Izibhalo
2 Nifayi 3


Isahluko 3

UYosefu eYiputa wawabona amaNifayithi kumbono—Waprofetha ngoJoseph Smith, imboni yemihla yokugqibela; ngoMoses, owaye eya kuhlangula uSirayeli; nokuza ngaphambili kweNcwadi kaMormoni. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye ngoku ndithetha nawe, Yosefu, thunjana lam. Wazalelwa kwintlango yeembandezelo zam, ewe, ngemihla yeentsizi zam ezinkulu unyoko wakuzala.

2 Kwaye inga iNkosi ingalingcwalisela kuwe kanjalo eli lizwe, eli lilizwe elinexabiso elikhulu, libe lilifa lakho nelifa lembewu yakho kunye nabakhuluwa bakho, ukuze nikhuseleke ngonaphakade, ukuba niya kuthi niyigcine imiyalelo yoNgcwele kaSirayeli.

3 Kwaye ngoku, Yosefu, thunjana lam, endalikhupha kwintlango yeembandezelo zam, inga iNkosi ingakusikelela ngonaphakade, kuba imbewu yakho ayiyi kutshatyalaliswa kwaphela.

4 Kuba qaphela usisiqhamo sesinqe sam; kwaye mna ndisisizukulwana sikaYosefu owathatyathwa wathinjelwa eYiputa. Kwaye yayimikhulu kakhulu iminqophiso yeNkosi eyathi yayenza kuYosefu.

5 Ngako oko, uYosefu ngokwenene wawubona umhla wethu. Kwaye wafumana isithembiso eNkosini, sokuba kwisiqhamo sesinqe sakhe iNkosi uThixo iya kuphakamisa isebe elinobulungisa kuyo indlu kaSirayeli; ingenguye uMesiya, kodwa isebe elaliya kuqhetshulwa lisuke, nangona kunjalo, liya kukhunjulwa kwiminqophiso yeNkosi yokuba uMesiya uya kubonakala kubo ngemihla yokugqibela, esemoyeni wamandla, ukuze abakhuphe ebumnyameni abazise ekukhanyeni—ewe, baphume emfihlakalweni yobumnyama kwaye baphume nasekuthinjweni baye enkululekweni.

6 Kuba uYosefu ngokwenene wangqina, esithi: Imboni iya kuyiphakamisa iNkosi uThixo wam, eya kuba yimboni ekhethekileyo kwisiqhamo sesinqe sam.

7 Ewe, uYosefu ngokwenene wathi: Itsho njalo iNkosi kum: Imboni ekhethekileyo ndiya kuyiphakamisa iphuma kwisiqhamo sesinqe sakho; kwaye iya kunikwa isidima esikhulu phakathi kwesiqhamo sesinqe sakho. Kwaye kuyo ndiya kunikela umyalelo wokuba uya kwenza umsebenzi kwisiqhamo sesinqe sakho, abazalwana bakho, oya kuba lixabiso elikhulu kubo, nasekubabuyiseleni kulwazi ngeminqophiso endayenzayo nooyihlo.

8 Kwaye ndiya kunikela kuye umyalelo wokuba akasayi kwenza nawuphina ongomnye umsebenzi, ngaphandle komsebenzi lowo endiya kumyalela wona. Kwaye ndiya kumenza mkhulu emehlweni am; kuba uya kwenza umsebenzi wam.

9 Kwaye uya kuba mkhulu njengoMoses, endithe ndiya kumphakamisela kuwe, ukuze akhulule abantu bam, Owu, ndlu kaSirayeli.

10 Kwaye ndiya kuphakamisa uMoses, ukuba akhulule abantu bakho baphume kwilizwe laseYiputa.

11 Kodwa ndiya kuphakamisa imboni iphume kwisiqhamo sesinqe sakho; kwaye kuyo ndiya kunikela amandla okuzisa ngaphambili ilizwi lam lize kwimbewu yesinqe sakho—kwaye ingabi kukuzisa ilizwi lam kuphela, itsho iNkosi, kodwa ukubaqinisekisa ngelizwi lam, eliya kuba seliphumile ukuza ngaphambili phakathi kwabo.

12 Ngako oko, isiqhamo sesinqe sakho siya kubhala, kwaye nesiqhamo sesinqe sikaYuda siya kubhala, kwaye oko kuya kubhalwa sisiqhamo sesinqe sakho, kwaye kanjalo oko kuya kubhalwa sisiqhamo sesinqe sikaYuda, kuya kuhluma kunye, ukuze kubhidaniswe iimfundiso zobuxoki kwaye kupheliswe iimbambano, kwaye kumiselwe uxolo phakathi kwesiqhamo sesinqe sakho, nokubazisa kulwazi looyise ngemihla yamva, nakulwazi kanjalo lweminqophiso yam, itsho iNkosi.

13 Kwaye ebuthathakeni bakhe uya komelezwa, ngaloo mhla xa umsebenzi wam uya kuqalisa phakathi kwabo bonke abantu bam, ukuze ubuyiselwe, Owu ndlu kaSirayeli, itsho iNkosi.

14 Kwaye wenjenjalo ukuprofetha uYosefu, esithi: Qaphela, loo mboni iya kusikelelwa yiNkosi; kwaye abo bafuna ukuyitshabalalisa baya konganyelwa; kuba esi sithembiso, endithe ndasifumana eNkosini, malunga nesiqhamo sesinqe sam, siya kuzaliseka. Qaphela, ndiqinisekile ngokuzaliseka kwesi sithembiso.

15 Kwaye igama lakhe uya kuthiywa ngam; kwaye uya kube ethiywe ngegama likayise. Kwaye uya kuba njengam; kuba into leyo, eya kuthi iNkosi iyizise ngaphambili ngesandla sayo, ngamandla eNkosi iya kuzisa abantu bam elusindisweni.

16 Ewe, waprofetha njalo uYosefu: Ndiqinisekile ngale nto, nanjengokuba ndiqinisekile ngesithembiso ngoMoses; kuba iNkosi iye yathi kum, ndiya kuyilondoloza imbewu yakho ngonaphakade.

17 Kwaye iNkosi iye yathi: Ndiya kuphakamisa onguMoses; kwaye ndiya kumnika amandla entongeni; kwaye ndiya kumnika intelekelelo ekubhaleni. Kodwa andiyi kulikhulula ulwimi lwakhe, aze athethe kakhulu, kuba andiyi kumenza abe namandlakazi ekuthetheni. Kodwa ndiya kumbhalela umthetho wam, ngomnwe wesandla sam; kwaye ndiya kumnika isithethi.

18 Kwaye iNkosi ithe kum kanjalo: Ndiya kuphakamisela kwisiqhamo sesinqe sakho imboni; kwaye ndiya kumnika isithethi. Kwaye mna, qaphela, ndiya kumnika ukuba abe namandla ekubhaleni imibhalo yesiqhamo sesinqe sakho, ukuze iye kwisiqhamo sesinqe sakho; kwaye isithethi sesinqe sakho siya kuyivakalisa.

19 Kwaye amazwi aya kuwabhala aya kuba ngamazwi aluncedo ngokobulumko bam ukuba aye phambili kwisiqhamo sesinqe sakho. Kwaye kuya kuba ngathi isiqhamo sesinqe sakho simemezile kubo ukusuka eluthulini; kuba ndiyalwazi ukholo lwabo.

20 Kwaye baya kumemeza ukusuka eluthulini; ewe, baya kumemeza inguquko kubo abazalwana babo, nasemva kokuba izizukulwana ezininzi sezadlula kubo. Kwaye kuya kwenzeka ukuba isimemezo sabo siya kuya kubo, kwa nangokucaca kwamazwi abo.

21 Ngenxa yokholo lwabo amazwi abo aya kuqhubela phambili ephuma emlonyeni wam ukuya kubazalwana babo abasisiqhamo sesinqe sakho; kwaye ubuthathaka bamazwi abo ndiya kubenza bube namandla elukholweni lwabo, ukuze bakhumbule iminqophiso yam endayenza kooyise.

22 Kwaye ngoku, qaphela, nyana wam Yosefu, waprofetha ngolu hlobo ubawo wamandulo.

23 Ngako oko, ngenxa yalo mnqophiso usikelelekile; kuba imbewu yakho ayisayi kutshatyalaliswa, kuba baya kuweva amazwi encwadi.

24 Kwaye kuya kuphakama omnye onamandla phakathi kwabo, oya kwenza okulunge kakhulu, kunye emazwini nasekwenzeni, esisixhobo sokusebenza ezandleni zikaThixo, enokholo olugqithisileyo, ukwenza imimangaliso enamandlakazi, kwaye enze loo nto inkulu emehlweni kaThixo, ukuze kuzaliseke ukubuyiselwa okukhulu kuyo indlu kaSirayeli, nakuyo imbewu yabantakwenu.

25 Kwaye ngoku, usikelelekile, Yosefu. Qaphela, usemncinane, ngako oko waphulaphule amazwi omntakwenu, uNifayi, kwaye kuya kwenzeka kuwe nanjengokwamazwi endiwathethileyo. Uze uwakhumbule amazwi oyihlo ofayo. Amen.