Izibhalo
Alma 10


Isahluko 10

ULihayi yinzala kaManase—UAmyuleki ubalisa ngomyalelo wengelosi wokokuba akhathalele uAlma—Imithandazo yamalungisa ibangela ukuba abantu basindiswe—Abaqondisi-mthetho abangemalungisa nabagwebi babeka isiseko sentshabalalo yabantu. Malunga 82 P.K.

1 Ngoku la angamazwi awathi wawashumayela buAmyuleki ebantwini ababekwilizwe laseAmoniha, esithi:

2 Mna ndinguAmyuleki; ndingunyana kaGidona, owaye ngunyana kaIshmayeli; owaye yinzala ka-Aminadayi; kwaye yayikwanguye laa-Aminadayi owayetolike umbhalo owawu seludongeni lwetempile, owawubhalwe ngomnwe kaThixo.

3 Kwaye uAminadayi waye yinzala kaNifayi, owayengunyana kaLihayi, owayephuma kwilizwe laseYerusalem, owayeyinzala akaManase, owayeyinzala bkaYosefu cowayethengiswe eYiputa ngezandla zabakhuluwa bakhe.

4 Kwaye qaphelani, ndiyindoda kanjalo engena ludumo luncinane phakathi kwabo bonke abo bandaziyo; ewe, kwaye qaphelani, ndinezalamane ezininzi anezihlobo, kwaye kanjalo ndifumene ubutyebi obuninzi ngesandla senkuthalo yam.

5 Nangona kunjalo, ngaphandle kwako konke oku, andizange ndazi kangako ngeendlela zeNkosi, kwaye anangeemfihlelo zayo namandla ayo amangalisayo. Ndithe andizange ndazi kangako ngezi zinto; kodwa qaphelani, ndiyaphazama, kuba ndizibonile kakhulu iimfihlelo zayo namandla ayo amangalisayo; ewe, kwanasekulondolozweni kobomi baba bantu.

6 Nangona kunjalo, ndaye ndayiqaqadekisa intliziyo yam, kuba andabizwa amaxesha amaninzi ndaza bandasabela; ke ngoko ndandisazi malunga nezi zinto, kanti ke andizange ndifune ukwazi; ke ngoko ndaqhubeka ndivukela ngokuchasene noThixo, ngenkohlakalo yentliziyo yam, ngokude kube lolu suku lwesine lwayo le nyanga, ekoweshumi unyaka wolawulo lwabagwebi.

7 Njengokuba ndandithabatha uhambo ukuya kubona isalamane esisondeleyo kakhulu, qaphelani aingelosi yeNkosi yabonakala kum yaza yathi: Amyuleki, buyela emzini wakho, kuba uza kudlisa umprofeti weNkosi; ewe, indoda engcwele, eyindoda eyonyuliweyo kaThixo; kuba bebezile ukudla kangangeentsuku ezininzi ngenxa yezono zaba bantu, kwaye ulambile, kwaye uza ckumamkela kuwo umzi wakho uze umdlise, kwaye uza kukusikelela wena nendlu yakho; kwaye iintsikelelo zeNkosi ziya kuphumla phezu kwakho nendlu yakho.

8 Kwaye kwenzekile okokuba ndalithobela ilizwi lengelosi, ndaza ndabuyela ngasemzini wam. Kwaye njengokuba ndandibheka phaya ndayifumana aindoda leyo ingelosi eyathi kum: Uya kuyamkela emzini wakho—kwaye qaphela ikwa yile ndoda ibisoloko ithetha nani malunga nezinto zikaThixo.

9 Kwaye ingelosi yathi kum aiyindoda engcwele; ngako oko ndiyazi ukuba iyindoda engcwele ngenxa yokuba kwakutsho ingelosi kaThixo.

10 Kwaye kwakhona, ndiyazi okokuba izinto athe wangqina ngazo ziyinyani; kuba qaphelani ndithi kuni, njengoko iNkosi iphila, kwangokunjalo yathumela aingelosi yayo ukuba yenze ezi zinto zibonakale kum; kwaye oku ikwenze ngelixa uAlma bwayehleli emzini wam.

11 Kuba qaphelani, aiyisikelele indlu yam, indisikelele mna nabafazi bam, nabantwana bam, nobawo nezizalwana zam; ewe, kwanazo zonke izalamane zam uzisikelele, kwaye intsikelelo yeNkosi iphumle phezu kwethu ngokwamazwi eyawathethayo.

12 Kwaye ngoku, akuba uAmyuleki ewathethile la mazwi abantu baqalisa ukukhwankqiswa, bebona okokuba kwakukho angaphezulu kunengqina elinye elalingqina ngazo ezi zinto ababetyholwa ngazo, kananjalo ngezinto ezaziya kuza, ngokomoya wesiprofetho owawukubo.

13 Nangona kunjalo, babekhona abanye phakathi kwabo ababecinga ukubathandabuza, ukuze ngamayelenqe aamaqhinga abo babe bamisela emazwini abo, ukuze babe nokufumana ubungqina obuchasene nabo, ukuze babe nokubanikezela kubagwebi babo ukuze babe nokugwetywa ngokwasemthethweni, nokokuze babulawe okanye baphoswe entolongweni, ngokwetyala aba nokulijolisa okanye lingqine ngokuchasene nabo.

14 Ngoku yaye ingawo loo madoda awayefuna ukubatshabalalisa, awaye angabaqondisi-mthetho, ababeqeshiwe okanye bonyuliwe ngabantu ukuba basebenzise umthetho ngamaxesha abo amatyala, okanye ematyaleni olwaphulomthetho lwabantu phambi kwabagwebi.

15 Ngoku aba baqondisi-mthetho babefundile ngabo bonke ubuqhophololo nobuqhinga babantu; kwaye oku kwakwenzelwe ukubanceda ukuze babe nobuchule kumsebenzi wabo.

16 Kwaye kwenzekile okokuba baqalisa ukumbuza uAmyuleki, ukuze ngaloo ndlela babe nokumenza awaphixanise amazwi akhe, okanye awaphikise amazwi ekumele awathethe.

17 Ngoku babengazi ukuba uAmyuleki wayenako ukwazi ngamayelenqe abo. Kodwa kwenzekile njengoko babeqalisa ukumbuza, awaziqonda iingcinga zabo, waza wathi kubo: Owu nina bsizukulwana sikhohlakeleyo nesigqwethekileyo, nina baqondisi-mthetho nabahana-hanisi, kuba nibeka isiseko somtyholi; kuba nibeka cizigcayiseli nezabatha ukuze nibambise abangcwele bakaThixo.

18 Niyila amacebo ukuze anigqwethe iindlela zobulungisa, kwaye nokuzehlisela umsindo kaThixo phezu kweentloko zenu, kangangokude kube yintshabalalo epheleleyo yaba bantu.

19 Ewe, watsho kakuhle uMozaya, owayengukumkani wethu wokugqibela, xa wayekwisithuba sokunikezela ubukumkani, engenabani wokuba abunikele phezu kwakhe, esenza ukuba aba bantu bazilawule ngamazwi angawabo—ewe, watsho kakuhle ukuthi ukuba ilixa kumele lifike lokuba izwi laba bantu liya akukhetha ubugwenxa, oko kukuthi, ukuba ilixa kumele lifike lokokuba aba bantu kumele bawele ekoneni, baya kuba bayivuthelwe intshabalalo.

20 Kwaye ngoku ndithi kuni iNkosi inigweba kakuhle ngobugwenxa benu; kuhle ukudanduluka kwayo kubo aba bantu, ngelizwi aleengelosi zayo: Guqukani nina, guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

21 Ewe, kulungile ukudanduluka kwayo, ngelizwi leengelosi zayo okokuba: aNdiya kwehla ndize phakathi kwabantu bam, ngokuthe tye nangobulungisa ezandleni zam.

22 Ewe, kwaye ndithi kuni ukuba bekungengayo aimithandazo yamalungisa, aselizweni ngoku, ndithi nakaloku nje ninge nivelelwe ngentshabalalo epheleleyo; kanti akuyi kuba bngonogumbe, njengoko kwakunjalo kubantu ngemihla kaNowa, kodwa kuya kuba ngendlala, nangezifo, nangekrele.

23 Kodwa akungemithandazo yamalungisa ukuba nisindiswe; ngoku ke ngoko, ukuba niya kuwakhuphela ngaphandle amalungisa phakathi kwenu ke iNkosi ayisayi kusibamba isandla sayo; kodwa ngomsindo wayo owoyikekayo iya kuphuma ize kuni ngokuchasene nani; nize ke nibethwe ngendlala, nangezifo, nangekrele; kwaye bilixa lisondele ngaphandle kokuba ningaguquka.

24 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba abantu baba nomsindo ngakumbi ngakuAmyuleki, baza bamemeza, besithi: Le ndoda yenyelisa ngokuchasene nemithetho yethu elungileyo, nabaqondisi-mthetho bethu abazizilumko esithe sabanyula.

25 Kodwa uAmyuleki wolula isandla sakhe, waza wadanduluka ngamandlakazi kubo, esithi: Owu nina sizukulwana sikhohlakeleyo nesigqwethekileyo, kungani ukuba uSathana abe nolawulo olunamandla kangaka ezintliziyweni zenu? Kungani ukuba nizinikele kuye ukuze abe namandla phezu kwenu, ukuba aamfamekise amehlo enu, ukuze ningawaqondi amazwi ayethethwe, ngokobunyani bawo?

26 Kuba qaphelani, ingaba ndingqine ngokuchaseneyo nomthetho wenu? Aniqondi; nithi ndithethe ngokuchasene nomthetho wenu; kodwa andikwenzanga oko, kodwa ndithethe ndivumelana nomthetho wenu, ukuze nigwetywe.

27 Kwaye ngoku qaphelani, ndithi kuni, isiseko sentshabalalo yaba bantu siyaqalisa ukubekwa ngokungabi nabulungisa akwabaqondisi-mthetho benu nabagwebi benu.

28 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uAmyuleki ethethe la mazwi abantu bamemeza ngokuchasene naye, besithi: Ngoku siyazi okokuba le ndoda ingumntwana womtyholi, kuba aisixokisile; kuba ithethe ngokuchasene nomthetho wethu. Kwaye ngoku ithi ayithethanga ngokuchasene nawo.

29 Kwaye kwakhona, wenyelise ngokuchasene nabaqondisi-mthetho nabagwebi bethu.

30 Kwaye kwenzekile okokuba abaqondisi-mthetho bagqiba ezintliziyweni zabo okokuba kufuneka bazikhumbule ezi zinto ngokuchasene naye.

31 Kwaye kwakukho omnye phakathi kwabo ogama lakhe lalinguZiyezirom. Ke kaloku waye ngoyena uphambili aukutyhola uAmyuleki noAlma, yena ke engoyena uyingcaphephe ngakumbi phakathi kwabo, efumana umsebenzi omninzi phakathi kwabantu.

32 Ke kaloku injongo yaba baqondisi-mthetho yaye ikukuzuza ingeniso; kwaye babefumana ingeniso ngokokusebenza kwabo.