Uncedo lweZifundo
4. Kadeshe-bharneha


4. Kadeshe-bharneha

Umfanekiso
ifoto 4

Le yimbonakalo yasemntla-mpumalanga yentlambo yentlango enkulu (kanjalo ekuthiwa yiwadi) apho iKadeshe-bharnehe ifumaneka khona. Umfula oguqukela apha ngethuba lexesha leemvula wenza le ibe yindawo enamanzi kakhulu neqhamayo entlango yaseTsin.

Izehlo eziBalulekileyo: Le yindawo ethelekelelwa ukuba kwakukuyo apho uMoses wathumela amadoda ali 12 aye kuhlola ilizwe laseKanan (Num. 13:17–30). Yasebenza njenge nkampu eliziko lamaSirayeli ngethuba lama-38 yeminyaka yabo ephantse yanga-40 engababhaduli entlango (Dut. 2:14). UMiriyam wafa waza wangcwatyelwa apha (Num. 20:1). Lo yayingumbono wovukelo lukaKora, ukumbombozela kwabantu, nokuntshula kwentonga ka-Aron (Num. 16–17). Kufutshane nalapha uMoses wabetha iliwa kwaza kwaphuma amanzi (Num. 20:7–11).