Izibhalo
Alma 28


Ingxelo yoonyana bakaMozaya, abawalayo amalungelo abo ebukumkanini ngenxa yelizwi likaThixo, baza benyukela phezulu kwilizwe likaNifayi ukuya kushumayela kumaLeymenayithi; iimbandezelo nokuhlangulwa kwabo—ngokwembali ka-Alma.

Iquka izahluko 17 ukuya ku 27.

Isahluko 28

AmaLeymenayithi ayoyiswa kwidabi elikhulukazi—Amashumi amawaka ayabulawa—Abakhohlakeleyo bathunyelwa kwimo yesimbonono esingenasiphelo; abangamalungisa bafumana ulonwabo olungasoze luphele. Malunga 77–76 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba abantu baka-Amon bezinzisiwe kulo ilizwe alaseYershan, nebandla kanjalo lamiswa kulo ilizwe laseYershan, nemikhosi yamaNifayithi yabekwa ngapha nangapha elizweni laseYershan, ewe, kuyo yonke imida erhangqe ilizwe laseZarahemla; qaphelani imikhosi yamaLeymenayithi yayibalandele abazalwana bayo yangena entlango.

2 Kwaye njalo kwabakho idabi elikhulukazi; ewe, kwa nelingazange laziwa phakathi kwabo bonke abantu elizweni ukususela kwilixa uLihayi elishiya elaseYerusalem; ewe, kwaye amashumi amawaka amaLeymenayithi abulawa aza asasazwa kude.

3 Ewe, kwaye kanjalo kwabakho ukubulala okukhulukazi phakathi kwabantu bakaNifayi; nangona kunjalo, amaLeymenayithi aadudulwa kwaye asasazwa, baza abantu bakaNifayi babuyela kwakhona elizweni labo.

4 Kwaye ngoku eli yaba lilixa ekwathi kwabakho ukulila okukhulu nesijwili esavakalayo kulo lonke ilizwe, phakathi kwabo bonke abantu bakaNifayi—

5 Ewe, isikhalo sabahlolokazi belilela abayeni babo, kananjalo nesooyise belilela oonyana babo, nentombi ililela umnakwayo, ewe, umntakwayo elilela uyise; kwaye njalo isikhalo sokulila savakala phakathi kwabo bonke, belilela isalamane sabo esibuleweyo.

6 Kwaye ngoku ngokwenene le yayiyimini elusizi; ewe, ilixa londiliseko, ilixa alokuzila ukutya kakhulu nomthandazo.

7 Kwaye njalo waphela oweshumi elinesihlanu unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi;

8 Kwaye le yingxelo ka-Amon nabazalwana bakhe, iihambo zabo elizweni likaNifayi, iimbandezelo zabo elizweni, iintsizi zabo, neenkxwaleko zabo, anovuyo lwabo olungena mlinganiselo, nolwamkelo nokhuseleko lwabazalwana elizweni laseYershan. Kwaye ngoku inga iNkosi, uMkhululi wabo bonke abantu, ingayisikelela imiphefumlo yabo ngonaphakade.

9 Kwaye le yingxelo yeemfazwe neembambano phakathi kwamaNifayithi, kananjalo neemfazwe phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi; kwaye oweshumi elinesihlanu unyaka wolawulo lwabagwebi uphelile.

10 Kwaye ukususela kunyaka wokuqala ukuya koweshumi elinesihlanu kwenzeka intshabalalo yobomi obungamawaka amaninzi; ewe, kwenzeka umbono owoyikekayo wempalalo-gazi.

11 Kwaye nemizimba yamawaka amaninzi alaliswe ezantsi emhlabeni, ngeli lixa imizimba yamawaka amaninzi aibola izimfumba phezu kobuso bomhlaba; ewe, kwaye amawaka amaninzi bazilele ukuphulukana nezalamane zawo, ngenxa yokuba anesizathu sokoyika, ngokwezithembiso zeNkosi, zokokuba athunyelwe kwimo yesimbonono esingenasiphelo.

12 Ngeli lixa amawaka amaninzi abanye azila ngokwenene ngokuphulukana nabomlibo wawo, kanti ayagcoba kwaye anemincili kulo ithemba, kwanokwazi, angokwezithembiso zeNkosi, okokuba ayavuswa ukuze ahlale ngasekunene kukaThixo, ekwimo yolonwabo olungapheliyo.

13 Kwaye njalo siyabubona ubungakanani obugqithileyo abokungalingani kwabantu ngenxa yesono nokona, namandla kamtyholi, okuza bngamacebo obuqhinga athe wabuyila ukuze arhintyele iintliziyo zabantu.

14 Kwaye njalo siyalubona ubizo olushushu lwenkuthalo yabantu ukuba basebenze aesidiliyeni seNkosi; kwaye njalo siyasibona isizathu esikhulu sosizi, nesokugcoba kanjalo—usizi ngenxa yokufa nentshabalalo phakathi kwabantu, novuyo ngenxa byokukhanya kukaKrestu okusa ebomini.