Izibhalo
1 Nifayi 15


Isahluko 15

Inzala kaLihayi iya kufumana ivangeli kubo abeeNtlanga ngemihla yamva—Ukuhlanganiswa kukaSirayeli kufanekiswa kunye nomthi womnquma omasebe wawo endalo aya kumiliselwa kwakhona—UNifayi utolika umbono womthi wobomi kwaye uthetha ngobulungisa bukaThixo ngokwahlula abakhohlakeleyo kwabangamalungisa. Malunga 600–592 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba mna, Nifayi, bendiphakanyiselwe kude eMoyeni, ndaze ndazibona zonke ezi zinto, ndabuyela ententeni kabawo.

2 Kwaye kwenzekile okokuba ndibone abakhuluwa bam kwaye babephikisana omnye nomnye ngokunxulumene nezinto athe ubawo wazithetha kubo.

3 Kuba ngenene wathetha izinto ezininzi nezinkulu kubo, ezaye zinzima aukuziqonda, ngaphandle kokuba umntu abuze eNkosini; kwaye ke bona beqaqadekile ezintliziyweni zabo, ke ngoko abazange bakhangele Nkosini njengoko babefanele.

4 Kwaye ngoku mna, Nifayi, ndeva buhlungu ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo, kananjalo, nangenxa yezinto endathi ndazibona, kwaye ndisazi ukuba ngokungenakuncedwa kwakumele zenzeke ngenxa yenkohlakalo enkulu yabantwana babantu.

5 Kwaye kwenzekile okokuba ndoyisakale ngenxa yeembandezelo zam, kuba ndandicinga ukuba aiimbandezelo zam zazinkulu ngaphezu kwazo zonke, ngenxa byentshabalalo yabantu bam, kuba ndandikubonile ukuwa kwabo.

6 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba ndifumene aamandla ndaye ndathetha nabakhuluwa bam, ndinqwenela ukwazi kubo unobangela weempikiswano zabo.

7 Baza bathi: Qaphela, asinako ukuwaqonda amazwi athe ubawo wawathetha ngokunxulumene namasebe endalo omthi womnquma, kananjalo ngokunxulumene nabeeNtlanga.

8 Ndaza ndathi kubo: Nikhe anabuza na eNkosini?

9 Baza bathi kum: Asikhange; kuba iNkosi ayisazisi thina into enjalo.

10 Qaphela, ndathi kubo: Kungani ukuba ningayigcini imiyalelo yeNkosi? Kungani ukuba nibe niya kutshabalala, ngenxa ayokuqaqadeka kweentliziyo zenu?

11 Anizikhumbuli izinto ethe yazithetha iNkosi?—Ukuba aniyi kuziqaqadekisa iintliziyo zenu, nize anindibuze ngokholo, nikholelwa okokuba niya kufumana, ninenkuthalo ekugcineni imiyalelo yam, ngokwenene ezi zinto ziya kwenziwa zazeke kuni.

12 Qaphelani, ndithi kuni, indlu kaSirayeli yathelekiswa nawo umthi womnquma, ngoMoya weNkosi owawukuye ubawo wethu; kwaye qaphelani asithanga saqetshulwa kuyo indlu kaSirayeli, kwaye asililo kusinina aisebe lendlu kaSirayeli?

13 Kwaye ngoku, into asingisele kuyo ubawo malunga nokumiliselwa kwamasebe endalo ngexesha elimisiweyo labeeNtlanga, yile, yokuba ngemihla yamva, xa imbewu yethu iya kube isiya aiphelela ekungakholweni, ewe, kangangethuba leminyaka emininzi, kwaye nezizukulwana ezininzi emva kokuba buMesiya eya kubonakala ngesiqu kubantwana babantu, iya kuthi ke civangeli epheleleyo kaMesiya ifike kwabeeNtlanga, kwaye ukusuka dkwabeeNtlanga iye kwintsalela yembewu yethu—

14 Kwaye ngaloo mhla intsalela ayembewu yethu iya kuthi yazi ukuba iyeyendlu kaSirayeli, kwaye nokokuba bingabantu bomnqophiso weNkosi; kwaye ke iya kuthi yazi kwaye ifikelele ckulwazi ngookhokho bayo, kananjalo kulwazi lwevangeli yoMkhululi wayo, eyayifundisiwe kooyise bayo nguye; ngako oko, iya kufikelela kulwazi ngoMkhululi wayo kwaye nawonawona manqaku emfundiso yakhe, ukuze yazi indlela enokuthi ize kuye ngayo kwaye isindiswe.

15 Kwaye ke ngaloo mhla ayisayi kugcoba kusini na kwaye imdumise uThixo wayo wanaphakade, ailiwa layo nosindiso lwayo? Ewe, ngaloo mhla, ayisayi kuzuza komelela nokondleka kuwo bumdiliya wenyani? Ewe, ayisayi kuza kuwo umhlambi oyinyani kaThixo?

16 Qaphelani, ndithi kuni, Ewe; iya kukhunjulwa kwakhona phakathi kwendlu kaSirayeli; iya akumiliselwa kuyo, ilisebe lendalo lomthi womnquma, kuwo umthi womnquma wenyani.

17 Kwaye oku kuko oko ubawo abesingisele kuko; kwaye uthetha ukuthi ayinako ukwenzeka kude kube semva kokuba isasaziwe ngabo abeeNtlanga; kwaye uthetha ukuthi iya kuza ngabo abeeNtlanga, ukuze iNkosi ibonise amandla ayo kubo abeeNtlanga, ngenxa yokuba iya akwaliwa ngamaYuda, okanye, yindlu kaSirayeli.

18 Ngako oko, ubawo wethu akathethanga ngembewu yethu kuphela, kodwa kanjalo nangayo yonke indlu kaSirayeli, ebhekisa kumnqophiso ofanele ukuba uzaliseke ngemihla yokugqibela; umnqophiso lowo iNkosi yawenza kubawo wethu uAbraham, isithi: Kuyo aimbewu yakho ziya kusikeleleka zonke izalamane zomhlaba.

19 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndithethe kakhulu nabo ngokunxulumene nezi zinto; ewe, ndathetha nabo ngokunxulumene anokubuyiselwa kwamaYuda ngemihla yokugqibela.

20 Kwaye ndabalisa amazwi akaIsaya, awathethayo ngokunxulumene nokubuyiselwa kwamaYuda, okanye indlu kaSirayeli; kwaye emva kokuba ebuyiselwe awasayi kube baphinde ababhidaniswe, engasayi kuphinda asasazwe kwakhona. Kwaye kwenzekile okokuba ndithethe amazwi amaninzi kubantakwethu, baza baxola kwaye baye bbazithoba phambi kweNkosi.

21 Kwaye kwenzekile okokuba baphinda bathethe nam kwakhona, besithi: Yintoni intsingiselo yale nto awathi ubawo wayibona ephupheni? Yintoni intsingiselo ayomthi athe wawubona?

22 Ndaza ndathi kubo: Yayimele aumthi wobomi.

23 Baza bathi kum: Yintoni intsingiselo ayentonga yesinyithi awathi wayibona ubawo wethu, eyayikhokelela emthini?

24 Ndaza ndathi kubo ayayililizwi likaThixo; kwaye abo baya kuthi balive ilizwi likaThixo, baze bbabambelele nkqi kulo, abasokuze batshabalale; kwanazo cizihendo dneentolo zomlilo ezotshaba azingeze zibongamele ukuze bamfanyekiswe, bakhokelelwe kude entshabalalweni.

25 Ngako oko, mna, Nifayi, ndaye ndabayala ukuba abalinyamekele ilizwi leNkosi, ewe, ndaye ndabayala ngawo onke amandla omphefumlo wam, nangabo bonke ubuchule endandinabo, ukuba baze balinyamekele ilizwi likaThixo kwaye bakhumbule ukugcina imiyalelo yakhe ngamaxesha onke kuzo zonke izinto.

26 Baza bathi kum: Yintoni intsingiselo ayomlambo wamanzi awathi wawubona ubawo wethu?

27 Ndaza ndathi kubo aamanzi athi wawabona ubawo byayibubunyhuku-nyhuku; kwaye kangangohlobo eyayigutyungelwe ngayo ingqondo yakhe zezinye izinto akazange abe nokububona ubunyhuku-nyhuku bamanzi.

28 Ndaza ndathi kubo ayayingumsantsa owoyikekayo, owawohlule abakhohlakeleyo kumthi wobomi, kananjalo kubo abangcwele bakaThixo.

29 Ndaza ndathi kubo yayimele esa asihogo soyikekayo, eso yathi ingelosi kum sasilungiselelwe abakhohlakeleyo.

30 Ndaza ndathi kubo ubawo wethu wabona kananjalo ukuba aubulungisa bukaThixo nabo buya bohlula abakhohlakeleyo kwabangamalungisa; kwaye ukukhanya kwabo babufana nokukhanya kwedangatye lomlilo, elinyukela phezulu kuThixo ngonaphakade kanaphakade, kwaye alinaso isiphelo.

31 Baza bathi kum: Ingaba le nto ayithethi ukuthuthumba komzimba ngemihla ayokulingwa, okanye ayithethi imo yokugqibela yomphefumlo emva bkokufa komzimba wasenyameni, okanye ayithethi ngezinto ezizezasenyameni?

32 Kwaye kwenzekile okokuba ndathi kubo yayimele izinto zombini ezasenyameni nezomoya; kuba umele ufike umhla wokuba bagwetywe angokwemisebenzi yabo, ewe, kwa nayo imisebenzi eyayisenziwa ngumzimba wenyama ngemihla yabo yokulingwa.

33 Ngako oko, ukuba bathe abafa besesenkohlakalweni yabo kufuneka bbakhutshelwe ngaphandle kanjalo, ngokwezinto zasemoyeni, eziphathelele ebulungiseni; ngako oko, kufanele baziswe ukuze beme phambi koThixo, ukuze cbagwetywe dngokwemisebenzi yabo; kwaye ukuba imisebenzi yabo ibe ibubunyhuku-nyhuku bamele ekukubanyhuku-nyhuku; kwaye ukuba banyhuku-nyhuku kumele ukuba abanako fukuhlala ebukumkanini bukaThixo; ukuba kunjalo, ubukumkani bukaThixo bumele bubenyhuku-nyhuku kanjalo.

34 Kodwa qaphela, ndithi kuni, ubukumkani bukaThixo abukho anyhuku-nyhuku, kwaye akukho nanye into engacocekanga enakho ukungena ebukumkanini bukaThixo; ngako oko kumele kubekho indawo yobunyhuku-nyhuku elungiselelwe loo nto inyhuku-nyhuku.

35 Kwaye ikhona indawo elungiselelweyo, ewe, kwasona eso asihogo soyikekayo esele ndithethile ngaso, kwaye bumtyholi ngumlungisi waso; ngako oko imo yokugqibela yemiphefumlo yabantu kukuhlala ebukumkanini bukaThixo, okanye kukukhutshelwa ngaphandle ngenxa yoba cbulungisa ebendithethe ngabo.

36 Ngako oko, abakhohlakeleyo bayasuswa kumalungisa, kwaye kanjalo kulaa amthi wobomi, osiqhamo sawo sixabiseke kwaye bsinqweneleka ngakumbi ngaphezu kwazo zonke ezinye iziqhamo; ewe, kwaye sisesona csikhulu ngakumbi kuzo zonke dizipho zikaThixo. Kwaye ndathetha njalo ke kubantakwethu. Amen.