Izibhalo
2 Nifayi 27


Isahluko 27

Ubumnyama nokreqo ziya kugubungela umhlaba ngemihla yokugqibela—INcwadi kaMormoni iya kuza ngaphambili—Amangqina amathathu aya kungqina ngayo incwadi—Indoda efundileyo iya kuthi ayikwazi ukuyifunda incwadi etywiniweyo—INkosi iya kwenza umsebenzi omangalisayo nongummangaliso—Thelekisa Isaya 29. Malunga 559–545 P.K.

1 Kodwa, qaphelani, ngemihla yokugqibela, okanye ngemihla yabeeNtlanga—ewe, qaphelani zonke izizwe zabeeNtlanga namaYuda kanjalo, kunye abo baya kuza phezu kweli lizwe kwaye nabo baya kuba phezu kwamanye amazwe, ewe, kwaphezu kwawo onke amanye amazwe omhlaba, qaphelani, baya kunxila bubugwenxa nazo zonke iintlobo zamasikizi—

2 Kwaye xa sukuba loo mhla uya kuthi ufike baya kuvelelwa yiyo iNkosi yeMikhosi, ngendudumo nangenyikima, nangengxokolo enkulu, nangesaqhwithi, nangomoya ovuthuzayo, nangedangatye lomlilo otshisayo.

3 Kwaye zonke izizwe ezilwa neZiyon, neziyihluphayo, ziya kuba njengephupha lombono wasebusuku; ewe, kuya kuba kubo, kwananjengendoda elambileyo ethi iphuphe, ize izibone isitya kodwa iya kuvuka umphefumlo wayo usalambatha; okanye kufane nendoda enxaniweyo ephuphayo, kwaye qaphela izibone isela kodwa ivuke ize izibone ityhafile, nomphefumlo wayo usanqwenela ukutya; ewe, kwa izihlwele zazo zonke izizwe ezilwa neNtaba yeZiyon, ziya kuba kwanjalo.

4 Kuba qaphelani, nonke nina nenza ngobugwenxa, khanime kwaye nimangazwe, kuba niya kumemeza, nize nikhale; ewe, niya kunxila kodwa kungengayo iwayini, niya kugxadazela kodwa kungengaso isiselo esinxilisayo.

5 Kuba qaphelani, iNkosi ithulule phezu kwenu umoya wobuthongo obunzulu. Kuba qaphelani, niwavalile amehlo enu, kwaye nibalile abaprofeti; nabalawuli benu, neemboni uzigubungele ngenxa yobugwenxa benu.

6 Kwaye kuya kwenzeka okokuba iNkosi uThixo iya kunizisela ngaphambili amazwi encwadi, kwaye aya kuba ngamazwi abathe balala.

7 Kwaye qaphelani incwadi iya kutywinwa; kwaye kuyo incwadi kuya kubakho isityhilelo esivela kuThixo, ukususela ekuqalekeni kwehlabathi ukuya esiphelweni salo.

8 Ngako oko, ngenxa yezinto ezo zitywiniweyo phezulu, izinto ezo ezitywiniweyo azisayi kunikezelwa ngomhla wenkohlakalo namasikizi abantu. Ngako oko incwadi iya kufihlwa kubo.

9 Kodwa incwadi iya kunikezelwa endodeni, kwaye iya kuwanikezela amazwi encwadi, angamazwi abo abathi balala eluthulini, kwaye iya kuwanikezela la mazwi kwenye;

10 Kodwa amazwi athe atywinwa ayisayi kuwanikezela, ingasayi kuyinikezela nencwadi. Kuba incwadi iya kuba itywinwe ngamandla kaThixo, nesityhilelo eso sasitywiniwe siya kufihlwa encwadini kude kube lixesha elifanelekileyo kuyo iNkosi, ukuze abe nokuza ngaphambili; kuba qaphelani, atyhila zonke izinto ukususela kwisiseko sehlabathi ukuya ekupheleni kwalo.

11 Kwaye umhla uyeza ekuya kuthi ngawo amazwi encwadi abetywiniwe afundwe phezu kwezindlu; kwaye aya kufundwa ngamandla kaKrestu; kwaye zonke izinto ziya kutyhilwa kubo abantwana babantu ezakha zabakho phakathi kwabantwana babantu, kwaye eziya kuhlala zikho kude kube sekupheleni komhlaba.

12 Ngako oko, ngawo loo mhla xa sukuba incwadi iya kunikezelwa kuyo indoda esele ndithethe ngayo, incwadi iya kufihlwa emehlweni ehlabathi, ukuze kungabikho mehlo nakabani na aya kuthi ayibone ngaphandle kokuba amangqina amathathu ayibone, ngamandla kaThixo, ngaphandle kwalowo incwadi iya kunikezelwa kuye; kwaye baya kungqina malunga nobunyani bencwadi nangezinto eziphakathi kuyo.

13 Kwaye akukho ongomnye oya kuyiphonononga, ngaphandle nje kwabambalwa ngokwentando kaThixo, ukuze banike ubungqina ngamazwi akhe kubo abantwana babantu; kuba iNkosi uThixo ithe amazwi abo banyanisekileyo aya kuthetha ngokungathi asuka kwelabafileyo.

14 Ngako oko, iNkosi uThixo iya kuqhubeka ukuwazisa ngaphambili amazwi ayo incwadi; kwaye ngomlomo wamangqina amaninzi kangangoko kuyilungeleyo iya kulimisela ilizwi layo; kwaye yeha kulowo uya kuliphikisa ilizwi likaThixo!

15 Kuba qaphelani, kuya kwenzeka okokuba iNkosi uThixo iya kuthi kulowo iya kunikezela kuye incwadi: Thabatha la mazwi angatywinwanga uze uwanikezele komnye, ukuze awabonise kulowo ufundileyo, uthi: Funda apha, ndiya kubongoza. Kwaye ofundileyo uya kuthi: Yizise apha incwadi, kwaye ndiya kuwafunda.

16 Kwaye ngoku, ngenxa yozuko lwehlabathi nokuzuza ingeniso baya kukuthetha oku, kuze kungabi kokozuko lukaThixo.

17 Kwaye indoda iya kuthi: Andinako ukuyizisa incwadi, kuba itywiniwe.

18 Ke ofundileyo uya kuthi: Andinakubanako ukuyifunda.

19 Ngako oko kuya kwenzeka, okokuba iNkosi uThixo iya kuyinikezela kwakhona incwadi namazwi ayo kulowo ungafundanga; kwaye indoda leyo ingafundanga iya kuthi: Andifundanga.

20 Ize ke iNkosi uThixo ithi kuye: Abafundileyo abasayi kuwafunda, kuba bawalile, kwaye ndinako ukuzenzela owam umsebenzi; ngako oko uya kuwafunda amazwi endiya kukunika wona.

21 Ungazichukumisi izinto ezitywiniweyo, kuba ndiya kuzizisa ngaphambili ngexesha elilelam elifanelekileyo; kuba ndiya kubabonisa abantwana babantu ukuba ndinako ukuzenzela owam umsebenzi.

22 Ngako oko, xa uthe wawafunda amazwi endikuyalele ngawo, waza wawafumana amangqina ebendikuthembise ngawo, uze ke uyitywinele phezulu incwadi kwakhona, uyifihlele phezulu kum, ukuze ndibe nokuwalondoloza amazwi lawo ungawafundanga, ndide ndibe nokubona ngobam ubulumko ukuzityhila zonke izinto kubo abantwana babantu.

23 Kuba qaphela, ndinguye uThixo; kwaye ndinguThixo wemimangaliso, kwaye ndiya kukulibonisa ihlabathi okokuba ndinguye izolo, namhla, nangonaphakade; kwaye andisebenzi kubo abantwana babantu ngaphandle kokuba kungokholo lwabo.

24 Kwaye kwakhona kuya kwenzeka okokuba iNkosi iya kuthi kuye lowo uya kuwafunda amazwi lawo aya kuthi anikezelwe kuye:

25 Njengokuba aba bantu besondela kum ngemilomo yabo, baze bandinqule ngemilebe yabo, kodwa iintliziyo zabo bazishenxisele kude nam, noloyiko lwabo kum lufundiswe ngemiyalelo yabantu—

26 Ke ngoko, ndiya kuqhubeka ukwenza umsebenzi omangalisayo phakathi kwaba bantu, ewe, umsebenzi omangalisayo nongummangaliso, kuba ubulumko bezilumko nabafundileyo babo buya kubhanga, nengqiqo yezilumko zabo iya kusitheliswa.

27 Kwaye yeha kubo abo bazama nzulu ukulifihla icebo labo kuyo iNkosi! Kwaye imisebenzi yabo isebumnyameni; baze bathi: Ngubani na osibonayo, kwaye ngubani na osaziyo? Baze bathi kanjalo: Ngokwenene ukuziphethuphethula kwakho izinto kuya kubonwa njengodongwe lombumbi. Kodwa qaphelani, ndiya kubabonisa, itsho iNkosi yeMikhosi, okokuba ndiyayazi yonke imisebenzi yabo. Kuba ingaba umsebenzi unokuthi kulowo uwenzileyo, akundenzanga? Okanye ingaba into eyakhelweyo inokuthi kulowo uyakheleyo, ebengenangqiqo?

28 Kodwa qaphelani, ithi i Nkosi yeMikhosi: Ndiya kubabonisa abantwana babantu okokuba kuselithutyana elincinane kakhulu kwaye iLebhanon iya kubuya ibe yintsimi echumileyo; kwaye intsimi echumileyo iya kuthatyathwa njengehlathi.

29 Kwaye ngaloo mhla izithulu ziya kuliva ilizwi lencwadi, namehlo eemfama aya kubona emfihlakalweni nasebumnyameni.

30 Kwaye abalulamileyo kanjalo baya kwanda, novuyo lwabo luya kuba seNkosini, nabazintsizana phakathi kwabantu baya kugcoba kuye oNgcwele kaSirayeli.

31 Kuba ngokuqinisekileyo njengoko iNkosi iphila baya kubona okokuba owoyikekayo uya kwenziwa into engento, nomgxeki uyatshiswa, kwaye bonke abakhangela ithuba lokwenza ubugwenxa basikelwa ngaphandle;

32 Kwaye nabo bathi bamenze umoni umntu ngelizwi, baze bamthiyele isabatha okhalima esangweni, baze bamkhuphela ecaleni olilungisa njengento engento.

33 Ke ngoko, itsho njalo iNkosi, eyakhulula uAbraham, ngokunxulumene nendlu kaYakobi: UYakobi akasayi kudaniswa ngoku, nobuso bakhe ngoku bubeluthuthu.

34 Kodwa xa sukuba ebona abantwana bakhe, umsebenzi wezandla zam, embindini wakhe, baya kulingcwalisa igama lam, baze bamngcwalise oNgcwele kaYakobi, baze bamoyike uThixo kaSirayeli.

35 Nabo kanjalo abo babethe baphazama ngokwasemoyeni baya kubuya baqonde, kwaye abo babembombozela baya kufunda imfundiso.