Uncedo lweZifundo
11. Ntaba yeMinquma


11. Ntaba yeMinquma

Umfanekiso
ifoto 11

Le mbonakalo ijonge empumalanga kwiNtaba yeMinquma. Isakhiwo kumhlaba ongaphambili siphawula inxuwa elinokwenzeka ukuba leleSitiya saseGetsemane. Ngo-Oktobha 24, 1841, UMdala uOrson Hyde weQumrhu laBapostile abaLishumi elineSibini wanyuka iNtaba yeMinquma waza wanika umthandazo onesiprofetho wokungcwalisa ukubuya kwabantwana baka-Abraham nokwakhiwa kwetempile.

Izehlo eziBalulekileyo: IRoma yatshabalalisa iYerusalem ngowama-70 E.K. njengoko kwakuxelwe ngaphambili nguMsindisi kwiNtaba yeMinquma. (khangela JS—Mateyu 1:23). UMsindisi usaya kuthi eme eNtabeni yeMinquma phambi kokubonakala Kwakhe kubo bonke abehlabathi. (Khangela Zek. 14:3–5; I&M 45:48–53; 133:19–20; I kZ Ntaba yeMinquma.)