Uncedo lweZifundo
14. Sitiya saMangcwaba


14. Sitiya saMangcwaba

Umfanekiso
ifoto 14

Sisiza esinokuba lingcwaba lesitiya likaYosefu waseArimati. Abanye abaprofeti banamhlanje bathi beva ukuba umzimba woMsindisi wawulaliswe kwingcwaba elingumfanekiso apha.

Izehlo eziBalulekileyo: Emva kokuba uMsindisi wafela emnqamlezweni, umzimba Wakhe wabekwa kwingcwaba elitsha elixholwe eliweni (Mat. 27:57–60). Ngosuku lwesithathu, abafazi abaliqela baya engcwabeni baza bafumana ukuba umzimba woMsindisi wawungekho apho (Mat. 28:1; Yoh. 20:1–2). Abapostile uPetros noYohane kanjalo baya engcwabeni baza babona ukuba umzimba woMsindisi wawungekho apho (Yoh. 20:2–9). UMsindisi ovukileyo wabonakala kuMariya waseMagadala (Yoh. 20:11–18).