Izibhalo
Alma 6


Amazwi awathi uAlma, uMbingeleli oMkhulu ngokohlobo olungcwele lukaThixo, wawanika kubantu kwizixeko zabo nakwiilali zabo kulo lonke ilizwe.

Iqala ngesahluko 5.

Isahluko 6

IBandla eZarahemla liyacocwa lize libekwe ngendlela—UAlma uya kuGidiyon ukuya kushumayela. Malunga 83 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba uAlma ephezile ukuthetha ebantwini bebandla, elaye limiselwe kuso isixeko saseZarahemla, awamisela ababingeleli bnabadala, ngokubeka cizandla zakhe ngokohlobo lukaThixo, ukuba balongamele kwaye dbaligcine ibandla.

2 Kwaye kwenzekile okokuba nabani ababe ngengabo abebandla abathi baguquka kuzo izono zabo ababhaptizelwa enguqukweni, baza bamkelwa ebandleni.

3 Kwaye kanjalo kwenzekile okokuba noobanina ababengengabo abebandla aababengaguquki kuyo inkohlakalo yabo baze bazithobe phambi koThixo—ndithetha ngabo babephakamele bkwikratshi leentliziyo zabo—abo bakhutshwa, aza amagama abo cacinywa, ukuze amagama abo angabalelwa phakathi kwalawo angawamalungisa.

4 Kwaye njalo baqalisa ukumisa uhlobo lwebandla esixekweni saseZarahemla.

5 Ngoku ndinga ningaqonda okokuba ilizwi likaThixo lalikhululekile kubo bonke, okokuba akukho namnye owahluthwayo ilungelo lokuzihlanganisa kunye ukuze baphulaphule ilizwi likaThixo.

6 Nangona kunjalo abantwana bakaThixo babeyalelwe ukuba bahlanganisane kunye rhoqo, baze bamanyane aekuzileni ukudla nasemthandazweni onamandlakazi bethandazela intlalontle yemiphefumlo yabo babengamazi uThixo.

7 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uAlma eyenzile le mimiselo wemka kubo, ewe, kulo ibandla elaye likuso isixeko saseZarahemla, waza wawelela ngasempuma yomlambo iTsidon, akwintlambo kaGidiyon, apho kwisixeko esasakhiwe, saze sabizwa isixeko sikaGidiyon, esasikwintlambo eyayibizwa ngokukuba yiGidiyon, esabizwa ngendoda beyabulawa sisandla sikaNehore ngekrele.

8 Waza uAlma wahamba waza waqalisa ukuvakalisa ilizwi likaThixo kulo ibandla elaye limiswe kwintlambo kaGidiyon, ngokwesityhilelo sobunyani belizwi elalithethiwe ngooyise, kwaye nangokomoya wesiprofetho owaye ukuye, angokobungqina bukaYesu Krestu, uNyana kaThixo, owayeza kuza kukhulula abantu bakhe ezonweni zabo, nohlobo olungcwele awayebizwa ngalo. Kwaye njalo kubhaliwe. Amen.