Izibhalo
Moses 4


Isahluko 4

(Juni–Oktobha 1830)

USathana waba ngumtyholi kanjani—Uhenda uEva—UAdam noEva bayawa, kwaza ukufa kwangena ehlabathini.

1 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndathetha noMoses, ndisithi: Loo aSathana, omyalele egameni lowam oKuphela koZelweyo, ikwa nguye owayekho ukususela bekuqalekeni, kwaye weza phambi kwam, esithi—Qaphela, ndikho, thuma mna, ndiya kuba ngunyana wakho, ndaye ndiya kulukhulula lonke uluntu, kwaye akukho namnye umphefumlo oya kulahleka, ndaye ngokuqinisekileyo cndiya kukwenza; ngako oko ndinike imbeko yakho.

2 Kodwa, qaphela, auNyana wam oyiNtanda, owayeyiNtanda yam bnoKhethiweyo ukususela ekuqalekeni, wathi kum—cBawo, dintando yakho mayenziwe, enozuko ibe lolwakho ngonaphakade.

3 Ngako oko, ngenxa yokuba uSathana awavukela ngokuchasene nam, kwaye wafuna ukutshabalalisa bilungelo lokuzikhethela lomntu, mna, iNkosi uThixo endamnikayo, kananjalo, okokuba ndinike yena amandla angawam; ngamandla owam oKuphela koZelweyo, ndenza ukuba caphoselwe ezantsi;

4 Kwaye waba nguSathana, ewe nkqu umtyholi, uyise wabo bonke aubuxoki, ekhohlisa kwaye emfamekisa abantu, aze abakhokelelele ekuthinjweni ngentando yakhe, nkqu njengoko abaninzi bengayi kuphulaphula elizwini lam.

5 Kwaye ngoku inyoka ayayinobuqhophololo obungakumbi ngaphezu kunazo naziphina izinto eziphilileyo zasendle mna, iNkosi uThixo, endizenzileyo.

6 Kwaye uSathana wakubeka entliziyweni yenyoka, (kuba wayetsalele kude abaninzi kunye naye,) kwaye wafuna kanjalo ukulukuhla auEva, kuba wayengayazi ingqondo kaThixo, ngako oko wafuna ukutshabalalisa ihlabathi.

7 Kwaye wathi kumfazi: Ewe, uThixo utshilo—Anisayi kudla kuyo yonke imithi ayomyezo? (Kwaye wathetha ngomlomo wenyoka.)

8 Kwaye umfazi wathi kuyo inyoka: Sinokudla eziqhameni zemithi yomyezo;

9 Kodwa eziqhameni zomthi wena owubonayo phakathi komyezo, uThixo uthe—Anisayi kudla kuzo, ze ningazichukumisi, hleze nife.

10 Kwaye inyoka yathi kumfazi: Anisayi kufa;

11 Kuba uThixo esazi ukuba mhlana nithe nadla, ngoko ke aamehlo enu aya kuqabuka, kwaye niya kuba njengoothixo, bnazi okulungileyo nokubi.

12 Kwaye xa umfazi wabonayo ukuba umthi wawulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, nomthi aonqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, waza bwadla, kananjalo wanika indoda yakhe inaye, yaza yadla.

13 Kwaye amehlo abo bobabini aqabuka, kwaye bazi ukuba ababehamba ze. Kwaye bathunga amagqabi omkhiwane kwaye bazenzela imibhinqo.

14 Kwaye beva ilizwi leNkosi uThixo, njengoko ababehamba emyezweni, empepheni yasemini; kwaye uAdam nomkakhe bemka bazimela ebusweni beNkosi uThixo phakathi kwemithi yomyezo.

15 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndabiza uAdam, kwaye ndathi kuye: aUphina?

16 Kwaye wathi: Ndive isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndabona okokuba ndihamba ze, ndaze ndazimela.

17 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndathi kuAdam: Uxelelwe ngubani na ukuba uhamba ze? Udlile na kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo ndathi ungadli kuwo, ukuba kunjalo ngokuqinisekileyo uya akufa?

18 Kwaye indoda yathi: Umfazi owandinikayo, kwaye omyalele okokuba abe kunye nam, nguye ondinikileyo kuso isiqhamo somthi ndaza ndadla ke.

19 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndathi kumfazi: Yintoni le uyenzileyo? Kwaye umfazi wathi: Inyoka aindilukuhlile, ndaza ndadla ke.

20 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndathi kwinyoka: Ngokuba wena uyenzile le nto uya akuqalekiswa ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, nangaphezu kwezinto zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, kwaye uya kudla uthuli yonke imihla yobomi bakho;

21 Kwaye ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, phakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; kwaye yona iya kukutyumza intloko yakho, kwaye wena uya kuyityumza isithende sayo.

22 Kuye umfazi, mna, iNkosi uThixo, ndathi: Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho nasekumitheni. Uya kuzala abantwana aunembulaleko, kwaye inkanuko yakho iya kuba sendodeni yakho, kwaye iya kukulawula.

23 Kwaye kuAdam, mna, iNkosi uThixo, ndathi: Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, waza wadla kuso isiqhamo somthi endakuwisela umthetho ngaso, ndisithi—Uze ungadli kuwo, uya kuqalekiswa umhlaba ngenxa yakho; uya kudla ukubulaleka kuwo yonke imihla yobomi bakho.

24 Kanjalo uya kuntshula imithana enameva nenkunzane, kwaye uya kudla imifuno yasendle.

25 aNgokubila kobuso bakho uya kudla ukudla, ude ubuyele emhlabeni—kuba uya kufa ngokuqinisekileyo—kuba uthatyathwe kuwo: kuba bwawuluthuli, kwaye kwaseluthulini uya kubuyela.

26 Kwaye uAdam wambiza umkakhe ngegama elinguEva, ngokuba yena engunina wako konke okuphilileyo; kuba njalo mna, iNkosi uThixo, ndimbize njalo owokuqala wabo bonke abafazi aabaninzi.

27 KuAdam, kananjalo nakumkakhe, mna, iNkosi uThixo, ndabenzela iingubo zezintsu, ndaze andabambathisa.

28 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndathi kowam oKuphela koZelweyo: Yabonani, aumntu usuke waba njengomnye wethu bukwazi okulungileyo nokubi; kwaye ngoku hleze ke olule isandla sakhe, cathabathe nakuwo dumthi wobomi, aze adle aze aphile ngonaphakade,

29 Ke ngoko mna, iNkosi uThixo, ndiya kumndulula eMyezweni ase-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo;

30 Kuba njengoko mna, iNkosi uThixo, ndiphila, nkqu kunjalo aamazwi am akanako ukubuyela kum elambatha, kuba njengoko ephuma emlonyeni wam amele ukuzaliseka.

31 Njalo ke ndamgxotha umntu, kwaye ndabeka ngasempumalanga kuwo uMyezo we-Eden, aiikherubhi nelangatye lekrele, elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.

32 (Kwaye la ngamazwi endawathetha esicakeni sam uMoses, kwaye ayinyani nkqu njengoko ndiya kwenza; kwaye ndiwathethile kuwe. Bona ukuba akuwabonisi mntu, ndide ndibe ndiyakuyalela, ngaphandle kwabo bakholwayo. Amen.)