Uncedo lweZifundo
29. Atene


29. Atene

Umfanekiso
ifoto 29

Le foto ithathwe eAreyopago ibonisa iAkropolis yaseAtene, iziza ezizindawo ezingcwele zezithixo ezahlukeneyo zabahedeni. IAtene yayilikomkhulu lamaGrike amandulo aseAtika nakumaxesha eTestamente eNtsha yayikwiphondo laseRoma lase-Akaya. Yayithiwe ngokunika imbeko isithixokazi sobuhedeni samaGrike uAtena. Ngamaxesha eTestamente eNtsha, ama-Atene ayelahlekelwe kakhulu bubukhulu bawo bokuqala nozuko, kodwa ayesagcine imiqingqwa namatye ezikhumbuzo oothixo abaninzi nezithixokazi, kubandakanywa “Kongaziwayo uThixo” (Izenzo 17:23).

Izehlo eziBalulekilayo: UMpostile uPawulos watyelela isixeko kwaye washumayela intshumayelo yakhe “Kongaziwayo uThixo” eNdulini iMazir (Izenzo 17:15–34). Abefundisi babethunyelwa ukusuka eAtene nakwezinye iindawo zamaGrike (Ⅰ Tes. 3:1–2).