Uncedo lweZifundo
24. Karpenahum


24. Karpenahum

Umfanekiso
ifoto 24

IKapernahum, yayifumaneka kunxweme olusemntla woLwandle lwaseGalili, yayingumbindi wobufundisi bukaYesu baseGalili (Mat. 9:1–2; Marko 2:1–5). Umbindi obalulekileyo nonokuloba okunempumelelo norhwebo, yayilikhaya kwabeeNtlanga ngokunjalo namaYuda. Inani labemi benkulungwane yokuqala alizange ligqithe kwi-1,000 labantu. IKarpenahum yayifumaneka kwiindlela ezinqumlanayo zeendlela ezibalulekileyo zoshishino, inemihlaba etyebileyo eyijikelezileyo. Amadoda okulwa amaRoma akha apha izindlu zokuhlambela noncedo loovimba bokugcina. Nangona wenza imimangaliso emininzi apha, abantu jikelele babala ubufundisi boMsindisi. UYesu ke ngoko wasiqalekisa isixeko (Mat. 11:20, 23–24). Exesheni, iKarpenahum yawa yalinxowa kwaye yahlala ingenako ukumiwa.

Izehlo eziBalulekileyo: IKarpenahum yayisaziwa nje “ngesixeko esisesakhe” uMsindisi (Mat. 9:1–2; Marko 2:1–5). Wasebenza imimangaliso emininzi kwesi siza. Umzekelo, waphilisa abantu abaninzi (Marko 1:32–34), kubandakanya nesicaka somthetheli-khulu (Luka 7:1–10), umkhwekazi kaPetros (Marko 1:21, 29–31), onedumbe okhuko lwakhe olwahliswa ngentungo (Marko 2:1–12), nendoda enesandla esomileyo (Mat. 12:9–13). Apha uYesu wakhupha oomoya abaninzi abangcolileyo (Marko 1:21–28, 32–34), wavusa intombi kaYayiro ekufeni (Mat. 9:18–19, 23–26; Marko 5:22–24, 35–43), kwaye wankia intshumayelo yesonka sobomi kwindlu yesikhungu eKarpenahum (Yoh. 6:24–59). UMsindisi wayalela uPetros abambe intlanzi kuLwandle iGalili, wavula umlomo wayo, waza wafumana ishekele anokuhlawula ngayo irhafu (Mat. 17:24–27).