Izibhalo
2 Nifayi 23


Isahluko 23

Ukutshatyalaliswa kweBhabhilon ngumfuziselo wentshabalalo ekuBuyeni kweSibini—Iya kuba ngumhla woburhalarhume nempindezelo—IBhabhilon (ihlabathi) iya kuwa ngonaphakade—Thelekisa Isaya 13. Malunga 559–545 P.K.

1 Umthwalo weBhabhilon, awathi uIsaya unyana ka-Amotsi wawubona.

2 Nyusani ibhanile phezu kwentaba ephakamileyo, phakamiselani phezulu izwi kubo, khwebani ngesandla, ukuze babe nokungena kumasango abo ababekekileyo.

3 Ndibayalele abangcwalisiweyo bam, ndiwabizile kanjalo amagorha am, kuba umsindo wam awukho phezu kwabo abo bagcobayo bubungangamsha bam.

4 Ingxokolo yesihlwele ezintabeni ngokungathi yeyabantu abaninzi, isiphithiphithi sengxokolo yezikumkani zezizwe zihlanganisene kunye, iNkosi yeMikhosi ihlanganisa imikhosi yedabi.

5 Iza ivela kwilizwe elikude, esiphelweni samazulu, ewe, iNkosi, nezixhobo zengqumbo yayo, ukuza kutshabalalisa ilizwe lonke.

6 Bhombolozani nina, kuba umhla weNkosi usondele; uya kuza njengentshabalalo esuka kuSomandla.

7 Ke ngoko zonke izandla ziya kutyhafa, intliziyo yakhe wonke umntu iya kunyibilika;

8 Kwaye baya kuba noloyiko; amahlaba neentsizi aya kubaphatha; baya kukhwankqiswa omnye komnye, ubuso babo buya kuba njengamadangatye.

9 Qaphela, umhla weNkosi uyeza, ikhohlakele kunye noburhalarhume nomsindo owoyikekayo, ilenze ilizwe libe yinkangala; kwaye uya kutshabalalisa aboni balo bangabikho kulo.

10 Kuba iinkwenkwezi zezulu nokrozo lweenkwenkwezi zalo aziyi kukunika ukukhanya kwazo; ilanga liya kuba mnyama ekuphumeni kwalo, kwaye inyanga ayiyi kukwenza ukukhanya kwayo kubengezele.

11 Kwaye ndiya kulohlwaya ihlabathi ngenxa yobubi, kwaye nabakhohlakeleyo ngobugwenxa babo; ndiya kukwenza ukuzingca kwabanekratshi kuphele, ndize ndibubeke phantsi ubukhakhamela babo oboyikisayo.

12 Ndiya kuyenza indoda ixabiseke ngaphezulu kunayo igolide engcwengiweyo; kwanayo indoda kunayo igolide ecikizekileyo kaOfire.

13 Ke ngoko, ndiya kuwagungqisa amazulu, kwaye umhlaba uya kushenxa usuke endaweni yawo, ngoburhalarhume beNkosi yeMikhosi, nangomhla womsindo wayo owoyikekayo.

14 Kwaye kuya kuba njengebhadikazi elisukelwa ngabazingeli, kwaye nanjengezimvu ezingahlanganiswayo; kwaye baya kuthi bonke abantu babuyele kwababo abantu, baze babalekele ingulowo kwelakhe ilizwe.

15 Bonke abanekratshi baya kungqulwa ngesikhali, ewe, nabo bonke abazimanyanise nabakhohlakeleyo baya kuwa ngekrele.

16 Abantwana babo kanjalo baya kucunyuzwa phambi kwamehlo abo; izindlu zabo ziya kuphangwa kwaye nabafazi babo badlwengulwe.

17 Qaphelani, ndiya kuxhokonxa amaMedi ngokuchasene nabo, abangasayi kukhathalela silivere nagolide, bengasayi kuyivuyela.

18 Izaphetha zawo kanjalo ziya kukhahlela amadodana abo abe ngamaqhekeza; kwaye awasayi kuba navelwano kwisiqhamo sesizalo; amehlo abo awasayi kuzisindisa iintsana.

19 Kwaye iBhabhilon, ebubukhazikhazi bezikumkani, ubuhle bobungangamsha bamaKaledi, buya kuba njengangoko uThixo wayibhukuqayo iSodom neGomora.

20 Ayi sokuze imiwe, ingasayi kube ihlaliwe ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana: nama-Arabhi akasayi kugxumeka zintente khona; nabelusi abasayi kwenza buhlanti babo apho.

21 Kodwa amarhamncwa entlango aya kubuthuma khona; kwaye izindlu zabo ziya kuzaliswa ngoodyakalashe; kwaye nezikhova ziya kuhlala apho, neempongo ezixhonti ziya kudanisa apho.

22 Kwaye namarhamncwa eziqithi aya kugxwala kumanxiwa abo, kwaye neenamba ezinkulu kubuncwane bamabhotwe abo; kwaye ixesha layo sele likufuphi ukufika, kwaye nomhla wayo awusayi kongezwa. Kuba ndiya kuyitshabalalisa ngokukhawuleza; ewe, kuba ndiya kuba nenceba kubo abantu bam, kodwa abakhohlakeleyo baya kutshabalala.