Izibhalo
Alma 19


Isahluko 19

ULamonayi wamkela ukukhanya kobomi obungunaphakade kwaye ubona uMkhululi—Indlu yakhe yonke iwela kwimo ebuphupharha, baza abaninzi babona iingelosi—UAmon uyalondolozwa ngokumangalisayo—Ubhaptiza abaninzi aze amise ibandla phakathi kwabo. Malunga 90 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba emva kweentsuku ezimbini nobusuku obubini babesele beza kuwuthabatha umzimba wakhe baze bawulalise engcwabeni, ababelenze ngenjongo yokungcwaba abafileyo babo.

2 Ngoku ukumkanikazi eluvile udumo luka-Amon, ke ngoko wathumela kwaye enqwenela nokokuba eza angene ngaphakathi kuye.

3 Kwaye kwenzekile okokuba uAmon waye wenza njengoko wayeyalelwe, kwaye wangena ngaphakathi kuye ukumkanikazi, kwaye wanqwenela ukwazi ukuba ingaba yintonina anqwenela ukuba angayenza.

4 Waza wathi ke kuye: Izicaka zomyeni wam zindazisile okokuba aungumprofeti woThixo ongcwele, nokokuba unamandla okwenza imisebenzi yamandlakazi egameni lakhe;

5 Ke ngoko, ukuba kunjalo, ndinga ungangena ngaphakathi uze umbone umyeni wam, kuba ubekwe phezu komandlalo wakhe kangangethuba leentsuku ezimbini nobusuku obubini; kwaye abanye bathi akafile, kodwa abanye bathi ufile kwaye sele enuka, kwaye nokokuba kumele abekwe engcwabeni; kodwa ngokwam, kum akanuki.

6 Ngoku, oku kwakukoko kwakunqwenelwa nguAmon, kuba wayesazi okokuba ukumkani uLamonayi wayephantsi kwamandla kaThixo; wayesazi ukuba aisigqubuthelo esimnyama sokungakholwa sasikhutshelwa kude sikhutshwa engqondweni yakhe, kwaye bukukhanya okwakukhanyisela ingqondo yakhe, okwaye ikukukhanya kobuqaqawuli bukaThixo, okwaye ikukukhanya okumangalisayo kokulunga kwakhe—ewe, oku kukhanya kwakuzise olunjani lona uvuyo emphefulweni wakhe, lakuba ilifu lobumnyama lisusiwe, kwaye nokuba ukukhanya kobomi obungunaphakade kwakukhanyisiwe emphefumlweni wakhe, ewe, wayesazi okokuba oku kwakuwoyisile umzimba wemveli, kwaye wayethatyathelwe kude ekuThixo—

7 Ke ngoko, oko kwakunqwenelwa ngukumkanikazi kuye kwakukuphela komnqweno wakhe. Ke ngoko, wangena ngaphakathi kuye ukumkani njengoko ukumkanikazi wayemnqwenela ukuba akwenze; waza wambona ukumkani, kwaye wayesazi okokuba waye engafile.

8 Kwaye wathi kuye ukumkanikazi: Akafile, kodwa ulele ekuThixo, kwaye ngengomso uya kuvuka kwakhona; ke ngoko musani ukumngcwaba.

9 Kwaye uAmon wathi kuye: Uyakholelwa koku? Waza yena wathi ke kuye: Andibanga nabungqina ngaphandle nje kwelizwi lakho, nelizwi lezicaka zethu; nangona kunjalo ndiyakholelwa okokuba kuya kuba njengokuba utshilo.

10 Waza uAmon wathi kuye: Usikelelekile wena ngenxa yokholo lwakho olugqithileyo; ndithi kuwe, mfazi, akubangakho alukholo lukhulu kangaka phakathi kwabo bonke abantu bamaNifayithi.

11 Kwaye kwenzekile okokuba walinda phezu komandlalo womyeni wakhe, ukususela kwelo lixa kwade kwaba lelo lixa ngengomso abethe uAmon walimisa lokuba umele avuke ngalo.

12 Kwaye kwenzekile okokuba wavuka, ngokwamazwi ka-Amon; kwaye njengoko wayevuka, wasolulela phambili isandla sakhe kuye umfazi, waza wathi: Malibongwe igama likaThixo, kwaye usikelelekile wena.

13 Kuba njengoko kuqinisekile ukuba uyaphila, qaphela, ndimbonile uMkhululi wam; kwaye uya kuza ngaphambili, kwaye aazalwe bngumfazi, kwaye uya kukhulula lonke uluntu olukholelwa egameni lakhe. Ngoku, akuba ewathethile la mazwi, intliziyo yakhe yadumba ngaphakathi kuye, waza wazika kwakhona luvuyo; waza nokumkanikazi kanjalo wathi folokohlo phantsi, onganyelwe nguMoya.

14 Ngoku uAmon akubona uMoya weNkosi uthululwe, angokwemithandazo yakhe phezu kwamaLeymenayithi, abazalwana bakhe, ababengunobangela wenzilo eninzi phakathi kwamaNifayithi, okanye phakathi kwabo bonke abantu bakaThixo ngenxa yobugwenxa babo bnezithethe zabo, wawa ngamadolo akhe, waza waqalisa ukuwuthulula umphefumlo wakhe ngomthandazo nangombulelo kuThixo ngenxa yento abenzele yona abazalwana bakhe; kwaye naye kanjalo wonganyelwa cluvuyo; baza njalo bonke bobathathu bathi dfolokohlo emhlabeni.

15 Ngoku, zakuba izicaka zikakumkani zibonile ukuba bawile, nazo kanjalo zaqalisa ukudanduluka kuye uThixo, kuba uloyiko lweNkosi lwafika phezu kwazo kanjalo, kuba ayayizizo ezaziphambi kokumkani kwaye zangqina kuye malunga namandla amakhulu ka-Amon.

16 Kwaye kwenzekile okokuba baye balibiza igama leNkosi, ngamandlakazi abo, bada nabo ngokwabo bawela bonke emhlabeni, ngaphandle nje komnye kubafazi bamaLeymenayithi, ogama lakhe lalinguEyibishi, ekubeni yena ebeguqukele eNkosini kangangeminyaka emininzi, ngenxa yombono kayise wakhe owawubalasele—

17 Njalo ke, ekubeni ebaguqukele eNkosini, kwaye engazanga akwazise oko, ke ngoko, akubona ukuba zonke izicaka zikaLamonayi ziwele emhlabeni, kwaye kanjalo nomqeshikazi wakhe, ukumkanikazi, nokumkani, kwaye noAmon wayelele ethe natya phezu komhlaba, wayesazi ukuba yayingamandla kaThixo; kwaye ecinga ukuba eli thuba, ngokubazisa abantu oko kwenzekileyo phakathi kwabo, ukuba ngokubona esi sehlo siya akubabangela ukuba bakholelwe kuwo amandla kaThixo, ke ngoko wabaleka wesuka kwindlu ngendlu, esazisa oku ebantwini.

18 Baza ke baqalisa ukuhlanganisana kunye besiya kuyo indlu kakumkani. Kwaye kweza isihlwele, baza ekukhwankqisweni, kwabo baqaphela ukumkani, nokumkanikazi, nezicaka zabo zithe natya phezu komhlaba, kwaye bonke babelele apho ngokungathi babefile; baza kanjalo babona uAmon, kwaye qaphela, wayengumNifayithi.

19 Kwaye ngoku abantu baqalisa ukumbombozela phakathi kwabo; abanye besithi yayibububi obukhulu elalibafikele, okanye phezu kokumkani, nendlu yakhe, ngenxa yokuba evumele ukuba umNifayithi aahlale elizweni.

20 Kodwa abanye babakhalimela, besithi: Ukumkani uzibizele eli shwangusha phezu kwendlu yakhe, ngenxa yokuba wabulala izicaka zakhe ezabe zichithachithe imihlambi yazo akumanzi aseSebhasi.

21 Kwaye kanjalo bakhalinyelwa nangaloo madoda awayeme emanzini aseSebhasi aze aayichithachitha imihlambi eyayiyekakumkani, kuba ayenomsindo ngakuAmon ngenxa yenani labazalwana bawo awalibulalayo emanzini aseSebhasi, ngelixa wayekhusela imihlambi kakumkani.

22 Ngoku, omnye wabo, aowayebulawelwe umntakwabo ngekrele lika-Amon, enomsindo ngokugqithisileyo ngakuAmon, walirhutya ikrele lakhe waza wabheka phambili ukuze abe nokuliwisa phezu kuka-Amon, ukuba ambulale; waza xa eliphakamisa ikrele ukuze amenzakalise, qaphelani, wawa wafa.

23 Ngoku siyabona okokuba uAmon ebengenakho ukubulawa, kuba aiNkosi yathi kuMozaya, uyise wakhe: Ndiya kamsindisa, kwaye kuya kwenzeka kuye ngokokholo lwakho—ke ngoko, uMozaya bwamnikezela eNkosini.

24 Kwaye kwenzekile okokuba xa isihlwele siqaphela okokuba indoda leyo eyaphakamisa ikrele ukuba ibulale uAmon iwile yafa, uloyiko lwabafikela bonke, kwaye ababanga nakulinga nokusondeza zandla zabo ukuba bamchukumise okanye nawuphina kwabo babewile; baza baqalisa ukumangaliswa kwakhona phakathi kwabo ukuba ingaba yintoni unobangela wala mandla makhulu, okanye yintoni intsingiselo yezi zinto zonke.

25 Kwaye kwenzekile okokuba baba baninzi abathi uAmon wayenguye auMoya onaMandla, kwaye abanye bathi wayethunywe nguMoya onaMandla;

26 Kodwa abanye babakhalimela bonke, besithi wayesisidalwa esingaqhelekanga, esasithunyelwe sisuka kumaNifayithi ukuba sibathuthumbise.

27 Kwaye kwakukho nabanye abathi uAmon wayethunywe nguMoya onaMandla ukuba ubahlungise ngenxa yobugwenxa babo; nokokuba yayinguMoya onaMandla owawusoloko uwakhusele amaNifayithi, owawuhleli uwahlangula ubakhupha ezandleni zabo; kwaye bathi yayingulo Moya unaMandla owawutshabalalise abazalwana babo abaninzi kakhulu, amaLeymenayithi.

28 Kwaye njalo yaqalisa impikiswano ukuba bukhali ngokugqithisileyo phakathi kwabo. Kwaye besaphikisana njalo, aumfazi osisicakakazi owayebangele ukuba isihlwele sihlanganisane kunye wafika, waza wathi akuyibona le mpikiswano eyayiphakathi kwesihlwele wabalusizi ngokugqithisileyo, ngokude alile iinyembezi.

29 Kwaye kwenzekile okokuba wahamba waza wathabatha ukumkanikazi ngesandla, ukuze mhlawumbi angamphakamisa emhlabeni; waza kamsinya nje akuba echukumise isandla sakhe wavuka waza wema ngeenyawo zakhe, waza wadanduluka ngelizwi elikhulu, esithi: Owu Yesu osikelelekileyo, ondisindisileyo akwisihogo esoyikekayo! Owu Thixo osikelelekileyo, yiba bnenceba kwaba bantu!

30 Waza akuba ekuthethile oku, wazibamba izandla zakhe, ezaliswe luvuyo, ethetha amazwi amaninzi awaye engenakuqondwa; kwaye akuba ekwenzile oku, wathabatha ukumkani, uLamonayi, ngesandla, kwaye qaphela waphakama waza wema ngeenyawo zakhe.

31 Waza yena, ngoko nangoko, ebona impikiswano ephakathi kwabantu bakhe, wabheka phambili waza waqalisa ukubakhalimela, nokubafundisa aamazwi abewavile ephuma emlonyeni ka-Amon, baza ngobuninzi babo abawavileyo amazwi akhe bakholelwa, baza baguqukela eNkosini.

32 Kodwa kwabakho abaninzi phakathi kwabo abangafunanga ukuwaphula-phula amazwi akhe; ke ngoko bahamba indlela yabo.

33 Kwaye kwenzekile okokuba akuba ephakamile uAmon waye kanjalo wabasikelela, waza kanjalo wenza njalo nakuzo izicaka zikaLamonayi; baza bonke bavakalisa ebantwini into enye efanayo—yokokuba iintliziyo zabo aziguqulwe; nokokuba abasenawo umnqweno wokwenza bububi.

34 Kwaye qaphela, abaninzi baye bavakalisa ebantwini okokuba bazibonile aiingelosi kwaye bathetha nazo; kwaye njalo ke babaxelela zabaxelela izinto zikaThixo, nezobulungisa bakhe.

35 Kwaye kwenzekile okokuba baba baninzi abathi bakholwa kumazwi abo; baza ngobuninzi babo abakholwayo ababhaptizwa; baza baba ngabantu abangamalungisa, kwaye baye bamisa ibandla phakathi kwabo.

36 Waza njalo umsebenzi weNkosi waqalisa phakathi kwamaLeymenayithi; njalo ke iNkosi yaye yaqalisa ukuwuthulula uMoya wayo phezu kwabo; kwaye siyabona okokuba ingalo yayo yolulelwe kubo abonke abantu abaya kuguquka baze bakholwe egameni lakhe.