Uncedo lweZifundo
27. Nazarete


27. Nazarete

Umfanekiso
ifoto 27

Le mbonakalo yesixeko saseNazarete sexesha langoku ijonge ngasemzantsi. INazarete yayiyidolophana encinane ngamaxesha asebhayibhileni.

Izehlo eziBalulekileyo: UNifayi wabona umbono kanina woMsindisi eNazarete (1 Nif. 11:13–22). Ingelosi uGabriyeli yaxelela uMariya ukuba uya kuzala uMsindisi (Luka 1:26–35). UGabriyeli waxelela uYosefu ukuba athabathe uMariya amenze umfazi aze athiye unyana wakhe uYesu (Mat. 1:18–25). UYesu wakhulela eNazarete (Mat. 2:19–23; Luka 2:4–40; 4:16). Washumayela waza waziswa kwindlu yesikhungu ukuba Yena wayenguMesiya (Luka 4:16–21), kodwa abantu baseNazarete bamala Yena. (Mat. 13:54–58; Luka 4:22–30). (Khangela I kZ Nazarete.)