Uncedo lweZifundo
23. Lwandle lwaseGalili neNtaba yeNtshumayelo


23. Lwandle lwaseGalili neNtaba yeNtshumayelo

Umfanekiso
ifoto 23

Ijonge ezantsi ntshonalanga ngentla kwekona yomntla ntshonalanga yoLwandle lwaseGalili, ichibi lamanzi amatsha. Induli embindini wendawo engaphambili isisiza sesithethe seNtaba yeNtshumayelo. IKarpenahum isekhohlo, ngaphandle kwefoto. ITibheriya ikude ezantsi kufutshane nonxweme lwasentshonalanga.

Izehlo eziBalulekileyo: UMsindisi wachithela ubufundisi Bakhe obuninzi bomzimba onokufa kule ngingqi. Apha wabiza waza wamisela aBapostile abaLishumi elineSibini (Mat. 4:18–22; 10:1–4; Marko 1:16–20; 2:13–14; 3:7, 13–19; Luka 5:1–11), wafundisa iNtshumayelo yaseNtabeni (Mat. 5–7), waza wafundisa imizekeliso (Mat. 13:1–52; Marko 4:1–34). Wenza imimangaliso ebandakanya elandelayo: Yena waphilisa oneqhenqa (Mat. 8:1–4); wazolisa uqhwithela (Mat. 8:23–27); wakhupha umkhosi weedemoni kwindodana, ngoko ezangena kwiihagu ezabaleka zaya kungena elwandle (Marko 5:1–15); wadlisa ama-5,000 nama-4,000 (Mat. 14:14–21; 15:32–38); wayalela abafundi Bakhe baphose iminatha yabo ngokwenza njalo, babambisa iintlanzi ezininzi (Luka 5:1–6); Umzekelo, Yena waphilisa abantu abaninz (Mat. 15:29–31; Marko 3:7–12); kwaye wabonakala emva koVuko Lwakhe wafundisa abafundi Bakhe (Marko 14:27–28; 16:7; Yoh. 21:1–23). (Khangela I kZ Galili.)