Uncedo lweZifundo
2. Ntaba yeSinayi (Horebhe) neNtlango yeSinayi


2. Ntaba yeSinayi (Horebhe) neNtlango yeSinayi

Umfanekiso
ifoto 2

Kukho amanxuwa aliqela afumanekayo eNtaba iSinayi. Enye yeendawo zesithethe yeYebel Musa (Ntaba kaMoses), ifotwe apha.

Izehlo eziBalulekileyo: UThixo wabonakala kuMoses waza wamnika iMithetho eLishumi (Eks. 19–20). UMoses, uAron, oonyana baka-Aron ababini, nabadala abanga-70 babona kwaye bathetha noThixo (Eks. 24:9–12). UThixo wanika uMoses imiyalelo yokwakha umnquba (Eks. 25–28; 30–31). AmaSirayeli anqula ithole legolide athi acenga uAron ukuba alenze (Eks. 32:1–8). UEliya wabalekela kweli lizwe esuka kwiNtlambo yaseYizereli, apho uKumkanikazi uIzebhele wayehlala khona (Ⅰ OoKum. 19:1–18). Kanjalo yile ndawo uEliya wathetha noThixo khona (Ⅰ OoKum. 19:8–19). (Khangela I kZ Sinayi, Ntaba.)