Izibhalo
Alma 11


Isahluko 11

AmaNifayithi achaza ngendlela emisiweyo yeemali zawo—UAmyuleki uthetha noZiyezirom—UKrestu akayi kusindisa abantu abasezonweni zabo—Kuphela ngabo baya kufumana ilifa lobukumkani bezulu abaya kusindiswa—Bonke abantu baya kuvuka ngemizimba engafiyo—Akukho kufa emva koVuko. Malunga 82 P.K.

1 Ngoku yayisemthethweni kaMozaya into yokuba wonke umntu owayengumgwebi womthetho, okanye abo ababemiselwe ukuba babe ngabagwebi, bamele bafumane umvuzo ngokwexesha abalisebenzileyo ukugweba abo baziswe phambi kwabo ukuba babagwebe.

2 Ngoku ukuba umntu utyala omnye, aze angavumi ukuhlawula into ayityalayo, wayemangalelwa kumgwebi; aze umgwebi asebenzise igunya, aze uthumele amagosa azise loo mntu phambi kwayo; aze amgwebe umntu ngokulandela umthetho nobungqina obabuziswe ngokuchasene naye, kwaye njalo umntu wayenyanzelwa ukuhlawula oko akutyalayo, okanye abhunyulwe, okanye akhutshwe phakathi kwabantu njengesela nomphangi.

3 Umgwebi wayefumana umvuzo ngokwexesha lakhe—isinayini yegolide ngosuku, okanye isinam yesilivere, engumlinganiso olinganayo nesinayini yegolide; kwaye oku kungokulandela umthetho owawunikiwe.

4 Ngoku la ngamagama amaqhekeza ahlukeneyo egolide yabo, nawesilivere yabo, ngokwamaxabiso awo. Kwaye amagama anikwe ngamaNifayithi, kuba babengabhali ngokwendlela yamaYuda awayeseYerusalem; kwaye babengalinganiseli ngokohlobo lamaYuda; kodwa bakuguqula ukubala kwabo kwanemilinganiselo yabo, ngokweengqondo neemeko zabantu, kuzo zonke izizukulwana, kwade kwaba lixesha lolawulo lwabagwebi, ekubeni aayemiselwe ngukumkani uMozaya.

5 Ngoku ukubala imali kunje—isinayini yegolide, isiyon yegolide, isham yegolide, nelimna yegolide.

6 Isinam yesilivere, iamnor yesilivere, iezrom yesilivere, neontayi yesilivere.

7 Isinam yesilivere yayilingana nesinayini yegolide, nayiphina yezi yayilingana nomlinganiselo werhasi, kananjalo nomlinganiselo walo lonke uhlobo lweenkozo.

8 Ngoku ixabiso lesiyoni yegolide laliphinda-phinda kabini ixabiso lesinayini.

9 Kwaye isham yegolide yaliphinda-phinda kabini ixabiso lesiyoni.

10 Kwaye ilimna yegolide yayilixabiso lazo zonke.

11 Kwaye iamnor yesilivere yayinkulu kangangeesinam ezimbini.

12 Kwaye iezrom yesilivere yayinkulu kangangeesinam ezine.

13 Kwaye iontayi yayinkulu ingangazo zonke.

14 Ngoku la ngamaxabiso amanani aphantsi ekubaleni kwabo—

15 Ishiblon isisiqingatha sesinam; ke ngoko, isiqingatha somlinganiselo werhasi sibiza ishibloni.

16 Kwaye ishiblam isisiqingatha seshiblon.

17 Kwaye iliya isisiqingatha seshiblam.

18 Ngoku la ngamanani abo, ngokokubala kwabo.

19 Ngoku iantiyon yegolide ilingana neeshiblon ezintathu.

20 Ngoku, injongo yabo eyodwa yaye ikukufumana inzuzo, kuba babefumana umvuzo wabo ngokomsebenzi wabo, ke ngoko, babexhokonxela abantu ukwenza izidubedube, nazo zonke iintlobo zeziphazamiso neenkohlakalo, ukuze babenokufumana umsebenzi omninzi, nokuba abafumane imali ngokwamatyala aziswe phambi kwabo; ke ngoko baye baxhokonxela abantu ngokuchasene noAlma noAmyuleki.

21 Kwaye lo Ziyezirom waqalisa ukumbuza uAmyuleki, esithi: Ingaba ungandiphendula imibuzo embalwa endiza kuyibuza kuwe? Ngoku uZiyezirom wayeyindoda eyayilichule aemaqhingeni kamtyholi, ukuze atshabalalise okulungileyo; ke ngoko, wathi kuAmyuleki: Ingaba uza kuyiphendula imibuzo endiza kuyibuza kuwe?

22 Waza uAmyuleki wathi kuye: Ewe, ukuba aingokoMoya weNkosi, okum; kuba akukho nto endiya kuyithetha echasene noMoya weNkosi. Waza uZiyezirom wathi kuye: Qaphela, nazi iiontayi ezintandathu zesilivere, kwaye ndiya kukunika zona zonke ukuba uya kukuphika ubukho boPhezu Konke.

23 Ngoku uAmyuleki wathi: Owu wena amntwana wesihogo, kungani ukuba bundilinge? Akwazi ukuba amalungisa akanikezeli kwizihendo ezinje?

24 Ingaba uyakholelwa okokuba akukho Thixo? Ndithi kuwe, Hayi, uyayazi okokuba ukhona uThixo, kodwa uthanda loo angeniso ukudlula yena.

25 Kwaye ngoku uxokile kum phambi koThixo. Uthe kum—Qaphela ezi-ontayi ezintandathu, ezilixabiso elikhulu, ndiya kukunika—xa wena ubusazi entliziyweni yakho okokuba uza kuzigcina ungandiniki; kwaye umnqweno wakho kuphela ibingowokuba ndikhanyele uThixo wokwenene ophilayo, ukuze ube nesizathu sokunditshabalalisa. Kwaye ngoku qaphela, ngenxa yobu bubi bukhulu uya kuwufumana umvuzo wakho.

26 Waza uZiyezirom wathi kuye: Uthi kukho uThixo wokwenene ophilayo?

27 Waza uAmyuleki wathi: Ewe, ukho uThixo wokwenene ophilayo.

28 Ngoku uZiyezirom wathi: Bakhona abanye ngaphandle koThixo omnye?

29 Waza waphendula, Hayi.

30 Ngoku uZiyezirom waphinda wathi kuye: Uzazi njani ezi zinto?

31 Waza wathi: aIngelosi yazazisa kum.

32 Waza uZiyezirom waphinda wathi: Ngubani lo oya kuza? Ingaba nguNyana kaThixo?

33 Waza wathi kuye, Ewe.

34 Waza uZiyezirom waphinda wathi: Ingaba uya kubasindisa abantu bakhe aabasezonweni zabo? Waza uAmyuleki waphendula wathi kuye: Ndithi kuwe akangekhe, kuba akanako ukuliphikisa ilizwi lakhe.

35 Ngoku uZiyezirom wathi ebantwini; Bonani ukuba niyazikhumbula ezi zinto; kuba uthe mnye kuphela uThixo; kodwa uthi uNyana kaThixo uya kuza, kodwa akayi kubasindisa abantu bakhe—ngokungathi unegunya lokuyalela uThixo.

36 Ngoku uAmyuleki waphinda wathi kuye: Qaphela uxokile, kuba uthi ndithethe ngokungathi ndinegunya lokuyalela uThixo kuba ndithe akayi kubasindisa abantu bakhe besezonweni zabo.

37 Kwaye kwakhona ndithi kuwe akanako ukubasindisa abesezonweni zabo; kuba andinako ukuliphikisa ilizwi lakhe, kwaye uthe bakukho nto ingcolileyo eya kubudla ilifa cubukumkani bezulu; ke ngoko, ningasindiswa njani, ngaphandle kokuba nibudla ilifa ubukumkani bamazulu? Ke ngoko, aninako ukusindiswa nisesezonweni zenu.

38 Ngoku uZiyezirom waphinda wathi kuye: Ingaba uNyana kaThixo nguye ngokwenene uBawo onguNaphakade?

39 Waza uAmyuleki wathi kuye: Ewe, nguye ngokwenene auBawo onguNaphakade wezulu nomhlaba, nazo bzonke izinto ezikuwo; usisiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela;

40 Kwaye uya kuza aehlabathini ukuza bkukhulula abantu bakhe; kwaye uya ckuthabathela kuye izigqitho zabo bakholwayo egameni lakhe; kwaye aba ngabo baya kufumana ubomi banaphakade, kwaye usindiso aluzi nakubani na ongomnye.

41 Ke ngoko abakhohlakeleyo baya kuhlala ngokungathi abekungekho nkululeko yenziweyo, ngaphandle kokuba ibe kukukhululwa kwamakhamandela okufa; kuba qaphelani, umhla uyeza wokuba bbonke baya kuvuka kwelabafileyo kwaye beme phambi koThixo, kwaye cbagwetywe ngokwemisebenzi yabo.

42 Ngoku, kukho ukufa okubizwa ngokuba kukufa kwenyama; kwaye ukufa kukaKrestu kuya kukhulula aamakhamandela oku kufa kwenyama, ukuze bonke bavuswe koku kufa kwenyama.

43 Umoya nomzimba ziya akubuyelana kwakhona kwimo yazo egqibeleleyo; kunye amalungu nezihlanganisi zomzimba ziya kubuyiselwa kwimo yazo egqibeleleyo, njengoko sinjalo thina ngoku ngeli xesha; kwaye siya kuziswa ukuba sime phambi koThixo, sisazi njengokuba sisazi ngoku, sibe bnenkumbulo eqaqambileyo ngawo onke camatyala ethu.

44 Ngoku, olu buyiselo luya kuza kubo bonke, kunye abadala nabancinane, kunye abangamakhoboka nabakhululekileyo, kunye abangamadoda nabangabafazi, kunye abakhohlakeleyo namalungisa; kwanokuba akuyi kubakho nkqu nonwele lweentloko zabo oluya kulahleka; kodwa yonke into iya akubuyiselwa kwimo yayo egqibeleleyo, njengokuba kunjalo ngoku, okanye emzimbeni, kwaye baya kuziswa kwaye bamiswe phambi kwenkundla kaKrestu uNyana, noThixo buBawo, noMoya oyiNgcwele, cabanguThixo omnye waNaphakade, ukuze dbagwetywe ngokwemisebenzi yabo, nokuba ilungile okanye nokuba mibi.

45 Ngoku, qaphelani, ndithethe nani malunga nokufa komzimba ofayo, kananjalo ngokunxulumene anogovuko lomzimba ofayo. Ndithi kuni lo mzimba ofayo buvuselwa ckumzimba ongafiyo, oko kukuthi ukusuka ekufeni, nakuko ukufa kokuqala kuye ebomini, ukuze dingaphinde ife; oomoya bayo idibane nemizimba yabo, bangaze baphinde bahlukaniswe; njalo iyonke ibe engokwasemoyeni nasemzimbeni ongafiyo, ukuze ingaphinde ikubone ukonakala.

46 Ngoku, akuba uAmyuleki ewagqibile la mazwi abantu baqalisa kwakhona ukukhwankqiswa, kananjalo noZiyezirom waqalisa ukungcangcazela. Kwaye njalo aphela amazwi ka-Amyuleki, okanye oku kuko konke endikubhalileyo.