Izibhalo
2 Nifayi 18


Isahluko 18

UKrestu uya kuba njengelitye lokukhubeka neliwa lesikhubekiso—Funani iNkosi, ingabi ngabalozayo abaneshologu—Guqukela kuwo umthetho nakubo ubungqina nize nifumane ukhokelo—Thelekisa Isaya 8. Malunga 559–545 P.K.

1 Ngaphezu koko, ilizwi leNkosi lathi kum: Thabathela kuwe umqulu omkhulu, uze ubhale kuwo ngosiba lwabantu, ngokunxulumene noMahere-shalal-hash-bazi.

2 Kwaye ndathabathela kum amangqina anyanisekileyo ukuze abhale ingxelo, u-Uriya umbingeleli, noZekariya unyana kaYebherekiya.

3 Ndaza ndamngena umprofetikazi; waza wamitha waza wazala unyana. Yathi ke iNkosi kum: Mbize igama lakhe, Mahere-shalal-hash-bazi.

4 Kuba qaphela, umntwana akayi kuba nalulwazi lokuthi; Bawo wam, nomama wam, ngaphambi kokuba ubutyebi baseDamasko namaxhoba aseSamari abe athatyathiwe phambi kokumkani waseAsiriya.

5 INkosi kananjalo yathetha nam kwakhona, isithi:

6 Ngenxa yokuba aba bantu bewacekisa amanzi aseShilowa ahamba ngokuzola, baze bagcobele uRetsin nonyana kaRemaliya;

7 Ke ngoko qaphelani, ngoku, iNkosi izisa phezu kwabo amanzi omlambo, anamandla namaninzi, kwanaye ukumkani waseAsiriya kwaye nalo lonke uzuko lwakhe; kwaye uya kuza unyukele phezu kwayo yonke imijelokazi yayo, kwaye uya kunyukela phezu kwazo zonke iindonga zayo.

8 Kwaye uya kutyhudisela kwelakwaYuda; uya kukhukula uphuphume, uya kubetha emqaleni, nokunaba kwawo amahlelo kuya kubuzalisa ububanzi belizwe wakho, Owu Imanuweli.

9 Bhavumani, Owu nina bantu, kuba niya kuqotywa; kwaye ninike iindlebe nonke nina bakumazwe akude; bhinqani, kuba niya kuqotywa; bhinqani kuba niya kuqotywa.

10 Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, kwaye alisayi kuma; kuba uThixo unathi.

11 Kuba itshilo iNkosi njalo kum, iseyisa ngamandla, yaza yandiyalela ukuba maze ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi:

12 Ize ningathi, Ikukucetywa, into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo, ningoyikiswa yiyo.

13 Yingcwaliseni iNkosi yeMikhosi ngokwayo, nize niyivumele ibe luloyiko lwenu, nize niyivumele ibe lixhala lenu.

14 Kwaye iya kuba njengendawo yokwesabela engcwele; kodwa ibe lilitye lokukhubeka, neliwa lokukhubekisa kuzo zombini izindlu zikaSirayeli, ibe sisabatha nomgibe kubo abemi baseYerusalem.

15 Kwaye abaninzi phakathi kwabo baya kukhubeka baze bawe, baze bophuke, baze babambiseke, baze bathatyathelwe ekuthinjweni.

16 Qinisani ubungqina, niwutywine umthetho phakathi kwabafundi bam.

17 Kwaye ndiya kuyilindela iNkosi, ebusithelisayo ubuso bayo kuyo indlu kaYakobi, kwaye ndiya kuyikhangela.

18 Qaphelani, mna kunye nabantwana iNkosi ethe yandinika bona singabemiqondiso nemimangaliso kwaSirayeli esuka kuyo iNkosi yeMikhosi, leyo ihlala kuyo iNtaba yeZiyon.

19 Kwaye xa beya kuthi kuni: Quqelani kwabaneshologu, nakoosiyazi abalozayo nabadumzelayo—akumele na ukuba abantu baquqele kuThixo wabo ukuze abaphilayo beve kwabafileyo?

20 Kuwo umthetho nakubo ubungqina; kwaye ukuba abathi bathethe malunga neli lizwi, kungenxa yokuba akukho kukhanya kubo.

21 Kwaye baya kudlula kulo bebandezelwe ziinzima kwaye belambile; kwaye kuya kwenzeka okokuba xa beya kuthi balambe, baya kuba noburhalarhume, baze bamqalekise ukumkani wabo noThixo wabo, baze bakhangele phezulu.

22 Kwaye baya kukhangela emhlabeni baze babone inkathazo, nobumnyama, kuuncitheka lungcungcutheko, kwaye baya kuqhutyelwa ebumnyameni.