Izibhalo
Alma 38


Imiyalelo ka-Alma kunyana wakhe uShiblani.

Iquka isahluko 38.

Isahluko 38

UShiblani watshutshiswa ngenxa yobulungisa—Usindiso lukuKrestu, obubomi nokukhanya kwehlabathi—Faka umkhala kuzo zonke iimvakalelo zakho ezinzulu. Malunga 74 P.K.

1 Nyana wam, wanike indlebe amazwi am, kuba ndithi kuwe, kwananjengokuba ndatshoyo kuHilamani, okokuba kangangokuba uya kuyigcina imiyalelo kaThixo uya kuphumelela elizweni; kwaye kangangokuba ungasayi kuyigcina imiyalelo kaThixo uya kusikelwa ngaphandle kobuso bakhe.

2 Kwaye ngoku, nyana wam, ndiyathemba okokuba ndiya kuba novuyo olukhulu ngawe, ngenxa yokuzinza kwakho nentembeko yakho kuye uThixo; kuba njengokuba uqalise ebutsheni bakho ukukhangela kuyo iNkosi uThixo wakho, kwangokunjalo ndiyathemba okokuba uya akuqhubeka ekuyigcineni imiyalelo yakhe; kuba usikelelekile lowo bunyamezela ukuya esiphelweni.

3 Ndithi kuwe, nyana wam, sendibe novuyo olukhulu kuwe, ngenxa yentembeko yakho nenkuthalo yakho, nomonde wakho nokuzeka kade umsindo kwakho phakathi kwabantu abamaZoramayithi.

4 Kuba ndiyazi okokuba wawusemakhamandeleni; ewe, kwaye ndiyazi kanjalo okokuba wawuxulutywa ngamatye ngenxa yelizwi; kwaye wazinyamezela zonke ezi zinto angomonde ngenxa yokuba iNkosi byayinawe; kwaye ngoku uyazi okokuba iNkosi yaye yakuhlangula.

5 Kwaye ngoku nyana wam, Shiblani, ndinga ungakhumbula, okokuba kangangokuba uya kubeka aithemba lakho kuThixo kwangokunjalo uya bkuhlangulwa uphume kwizilingo zakho, cneenkathazo zakho, neembandezelo zakho, kwaye uya kuphakanyiswa ngomhla wokugqibela.

6 Ngoku, nyana wam, andinqweneli okokuba ucinge ukuba ndiyazazela ezi zinto, kodwa nguMoya kaThixo okum owenza zazeke ezi zinto kum; kuba ukuba abendingazelwanga ngokukaThixo ngendingazazanga ezi zinto.

7 Kodwa qaphela, iNkosi ngenceba yayo engenasiphelo yathumela aingelosi yayo ukuba ivakalise kum okokuba mandiwuyeke umsebenzi bwentshabalalo phakathi kwabantu bayo; ewe, kwaye ndiyibonile ingelosi ubuso ngobuso, kwaye yathetha nam, kwaye ilizwi layo lalinje ngendudumo, kwaye lawushukumisa umhlaba wonke uphela.

8 Kwaye kwenzekile okokuba ndandineentsuku ezintathu nobusuku obuthathu ndikweyona ntlungu ikrakra nentuthumbo yomphefumlo; kwaye andizange, ndalufumana auxolelo lwezono zam, ndada ndabe ndakhalela inceba kuyo iNkosi uYesu Krestu. Kodwa qaphela, ndaye ndakhala kuyo kwaye ndaye ndafumana uxolo emphefumlweni wam.

9 Kwaye ngoku, nyana wam, ndikuxelele oku ukuze ube nokufunda ubulumko, ukuze ube nokufunda ngam okokuba aayikho enye indlela okanye uhlobo ekunokuthi umntu asindiswe ngalo, kuphela kukuye kwaye kungaye uKrestu. Qaphela, ububomi bnokhanyiselo lwehlabathi. Qaphela, ulilizwi lenyaniso nobulungisa.

10 Kwaye ngoku, njengoko uqalisile ukulifundisa ilizwi kwangokunjalo ndinga ungaqhubeka ukufundisa; kwaye ndinga ungakhuthala kwaye ubengcathu kuzo zonke izinto.

11 Bona okokuba akuphakamelanga kwikratshi; ewe, bona okokuba aakuzigwagwisi kobakho ubulumko, nakukomelela kwakho okukhulu.

12 Sebenzisa ukukhalipha, kodwa ingabi lugagamelo; kananjalo bona okokuba uzifaka umkhala zonke iimvakalelo zakho ezinzulu, ukuze ube nokuzaliswa ngothando; bona okokuba uyabuyeka ubuvila.

13 Ungathandazi njengokuba amaZoramayithi esenza, kuba ubonile okokuba athandazela ukuba aviwe ngabantu, nokuba anconywe ngobulumko bawo.

14 Musa ukuthi: Owu Thixo, ndiyakubulela kuba asilunge ngaphezulu kunabo abazalwana bethu; kodwa unokuthi: Owu Nkosi, xolela bukungafaneleki kwam, uze ukhumbule abazalwana bam ngenceba—ewe, vuma ukungafaneleki kwakho phambi koThixo ngamaxesha onke.

15 Kwaye akwaba iNkosi ingawusikelela umphefumlo wakho, ize ikwamkele ngomhla wokugqibela ebukumkanini bayo, ukuba uhlale phantsi ngoxolo. Ngoku hamba, uze ufundise ilizwi kubo aba bantu. Yiba nengqiqo. Nyana wam, ndlela-ntle.