Izibhalo
Alma 40


Isahluko 40

UKrestu ubangela ukuba kwenzeke uvuko lwabo bonke abantu—Abafe bengamalungisa baya eparadesi baze abakhohlakeleyo baye kubumnyama bangaphandle ukulinda umhla wokuvuka kwabo—Zonke izinto ziya kubuyiselwa kowona kanye nofezekileyo umzimba ngoVuko. Malunga 74 P.K.

1 Ngoku nyana wam, naku okunye okuthile okungakumbi endifuna ukukuthetha kuwe; kuba ndiyaqonda okokuba ingqondo yakho ikhathazekile ngokunxulumene novuko lwabafileyo.

2 Qaphela, ndithi kuwe, alukho uvuko—okanye, ndingathi, ngamanye amazwi, lo mzimba ufayo awambathi kungafi, oku konakalayo akwambathi kungonakali—kude kube semva kokuza kukaKrestu.

3 Qaphela, ubangela ukuba kwenzeke uvuko lwabafileyo. Kodwa qaphela, nyana wam, uvuko alukenzeki. Ngoku, ndikusombululela imfihlelo; nangona kunjalo zininzi iimfihlelo ezigciniweyo, ukuze zingaziwa mntu ngaphandle koThixo ngokwakhe. Kodwa ndikubonisa into enye endiyibuze ngenkuthalo kuThixo ukuze ndibe nokuyazi—loo nto imalunga novuko.

4 Qaphela, kukho ilixa elimisiweyo lokuba bonke beya kuvuka ekufeni. Ngoku ukuba liya kuza nini elo lixa akukho mntu waziyo; kodwa uThixo uyalazi ilixa elimisiweyo.

5 Ngoku, nokuba kuya kubakho ilixa elinye, okanye ilixa lesibini, okanye elesithathu, lokuba abantu bavuke ekufeni, akubalulekanga oko; kuba uThixo uyazazi zonke ezi zinto; kwaye kuyandanelisa ukwazi ukuba kuya kubanjalo—ukuba kukho ilixa elimisiweyo lokuba bonke beya kuvuka kwabafileyo.

6 Ngoku kuyimfuneko okokuba kubekho ithuba phakathi kwelixa lokufa nelixa lovuko.

7 Kwaye ngoku ndinqwenela ukubuza ukuba kwenzeka ntoni na ngemiphefumlo yabantu ukususela kweli lixa lokufa ukuya kwilixa elimiselwe uvuko?

8 Ngoku nokuba kukho isihlandlo esingaphezulu kunesinye esimiselweyo kubantu ukuba bavuke akubalulekanga; kuba abafi bonke ngaxesha linye, kwaye oku akubalulekanga; konke kufana nosuku olunye kuThixo, kwaye ngabantu kuphela abazibalela ixesha.

9 Ke ngoko, kukho ilixa elimisiweyo ebantwini lokuba beya kuvuka ekufeni; kwaye kukho ithuba phakathi kwelixa lokufa nokuvuka. Kwaye ngoku, ngokunxulumene nesisithuba sexesha, okwenzekayo ngemiphefumlo yabantu yinto endiyibuze ngenkuthalo eNkosini ukuba ndiyazi; kwaye le yinto enxulumene naleyo endaziyo ngayo.

10 Kwaye xa ilixa lifika lokuba bonke beya kuvuka, ke baya kuyazi okokuba uThixo wazi onke amaxesha amiselwe abantu.

11 Ngoku, malunga nemo yomphefumlo phakathi kokufa novuko—Qaphela, kwazisiwe kum yingelosi, okokuba imiphefumlo yabo bonke abantu, kwakamsinya nje ukuba iwushiye lo mziba ufayo, ewe, imiphefumlo yabo bonke abantu, nokokuba ilungile okanye mibi, ithatyathelwa ekhaya kuloo Thixo owathi wayinika ubomi.

12 Kwaye ke kuya kwenzeka okokuba oomoya babo bangamalungisa bamkelwe kwimo yovuyo, ebizwa ngokuba yiparadesi, imo yokuphumla, imo yoxolo, apho baya kuphumla khona kuzo zonke iinkathazo zabo, kwaye nakuyo yonke inkathalo, nosizi.

13 Kwaye ke kuya kwenzeka, okokuba oomoya babakhohlakeleyo, ewe, abangcolileyo—kuba qaphela, abanayo nenxalenye okanye nasuntswana loMoya weNkosi; kuba qaphela, bakhetha imisebenzi emibi kunemihle; ke ngoko umoya kamtyholi waye wangena kubo, waza wayithabathela kuye indlu yabo—kwaye aba baya kukhutshelwa ngaphandle kubumnyama bangaphandle; kuya kubakho izikhalo, nezijwili, nokutshixiza kwamazinyo, kwaye oku kungenxa yobugwenxa babo, kuba bekhokelwa bengabathinjwa ngokwentando kamtyholi.

14 Ngoku le yimo yemiphefumlo yabakhohlakeleyo, ewe, ebumnyameni, kwaye nemo embi kakhulu, bekhangeleka bezele kukoyika kuba ingqumbo enkulu engumsindo otshisayo kaThixo iphezu kwabo; njalo ke bahlala bekule meko, ngokunjalo namalungisa eparadesi, kude kube lilixa lovuko lwabo.

15 Ngoku, kukho abathile abayiqondileyo ukuba le mo yovuyo kwaye nale mo yokunxunguphala komphefumlo, phambi kovuko, yayiluvuko lokuqala. Ewe, ndiyavuma inokubizwa ngokuba luvuko, ukunyuswa komoya okanye umphefumlo nokuthunyelwa kwayo eluvuyweni okanye ekunxunguphaleni, ngokwamazwi athethiweyo.

16 Kwaye qaphela, kwakhona kuthethiwe, ukuba kukho uvuko lokuqala, uvuko lwabo bonke ababekho, okanye abakhoyo, okanye abaya kubakho, ukwehla ukuya kufika kuvuko lukaKrestu kwelabafileyo.

17 Ngoku, asingecingi ukuba olu vuko lokuqala, ekuthethwa ngalo ngolu hlobo, lunokuba luvuko lwemiphefumlo nokuthunyelwa kwayo eluvuyweni okanye ekunxunguphaleni. Aninako ukucinga ukuba oku kuthetha oko.

18 Qaphela, ndithi kuwe, Hayi; kodwa ithetha ukubuyelana komphefumlo kunye nomzimba, yabo ukusuka kwimihla ka-Adam ukuhla ukuza kufika ekuvukeni kukaKrestu.

19 Ngoku, nokokuba imiphefumlo nemizimba yabo abo ekuthethwe ngabo yonke iya kubuyelana ngaxeshanye, eyabakhohlakeleyo kwakunye neyamalungisa, anditsho; makwanele, xa ndisithi bonke baya kuza ngaphambili; okanye ngamanye amazwi, uvuko lwabo luya kwenzeka phambi kovuko lwabo bafe emva kovuko lukaKrestu.

20 Ngoku, nyana wam, anditsho ukuba uvuko lwabo luza ekuvukeni kukaKrestu; kodwa qaphela, ndiyinika njengoluvo lwam, lokuba imiphefumlo nemizimba iyabuyelana, eyamalungisa, ekuvukeni kukaKrestu, nokunyukela kwakhe ezulwini.

21 Kodwa nokokuba kusekuvukeni kwakhe okanye ngemva, anditsho; kodwa ndithetha okungaka, okokuba kukho ithuba phakathi kokufa nokuvuka komzimba, kwakunye nemo yomphefumlo ekuvuyeni okanye ekunxunguphaleni kude kube lilixa elimisiweyo nguThixo lokuba abafileyo beze ngaphambili, kwaye zihlanganiswe kwakhona, kunye umphefumlo nomzimba, ize iziswe ime phambi koThixo, ize igwetywe ngokwemisebenzi yayo.

22 Ewe, oku kuzisa ukubuyelana kwezo zinto ebekuthethwe ngazo ngemilomo yabaprofeti.

23 Umphefumlo uya kubuyiselwa emzimbeni, kwaye nomzimba emphefumlweni; ewe, kwaye lonke ilungu nelungu liya kubuyiselwa emzimbeni walo; ewe, kwanalo unwele lwentloko aluyi kulahleka; kodwa zonke izinto ziya kubuyiselwa kowona wokwenene nofezekileyo umzimba.

24 Ngoku, nyana wam, olu lubuyelwano ebekuthethwe ngalo ngemilomo yabaprofeti—

25 Kwaye ke amalungisa aya kukhazimla ebukumkanini bukaThixo.

26 Kodwa qaphela, ukufa okoyikekayo kuza phezu kwabakhohlakeleyo; kuba bayafa ngokwezinto eziphathelele nezinto zobulungisa; kuba abacocekanga, kwaye akukho nto ingacocekanga eya kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; kodwa bakhutshelwa ngaphandle, kwaye bathunyelwe ukuba bathabathe batye kuzo iziqhamo zemigudu okanye imisebenzi yabo, ebe imibi; kwaye basele intlenge yendebe ekrakrayo.