Izibhalo
2 Nifayi 24


Isahluko 24

USirayeli uya kuhlanganiswa kwaye uya kuxhamla ukuphumla kwemileniyam—ULusifa waye wakhutshelwa ngaphandle kwezulu ngenxa yemvukelo—USirayeli uya kuyoyisa iBhabhilon (ihlabathi)—Thelekisa Isaya 14. Malunga 559–545 P.K.

1 Kuba iNkosi iya kuba nenceba kuYakobi, kanti isaya konyula uSirayeli, ize ibabeke kowabo umhlaba; kwaye abasemzini baya kuhlonyelwa kubo, kwaye baya kunamathela kuyo indlu kaYakobi.

2 Kwaye abantu baya kubathabatha babazise endaweni yabo; ewe, besuka kude kwiziphelo zomhlaba; kwaye baya kubuyela kumazwe abo esithembiso. Kwaye indlu kaSirayeli iya kubabanga, kwaye ilizwe leNkosi liya kuba lelezicaka nezicakakazi; kwaye ziya kubenza abathinjwa kwabo babe ngabathimbi babo; kwaye ziya kulawula phezu kwabo babengabacinezeli babo.

3 Kwaye kuya kwenzeka ngaloo mhla okokuba iNkosi iya kukunika ukuphumla, ezintsizini zakho, nasekoyikeni kwakho, kwaye nasebunzimeni bobukhoboka apho wawenziwe ukuze ukhonze khona.

4 Kwaye kuya kwenzeka ngaloo mhla, okokuba uya kuwuthabatha lo mzekeliso ngokuchasene nokumkani waseBhabhilon, uze uthi: Uphele njani umcinezeli, saphela njani isixeko segolide!

5 INkosi iwaphule umsimelelo wabakhohlakeleyo, iintonga zobukhosi zabalawuli.

6 Lowo wayebetha abantu ngoburhalarhume ngokubetha okungapheziyo, lowo wayelawula izizwe ngomsindo, uyatshutshiswa, kwaye akukho namnye onqandayo.

7 Umhlaba wonke uphumle, kwaye uzolile; bayagqabhuka engomeni.

8 Ewe, imithi yemisipresi iyagcoba ngenxa yakho, kwaye nemisedare yaseLebhanon kanjalo, ithi: Okoko wathi walaliswa phantsi akukho mgawuli uthe weza ngokuchasene nathi.

9 Isihogo ngaphantsi siphazamisekile nguwe ngokuhlangana nawe ekufikeni kwakho; saxhokonxela abafileyo ngenxa yakho, kwanabo bonke abangabalawuli abakhulu bomhlaba; siphakamisele ezitroneni zabo bonke ookumkani bezizwe.

10 Bonke baya kuthetha baze bathi kuwe: Nawe kanjalo usuke wabanobuthathaka nje ngathi? Nawe ngoku ufana nathi na?

11 Ubungangamsha bakho buthotyelwe ezantsi engcwabeni; intswahla yemirhubhe yakho ayivakali; impethu yondlelwe phantsi kwakho, namanundu akugubungele.

12 Kutheni na ukuze uwe emazulwini, Owu Lusifa, nyana wesifingo! Usikelwe ezantsi eluthulini, oko kwenza buthathaka izizwe!

13 Kuba wathi entliziyweni yakho: Ndiya kunyukela ezulwini, ndiya kuphakamisa itrone yam ngentla kweenkwenkwezi zikaThixo; ndiya kuhlala kanjalo phezu kwentaba yentlangano, kwiindawo ezikude zasemantla;

14 Ndiya kunyukela ngasentla kwempakamo yamafu; ndiya kuba njengaye Osenyangweni.

15 Kanti uya kuthotyelwa ezantsi esihogweni, kwiindawo ezinzulu zesihogo.

16 Abo bakubonayo baya kuncina amehlo bakujonge, kwaye bakugqale, baze bathi: Ingaba le yilaa ndoda eyathi yawenza umhlaba wangcangcazela, eyathi yagungqisa izikumkani?

17 Yaza yalenza ihlabathi lanjengentlango, yaza yazitshabalalisa izixeko zalo, yaza ayayivula indlu yamabanjwa ayo?

18 Bonke ookumkani bezizwe, ewe, xa bebonke, balele beseluzukweni, bonke bephela ingulowo kweyakhe indlu.

19 Kodwa wena uphoselwe ngaphandle kwelakho ingcwaba njengesebe elimasikizi, nentsalela yabo bathi babulawa, bangqulwa ngekrele, abehlela ezantsi ematyeni omhadi, njengesidumbu esinya-bhelwe phantsi kweenyawo.

20 Akusayi kumanyaniswa nabo engcwabeni ngenxa yokuba ulitshabalalisile ilizwe lakho waza wababulala abantu bakho; imbewu yabenzi bobubi ayi sokuze ibenalo udumo.

21 Lungiselela ukubulawa kwabantwana bakhe ngenxa yobugwenxa booyise, ukuze bangemi, bangalilawuli ilizwe, bangabuzalisi ubuso behlabathi ngezixeko.

22 Kuba ndiya kubavukela, itsho iNkosi yeMikhosi, ndize ndilisikele ngaphandle kweBhabhilon igama, nentsalela, nonyana, nomtshana, itsho iNkosi.

23 Ndiya kuyenza kanjalo ihlalwe ngookhwalimanzi, kwaye ibe ngamadami amanzi; kwaye ndiya kuyitshayela ngomtshayelo wentshabalalo, itsho iNkosi yeMikhosi.

24 INkosi yemiKhosi ifungile, isithi: Ngokwenene njengoko ndicingile, kuya kwenzeka njalo; kwaye nanjengokuba ndicebile, kuya kuba njalo—

25 Okokuba ndiya kuzisa uAsiriya kuwo umhlaba wam, kwaye naphezu kwazo iintaba zam ndimnyhashe phantsi kweenyawo; ize ke idyokhwe yakhe isuke kubo, nomthwalo wakhe usuke emagxeni abo.

26 Oku kuyinjongo ecetywayo phezu kwawo wonke umhlaba; kwaye oku kusisandla esoluliweyo phezu kwazo zonke izizwe.

27 Kuba iNkosi yeMikhosi iyicebile, kwaye ke ngubani na oya kuyitshitshisa? Kwaye isandla sakhe usolulile, kwaye ke ngubani na oya kusibuyisa umva?

28 Ngonyaka awathi wafa ngawo ukumkani uAhazi kwabakho lo mthwalo.

29 Musa ukugcoba wena Palestina uphela, kuba intonga yalowo wakubethayo yaphukile; kuba kuyo ingcambu yenyoka kuya kuphuma irhamba, kwaye nesiqhamo salo siya kuba yinyoka evutha njengomlilo ophaphazelayo.

30 Kwaye inkulu yentsizana iya kudla, kwaye nabasweleyo baya kulala phantsi bekhuselekile; kwaye ndiya kuyibulala ingcambu yakho ngendlala, kwaye iya kuyibulala intsalela yakho.

31 Bhomboloza, Owu sango; khala, Owu sixeko, Palestina uphela, uphazamisekile; kuba kuya kuvela emantla umsi, kwaye akukho namnye oya kuba yedwa ngamaxesha akhe amisiweyo.

32 Baya kuphendula bathini ke abathunywa bezizwe? Ukuba iNkosi iyimisele iZiyon, kwaye iintsizana zabantu bayo ziya kuthembela kuyo.