya kuba yedwa ngamaxesha akhe amisiweyo.

32 Baya kuphendula bathini ke abathunywa bezizwe? Ukuba iNkosi iyimisele aiZiyon, kwaye biintsizana zabantu bayo ziya ckuthembela kuyo.