Izibhalo
1 Nifayi 17


Isahluko 17

UNifayi uyalelwa ukwakha inqanawe—Abakhuluwa bakhe bayamphikisa—Ubayala ngokubabalisela imbali yeenkqubo zikaThixo noSirayeli—UNifayi uzaliswa ngamandla kaThixo—Abakhuluwa bakhe bayalelwa ukuba bamchukumise, hleze babune njengengcongolo eyomileyo. Malunga 592–591 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba siphinde kwakhona sathabatha uhambo lwethu entlango; kwaye sathi sahamba phantse ngasempuma ukusuka kwelo lixa ukuya phambili. Kwaye sathi sahamba saza sadubada kwiimbandezelo ezininzi entlango; kwaye amakhosikazi ethu athi azala abantwana entlango.

2 Kwaye zazibalasele iintsikelelo zeNkosi phezu kwethu, kuba nangona sasiphila angenyama ekrwada entlango, amakhosikazi ethu aba namasi okuncancisa abantwana bawo amaninzi, kwaye babomelele, ewe, kangangokude bafane namadoda; kwaye aqalisa ukulunyamezela uhambo lwawo ngaphandle kokumbombozela.

3 Kwaye njalo siyabona ukuba imiyalelo kaThixo kufuneka izalisekile. Kwaye ukuba abantwana babantu bathi abayigcine imiyalelo kaThixo uyabondla, kwaye abomeleze, kwaye ababonelele ngendlela abanokuthi ngayo bayiphumeze into leyo abebayalele yona; ngako oko, waye bwasibonelela ngeendlela zokuphila ngelixa esathi saphambukela entlango.

4 Kwaye sathi saphambukela kangangethuba leminyaka emininzi, ewe, kwanayo iminyaka esibhozo entlango.

5 Kwaye saye safika kwilizwe esathi salibiza ngokuba yiNdyebo, ngenxa yeziqhamo zalo ezininzi kwaye kanjalo nobusi basendle; kwaye zonke ezi zinto zalungiselelwa yiNkosi ukuze singatshabalali. Kwaye sabona ulwandle, esalubiza ngokuba yiIreyantumi, ethi, xa itolikwa, amanzi amaninzi.

6 Kwaye kwenzekile okokuba siye sigxumeke iintente zethu ngaselunxwemeni lolwandle; kwaye nangona sanyamezela aiimbandezelo ezininzi nobunzima obukhulu, ewe, kangangokuba zininzi asinako ukuzibhala zonke, saba nokugcoba okugqithisileyo sakuba sifike elunxwemeni lolwandle; saza sayibiza indawo ngokuba yiNdyebo, ngenxa yeziqhamo zayo ezininzi.

7 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba mna, Nifayi, ndikulo ilizwe eliyiNdyebo kangangethuba leentsuku ezininzi, ilizwi leNkosi lafika kum, lisithi: Phakama, kwaye uye entabeni. Kwaye kwenzekile okokuba ndaphakame kwaye ndenyukela entabeni, ndaza ndadanduluka eNkosini.

8 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathetha nam, isithi: Uza kwakha inqanawe, angohlobo endiya kuthi ndikubonise lona, ukuze ndibathwale abantu bakho ukuwela la manzi.

9 Ndaza ndathi: Nkosi, ndingaya ngaphi ukuze ndifumane isinyithi esikrwada ukuze ndisinyibilikise, ukuze ndenze izixhobo zokusebenza zokwakha inqanawe ngokohlobo othe wandibonisa lona?

10 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yandixelela apho mandiye khona ukuze ndifumane isinyithi esikrwada, ukuze ndenze izixhobo zokusebenza.

11 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndiye ndenze imfutho yokuvuthela umlilo, ngezikhumba zezilo kwaye emva kokuba ndenze imfutho, ukuze ndibe nento yokuvuthela umlilo, ndaye ndangqubanisa amatye amabini kunye ukuze ndenze umlilo.

12 Kuba iNkosi kude kube ngoku ibingekasivumeli ukuba sibase imililo, njengoko sasihamba entlango; kuba yathi: Ndiya kukwenza ukutya kwenu kube mnandi, ukuze aningakupheki;

13 Kwaye kanjalo ndiya kuba kukukhanya kwenu entlango; kwaye ndiya akuwulungisa umendo phambi kwenu, ukuba nithe nayigcina imiyalelo yam; ngako oko, kangangokuba niya kuyigcina imiyalelo yam niya kukhokelelwa ngakulo bilizwe lesithembiso; kwaye niya ckuyazi ukuba nikhokelwe ndim.

14 Ewe, kwaye iNkosi yatsho kanjalo ukuba: Emva kokuba nifikile kulo ilizwe lesithembiso, niya akuyazi ukuba mna, Nkosi, bndinguThixo; kwaye nokokuba mna, iNkosi, ndanikhupha entshabalalweni; ewe, okokuba ndanikhupha kulo ilizwe laseYerusalem.

15 Ngako oko, mna, Nifayi, ndazama ngamandla ukuyigcina imiyalelo yeNkosi, ndaza ndabayala abantakwethu ekunyanisekeni nasenkuthalweni.

16 Kwaye kwenzekile okokuba ndiye ndazenza izixhobo zokusebenza ngesinyithi esikrwada endathi ndasinyibilikisa ukusisusa eliweni.

17 Kwaye bathi abantakwethu bakubona ukuba ndandisele ndiza akwakha inqanawe, baqalisa ukumbombozela ngakum, besithi: Umninawa wethu usisiyatha, kuba ucinga ukuba angakha inqanawe; ewe, kwaye ucinga kanjalo ukuba angawawela la manzi makhulu.

18 Baya benjenjalo abakhuluwa bam ukukhalaza ngakum, kwaye babenqwenela nokuba bangasebenzi, kuba babengakholelwa ukuba ndingayakha inqanawe; babengakholewa nokuba ndiyalelwe yiNkosi.

19 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndibelusizi ngokugqithisileyo ngenxa yokuqaqadeka keentliziyo zabo; kwaye ngoku bakubona ukuba ndiqalisa ukubalusizi baba nolonwabo ezintliziyweni zabo, kangangokuba abandivuyela, besithi: Besisazi ukuba ubungenakho ukwakha inqanawe, kuba besisazi okokuba ubungenayo intelekelelo; ngako oko, akunakho ukuwuphumeza umsebenzi omkhulu kangaka.

20 Kwaye ufana nobawo wethu, okhokelwa aziingcingane zobudenge bentliziyo yakhe; ewe, usikhokelele ukuba siphume elizweni laseYerusalem, size sibhadule entlango le minyaka mininzi; kwaye amakhosikazi ethu abulalekile, emakhulu kukukhulelwa; kwaye azele abantwana entlango kwaye anyamezela zonke izinto, ngaphandle nje kokufa; kwaye ngekwakulungile ukuba ayebhubhile ngaphambi kokuba aphume eYerusalem kunokuba anyamezele ezi mbandezelo.

21 Qaphela, le minyaka mininzi sibandezelekile entlango, ixesha elo engesasonwabele izinto zethu nelizwe lelifa lethu; ewe, kwaye ngesasonwabile.

22 Kwaye siyazi ukuba abantu ababekwilizwe laseYerusalem ababengabantu abangamalungisa; kuba babeyigcina imithetho nezigwebo zeNkosi, nayo yonke imiyalelo yayo, ngokwemithetho kaMoses; ngako oko, siyazi ukuba bangabantu abangamalungisa; kwaye ubawo wethu uye wabagweba, waza wasikhokelela kude ngenxa yokuba siye sawamamela amazwi akhe; ewe, nomninawa wethu ufana naye. Kwaye emva kolu hlobo lwentetho abantakwethu bambombozela baza basikhalazela.

23 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndathetha nabo, ndisithi: Niyakholelwa okokuba oobawo bethu, ababengabantwana bakaSirayeli, ngebabekhokelwe ukuphuma ezandleni zamaYiputa ukuba babengawamamelanga amazwi eNkosi?

24 Ewe, niyacinga ukuba ngebabekhokelwe ukuphuma ebukhobokeni, ukuba iNkosi yayingayalelanga uMoses ukuba aabakhokele baphume ebukhobokeni?

25 Ngoku niyazi ukuba abantwana bakaSirayeli ababesebukhobokeni; kwaye niyazi ukuba babethwaliswe bimisebenzi, eyayibuhlungu ukuyinyamezela; ngako oko, niyazi ukuba kufanele ukuba kuyinto elungileleyo kubo, ukuba bakhutshwe baphume ebukhobokeni.

26 Ngoku niyazi ukuba auMoses wayeyalelwe yiNkosi ukwenza loo msebenzi mkhulu kakhulu; kwaye niyazi ukuba bngelizwi lakhe amanzi oLwandle oluBomvu ohluleka ngapha nangapha, kwaye bawelela emhlabeni owomileyo.

27 Kodwa niyazi ukuba amaYiputa ayeliselwa kuLwandle oluBomvu, awayeyimikhosi kaFaro.

28 Kwaye niyazi kanjalo ukuba babesondliwa angemana entlango.

29 Ewe, kwaye niyazi kanjalo ukuba uMoses, ngelizwi lakhe ngokwamandla kaThixo awaye ekuye, awabetha iliwa, kwaza kwaphuma kulo amanzi, ukuze abantwana bakaSirayeli baphelise unxano.

30 Kwaye nangona babengamelani nokukhokelwa, iNkosi uThixo wabo, uMkhululi wabo, ehamba phambi kwabo, ebakhokela emini kwaye ebakhanyisela ngobusuku, kwaye ebenzela zonke izinto aekwakuyimfuneko ukuba abantu bazifumane, baziqaqadekisa iintliziyo zabo kwaye bazimfamekisa iingqondo zabo, kwaye bbamenyelisa uMoses noThixo oyinene nophilayo.

31 Kwaye kwenzekile okokuba njengokwelizwi layo yaye ayabatshabalalisa; kwaye njengokwelizwi layo yaye byabakhokela; kwaye njengokwelizwi layo yaye yabenzela zonke izinto; kwaye akuzange kubekho nanye into eyenziwayo ingenziwanga ngelizwi layo.

32 Kwaye emva kokuba bewuwelile umlambo iYordan yabenza banamandlakazi kude kuye aekukhupheleni ngaphandle abantwana belizwe, ewe, ekubasasazeleni kwintshabalalo.

33 Kwaye ngoku, nicinga ukuba abantwana beli lizwe, ababekulo ilizwe lesithembiso, abakhutshelwa ngaphandle ngoobawo bethu, nicinga ukuba babengamalungisa? Qaphelani, ndithi kuni, Hayi.

34 Nicinga ukuba oobawo bethu ngebabonyuliwe ngaphezu kwabo ukuba babe ngamalungisa? Ndithi kuni, Hayi.

35 Qaphelani, iNkosi ainyama iyibalela ntweni nye; lowo bulilungisa cuyathandwa nguThixo. Kodwa qaphela, aba bantu balikhanyela lonke ilizwi likaThixo, kwaye babebuvuthelwe ubugwenxa; kwaye nengqumbo kaThixo epheleleyo yayiphezu kwabo; kwaye iNkosi yaliqalekisa ilizwe ngokuchasene nabo, yaza yalisikelelela oobawo bethu; ewe, yaliqalekisa ngokuchasene nabo ukuya entshabalalweni yabo, yaza yalisikelelela oobawo bethu kude kuye ekuzuzeni kwabo amandla phezu kwalo.

36 Qaphelani, iNkosi ayadala bumhlaba ukuze cumiwe; yaza yadala abantwana bayo ukuze bawubange.

37 Kwaye auphakamisa isizwe esingamalungisa, aze atshabalalise izizwe zabakhohlakeleyo.

38 Kwaye ukhokelela amalungisa akumazwe axabisekileyo, kwaye abakhohlakeleyo buyabatshabalalisa, aze aliqalekise ilizwe kubo ngenxa yabo.

39 Ulawula ephezulu emazulwini, kuba liyitrone yakhe, kwaye lo mhlaba ausisihlalo seenyawo zakhe.

40 Kwaye uyabathanda abo bamamkelayo ukuze abe nguThixo wabo. Qaphelani, wabathanda oobawo bethu, waza awanqophisana nabo, ewe, kwanaye uAbraham, buIsake, cnoYakobi; waza wayikhumbula iminqophiso awayenzayo; ngako oko, wabaphuthuma kulo ilizwe dlaseYiputa.

41 Kwaye waye waboluleka entlango ngentonga yakhe; kuba bazenza alukhuni iintliziyo zabo, njengoko nani nizenzile; yaza iNkosi yaboluleka ngenxa yobugwenxa babo. Yathumela biinyoka ezitshisayo eziphaphazelayo phakathi kwabo; yaza emva kokuba belunyiwe yalungiselela indlela yokuba maze cbaphiliswe; kwaye umsebenzi ekwakufuneka bewenzile yayikukujonga; kwaye ngenxa dyokungabi nabunzima bendlela, okanye ukuba lula kwayo, baba baninzi abatshabalalayo.

42 Baye baziqaqadekisa iintliziyo zabo amaxesha ngamaxesha, kwaye abamenyelisa buMoses, kwaye kanjalo noThixo; nangona kunjalo, niyazi ukuba bakhokelwa ngamandla akhe angenamlinganiselo ukuya kulo ilizwe lesithembiso.

43 Kwaye ngoku, emva kwazo zonke ezi zinto, lifikile ilixa apho bathe baba nenkohlakalo, ewe, phantse baba bavuthiwe; kwaye andazi kodwa banokuba ngale mihla bakufuphi nokutshatyalaliswa; kuba ndiyazi ukuba umhla umele ngokwenene ufike wokuba batshatyalaliswe, ngaphandle nje kwabambalwa, abaya kukhokelelwa ekuthinjweni.

44 Ngako oko, iNkosi aiyalele ubawo ukuba emke asinge entlango; kananjalo amaYuda ayefuna ukuthabatha ubomi bakhe; ewe, bnani kanjalo nifune ukuthabatha ubomi bakhe, ngako oko, ningababulali ezintliziyweni zenu kwaye nifana nabo.

45 aNiyakhawuleza ukwenza ubugwenxa kodwa nihamba kade ukuyikhumbula iNkosi uThixo wenu. Niyibonile bingelosi, kwaye yathetha nani; ewe, nilivile ilizwi layo amaxesha ngamaxesha; kwaye ithethe nani ngezwi elincinane, elizolileyo kodwa nibe cningaphaya kokuvakalelwa, ukuze ningabi namvakalelo ngamazwi ayo; ngako oko, ithethe nani njengezwi lendudumo, elathi lawenza umhlaba ukuba uzama-zame ngokungathi ungohlukana phakathi.

46 Kwaye niyazi kanjalo ukuba angamandla elizwi lakhe elinamamdla onke angawenza umhlaba udlule; ewe, kwaye niyazi ukuba ngelizwi lakhe angazenza iindawo ezirhabaxa zibe mpuluswa, zize iindawo ezimpuluswa ziqhekeke. Owu, ke, kutheni, ukuba nibe lukhuni kangaka ezintliziyweni zenu?

47 Qaphelani, umphefumlo wam ukrazukile kukuthuthunjelwa ngenxa yenu, kwaye nentliziyo yam ixhwalekile; ndinoloyiko hleze niphoselwe ngaphandle ngonaphakade. Qaphelani, andizaliswe nguMoya kaThixo, kangangokuba umzimba wam bawunamandla.

48 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba ndakube ndithethe la mazwi babanomsindo kum, baza banqwenela ukundiphosa enzulwini yolwandle; kwaye bathi xa besiza phambili ukuze babeke izandla zabo kum ndaye ndathetha nabo, ndisithi: Egameni likaThixo uSomandla, ndiniyalela okokuba aningandichukumisi, kuba ndizaliswe bngamandla kaThixo, ngokude adle inyama yam; kwaye nabani na oya kuthi abeke isandla sakhe phezu kwam uya ckubuna nanjengengcongolo eyomileyo; kwaye akayi kuba ntoyanto phambi kwamandla kaThixo, kuba uThixo uya kumbetha.

49 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndathi kubo maze bangaphindi bambombozele ngokuchasene noyise wabo; bangaphindi bandibandeze ukusebenza kwabo, kuba uThixo undiyalele ukuba ndakhe inqanawa.

50 Ndaza ndathi kubo: aUkuba uThixo ebendiyalele ukwenza zonke izinto bendinako ukuzenza. Ukuba unokundiyalela ukuba ndithi kula manzi, yiba ngumhlaba, aya kuba ngumhlaba; kwaye ukuba ndingatsho, ingenzeka.

51 Kwaye ngoku, ukuba iNkosi inamandla amakhulu kangaka, kwaye yenza imimangaliso emininzi kangaka phakathi kwabantwana babantu, kungani ukuba ingabinakho aukundiyalela mna, ukuba ndakhe inqanawe?

52 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndathetha izinto ezininzi kubantakwethu, kangangokuba bathobeka kwaye abazange babenako nokuba nambambano nam, abazange balinge nokubeka izandla zabo phezu kwam nokundichukumisa oku nangeminwe yabo, kangangeentsuku ezininzi. Ngoku babengenako nokulinga ukwenza oku hleze babune phambi kwam, wawunjalo ke ukuba namandla auMoya kaThixo; kwaye wenza njalo kubo.

53 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathi kum: Yolulela isandla sakho kwakhona kubantakwenu, kwaye abasayi kubuna phambi kwakho, kodwa ndiya kubothusa, itsho iNkosi, kwaye oku ndiya kukwenza, ukuze bazi ukuba ndiyiNkosi uThixo wabo.

54 Kwaye kwenzekile ukuba ndasolulela isandla sam kubantakwethu, kwaye abazange babune phambi kwam; kodwa iNkosi yathi yabagungqisa, nanjengokwelizwi ibe ilithethile.

55 Kwaye ngoku, bathi: Siyazi ngokwenene ukuba iNkosi inawe, kuba siyazi ukuba ngamandla eNkosi athe asigungqisa. Kwaye bawa phantsi phambi kwam, kwaye babelungele aukundinqula, kodwa andibavumelanga, ndisithi: Ndingumntakwenu, ewe, kwanaye umninawa wenu; ngako oko, nqulani iNkosi uThixo wenu, kwaye nibeke uyihlo nonyoko, ukuze bimihla yenu yolulwe kwilizwe eya kuthi iNkosi uThixo wenu ininike lona.