Izibhalo
Alma 23


Isahluko 23

Inkululeko yonqulo iyabhengezwa—AmaLeymenayithi kumazwe asixhenxe nezixeko ayaguquka—Bazibiza ngokuba bangama-Antayi-Nifayi-Lihayi kwaye bakhululwe kuso isiqalekiso—Ama-Amalekayithi nama-Amyulonayithi ala inyaniso. Malunga 90–77 P.K.

1 Qaphelani, ngoku kwenzekile okokuba ukumkani wamaLeymenayithi wathumela aisibhengezo phakathi kwabo bonke abantu bakhe, sokokuba bangazibeki izandla zabo kuAmon, okanye uAron, okanye uOmna, okanye uHimnayi, nakowuphi na owabazalwana babo oya kubheka phambili eshumayela ilizwi likaThixo, nakuyiphi na indawo abaya kuba kuyo, nakuwuphi na ummandla welizwe labo.

2 Ewe, wathumela ummiselo phakathi kwabo, wokokuba maze bangazibeki izandla zabo kubo ukuba bababophelele, okanye ukubaphosa entolongweni; bangabatshiceli, okanye bababethe, okanye babakhuphele ngaphandle kwezindlu zabo zesikhungo, okanye bababethe ngeziniya; bangabaxulubi ngamatye, kodwa nje bamele babenelungelo elikhululekileyo lokungena ezindlwini zabo, kwaye kanjalo neetempile zabo, nezindlu zabo ezingcwele.

3 Kwaye njalo babenako ukubheka phambili baze bashumayele ilizwi ngokweminqweno yabo, kuba ukumkani wayeguqukele eNkosini, nendlu yakhe iphela; ke ngoko wathumela isibhengezo sakhe kulo lonke ilizwe kubo abantu bakhe, ukuze ilizwi likaThixo lingabi nasiphazamiso, kodwa libe nokuhambela phambili kulo lonke ilizwe, ukuze abantu bakhe babe nokuqinisekiswa malunga anezithethe ezikhohlakeleyo zooyise, kwaye nokokuba babe nokuqinisekiswa okokuba bonke babengabazalwana, nokokuba kwakungafuneki ukuba babulale, nakurhwaphiliza, nakuba, nakukrexeza, nakwenza naluphi na uhlobo lwenkohlakalo.

4 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba ukumkani esithumele esi sibhengezo, sokokuba uAron nabazalwana bakhe babheke phambili besuke kwisixeko baye kwesinye, nakwenye indlu yokunqula ukuya kwenye, bemisa amabandla, kwaye bemisela ababingeleli nootitshala kulo lonke ilizwe phakathi kwamaLeymenayithi, ukuba bashumayele kwaye bafundise ilizwi likaThixo phakathi kwawo; baza njalo baqalisa ukuba nempumelelo enkulu.

5 Baza abangamawaka baziswa kulwazi lweNkosi, ewe, amawaka aziswa ukuba akholelwe kuzo aizithethe zamaNifayithi; kwaye bafundiswa bngeembali neziprofetho ezazinikezelwe ukwehla kwanokude zize kwixesha elimiyo.

6 Kwaye ngokuqiniseke njengokuba iNkosi iphila, kuqiniseke ngokunjalo ngobuninzi babo abakholwayo, okanye ngobuninzi babo abaziswa kulwazi lwenyaniso, ngokushumayela kuka-Amon nabazalwana bakhe, ngokomoya wesityhilelo nowesiprofetho, namandla kaThixo esebenza imimangaliso kubo—ewe, ndithi kuwe, njengoko iNkosi iphila, ngobuninzi bawo amaLeymenayithi athi akholelwa kwintshumayelo yabo, aza aaguqukela eNkosini, bakazange akreqe.

7 Kuba aba ngabantu abangamalungisa; aye azibeka phantsi izikhali zemvukelo yabo, ukuze angabi saphinda alwe ngokuchasene noThixo kwakhona, nangokuchasene nabo nabaphi na abangabazalwana bawo.

8 Ngoku, aba angabo baguqukela eNkosini:

9 Abantu bamaLeymenayithi ababekulo ilizwe likaIshmayeli;

10 Kananjalo abangabantu bamaLeymenayithi ababekulo ilizwe laseMidonayi;

11 Kananjalo, abangabantu bamaLeymenayithi ababesesixekweni sikaNifayi;

12 Kananjalo abangabantu bamaLeymenayithi ababekulo ilizwe alaseShayilom, kwaye nababeselizweni laseShemloni, nasesixekweni sikaLemuweli, nasesixekweni sika Shimnilam.

13 Kwaye la ngamagama ezixeko zamaLeymenayithi aawayeguqukele eNkosini; kwaye aba ngabo bazibeka phantsi izikhali zemvukelo yabo, ewe, zonke izikhali zabo zemfazwe; kwaye bonke babengamaLeymenayithi.

14 Kwaye ama-Amalekayithi aayengaguqukanga, ngaphandle nje komnye kuphela; nabo nabaphi na babama-Amyulonayithi; kodwa baye baziqaqadekisa iintliziyo zabo, kananjalo neentliziyo zamaLeymenayithi kwelo cala lelizwe naphina apho ayehlala khona, ewe, kwaye nazo zonke iidolophana zabo kwaye nazo zonke izixeko zabo.

15 Ke ngoko, sizixelile zonke izixeko zamaLeymenayithi awathi kuzo aguquka kwaye eza kulwazi lwenyaniso, aza aguquka.

16 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba ukumkani nabo babeguqukile babenqwenela okokuba babenegama, ukuze ngalo babe nokwahluka kubazalwana babo; ke ngoko ukumkani wacebisana kunye noAron nabaninzi bababingeleli babo, malunga negama emabalithabathele kubo, ukuze babenokwahluka.

17 Kwaye kwenzekile okokuba bazibiza amagama abo ngokuba angama-Antayi-Nifayi-Lihayi; kwaye babebizwa ngeli gama kwaye bengasabizwa ngokuba ngamaLeymenayithi.

18 Kwaye baqalisa ukuba ngabantu abakhutheleyo; ewe, kwaye babenobuhlobo kunye namaNifayithi; ke ngoko, baye bavula imbalelwano kunye nabo, saza aisiqalekiso sikaThixo asaphinda sibalandele.